bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 11
Luke 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 12 →
1
KWAZA kwati, nxa ebesendaweni etile etandaza, akupeza, wati omnye wakubadisipile bake kuye: Nkosi! sifundise tina ukutandaza, njengokuba no‐Johane wafundisa abadisipile bake.
2
Wayesiti kubo: Xeshekweni nitandazayo, yitini: Bawo wetu osezulwini! Malipatwe ngobungcwele igama lako. Ubukumkani bako mabufike. Intando yako mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini.
3
Sipe imihla ngemihla ukutya kwetu kwemihla ngemihla.
4
Usixolele izono zetu; ngokuba nati sixolela bonke abonayo kuti. Ungasingenisi ekulingweni, zusisindise enkohlakalweni.
5
Waza wati kubo: Nguwupina kuni oya kuba nomhlobo, waeya kuya kuye pakati kwobusuku, aze ati kuye: Mhlobo! ndiboleke izonka zibe zitatu;
6
ngokokuba umhlobo wam efikile kum evela ekuhambeni, endingenanto yokubeka pambi kwake:
7
aze lowo upakati apendule ati: Ungandikatazi; ucango seluvaliwe, nabantwana bam bako nam endaweni yokulala; andingevuke ndikunike?
8
Nditi kuni: Nokuba akayi kuvuka amnike, ngenxa yokuba engumhlobo wake, woti noko, ngenxa yokujoka kwake, avuke amnike zonke azifunayo.
9
Kanjalo nditi mna kuni: Celani, naniya kupiwa; funani, naniya kufumana; qongqotani, naniya kuvulelwa.
10
Ngokuba bonke abacelayo besamkela, nofunayo uyafumana, noqongqotayo uya kuvulelwa.
11
Nguwupina wakuni onguyise, oya kuti, ukuba unyana wake uya kucela kuye isonka, amnikele ilitye? nokuba uya kucela intlanzi, endaweni yentlanzi amnikele inyoka?
12
umhlaumbi nokuba uyacela iqanda, amnikele unomadudwane?
13
Ngako ukuba nina, nikohlakele nje, niyazi ukupa abantwana benu izipo ezilungileyo, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuti uyihlo wasezulwini ape abo bacelayo kuye umoya oyingcwele?
14
Kekaloku waeku̔pa idemoni, yaisidenge ke yona. Kwabekute, nxa idemoni ibipumile, sateta isidenge: zaza zati nqa izihlwele.
15
Kodwa inxenye kubo bati: Uyaziku̔pa idemoni ngaye u‐Belezebule inkosi yedemoni.
16
Nabanye, bemlinga, bebefuna umqondiso kuye uvela ezulwini.
17
Kuloko yena wazazi inkumbulo zabo, wati kubo: Bonke ubukumkani obupambeneyo ngokwabo buyaci̔takaliswa; nendlu epamb eneyo nendlu iyawa.
18
Kanjalo no‐Satane ukuba upambene ngokwake, boti nina ubukumkani bake ukuma? ngokuba nisiti ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule.
19
Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule mna, bayaziku̔pa ngobanina onyana benu? ngako oko bona boba ngabagwebi benu.
20
Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngomnwe katixo, kukona sebunifikele ubukumkani bukatixo.
21
Xeshekweni onamandla exo̔bile ayigcina indlu yake, impahla zake zisekupumleni:
22
kodwa emvenikweni onamandla makulu kwawake amzumileyo wamoyisa, uyasusa konke ukuxo̔ba kwake abetembele kuko, awabe amaxoba ake.
23
Ongengecala lam, uyalana nam; nongabutani nam, uyaci̔ta.
24
Xeshekweni umoya onco̔lileyo apumile emntwini, uyacanda ezindaweni ezingenamanzi, efuna ukupumla; kanti engakufumani nje, uti: Ndiya kubuyela endlwini yam, apo ndapuma kona:
25
ati akufika ayifumane itshayelwe, ihonjiwe.
26
Andule ukuya atabate naye abanye omoya abasixe̔nxe, abakohlakeleyo ngakumbi kuye, abati bangene bahlale kona: kuze kuti okwokupela kwalomntu kube kubi kokwokuqala.
27
Kwaye kute ekuziteteni kwake ezizinto, umfazi otile wasesihlweleni wapakamisa ilizwi wati kuye: Sinetamsanqa isizalo esakutwalayo, namabele owawanyayo.
28
Kodwa yena wati: Hai gxebe, banetamsanqa abo balivayo ilizwi likatixo, balibambe.
