bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 5
Luke 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 6 →
1
KWAYE kute xeshekweni isihlwele sibe simxingisa ukuza kuva ilizwi likatixo, ebemi yena ngaselwandlana lwe‐Genesarete,
2
wabona inqanawa zambini zimi ngaselwandlana apo; kodwa abalobi bentlanzi bebepumile kuzo, bahlanza intambo zabo.
3
Wati engene kwenye yenqanawa, kuleyo ebiyeka‐Simone, wamtandaza ukuba makaqu̔be emhlabeni kube mganyana: waza wahlala pantsi, wafundisa izihlwele esenqanaweni.
4
Kekaloku nxa abepezile ukuteta, wati ku‐Simone: Qu̔belani enzulwini, nihlise intambo zenu