29
Kekalolu nxa izihlwele zibe zibutana ndawonye ngemikumdelikane, waqala ukuti: Esisizukulwana sesikohlakeleyo; siyafuna umqondiso, kanti asiyi kunikwa mqondiso, kupela umqondiso ka‐Jona umprofite.
30
Ngokuba, njengokuba u‐Jona ebengumqondiso kuma‐Nineve, kwa njalo nonyana wesintu woba ngumqondiso kwesisizukulwana.
31
Ukumkanikazi wasesuyide uya kuvuka eme emgwetyweni kunye nabantu besisizukulwana, abagwebe: ngokuba wavela ezipelweni zomhlaba ukuza kuva ubulumko buka‐Solomone; kanti nanku omkulu ku‐Solomone apa.
32
Abantu base‐Nineve baya kusuka beme emgwetyweni kunye nesisizukulwana, basigwebe: ngokuba baguqukayo ngokushumayela kuka‐Jona; kanti nanku omkulu ku‐Jona apa.
33
Akuko mntu oti, akubaneka isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, napantsi kwento yokulinganisa, koko asibeka pezu kwekandelare, ukuze abangenayo babone ukukanya kwaso.
34
Isibane somzimba sililiso: ngako xeshekweni iliso lako lingenanto, wonke umzimba wako uba nokukanya nawo; kodwa emvenikweni lenzakeleyo, nomzimba wako umnyama.
35
Lumka ke kungabi ukukanya okupakati kwako kububumnyama.
36
Ukuba ngoko wonke umzimba wako unokukanya, ungenanye indawo imnyama, uya kuba nokukanya wonke, njengokuya isibane sikukanyiselayo ngenkazimlo yaso.
37
Kekaloku nxa atetileyo, umfarisi otile wamtandaza ukuba adlele kuye isidlo sasemini; wangena ke, wahlala pantsi.
38
Wati umfarisi akubona wati nqa ukuba ebengatanga kuqala wahlamba engeka tyi isidlo sasemini.
39
Koko yati inkosi kuye: Kaloku nina bafarisi okupandle kwendebe nesikotile niya kuhlambulula; kodwa okupakati kwenu kuzele bubupanga nenkohlakalo.
40
Zidenge! lowo wakwenzayo okupandle, akakwenza na nokupakati?
41
Kodwa izinto zapakati zipeni amalizo ngazo; kukona, bona ke, zonke izinto zihlambulukile kuni.
42
Koko kuya kuba nzima kuni bafarisi! ukuba ninika izishumi zetyeleba, nezeruwe, nezemifuno yonke, kanti niyagqita ubugwebo, notando lukatixo: bekufanele ezi ukuba zenzwe, neziya ukuba zingayekwa.
43
Kwoba nzima kuni bafarisi! ukuba nitanda isihlalo sapambili ezindlwini zentlanganiso, nemibuliso ezindaweni zentengo.
44
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba ninjengamancw̔aba angabonakaliyo, bati abantu abahambayo pezu kwawo bangawazi.
45
Kwaza kwapendula omnye wakubaqondisimteto wati kuye: Mfundisi! usitsho nje uyasituka nati.
46
Koko wati: Kwoba nzima nakuni baqondisimteto! ukuba nitwesa abantu ngemitwalo esindayo, kanti nina ngokwenu anicu̔kumisi imitwalo leyo nangomnye weminwe yenu.
47
Kwoba nzima kuni! ukuba nibuya nake amancw̔aba abaprofite, bati ke oyihlo benu bababulala.
48
Kukona ninqi̔nela nivumela nokuvumela izenzo zoyihlo benu; ngokuba bona okunene bababulala, niti ke nina nibuye nake amancw̔aba abo.
49
Ngako oko butshilo nobulumko bukatixo ukuti: Ndiya kubatumela abaprofite nabapostile, babeya kuti inxenye kubo bababulale, babatshutshise;
50
ukuze libizwe kwesisizukulwana igazi labo bonke abaprofite elipalazwayo kutabata ekumisweni kwelizwe,
51
kwa segazini lika‐Abele kude kube segazini lika‐Zekariya, owabubela pakati kwesibingelo nendawo eyingcwele: ewe nditi kuni, liya kubizwa kwesisizukulwana.
52
Kwoba nzima kuni baqondisimteto; ukuba nisusile isilotile sokwazi; anangena nina, nabo babengena nabalela.
53
Kekaloku nxa ebeteta ezizinto kubo, ababa̔li nabafarisi baqala ukuba nenzondo kakulu, nokumfundekela ngemibuzo ngento ezininzi,
54
bemlalela, befuna ukubamba into ipuma emlonyeni wake, ukuze bamnike ityala.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24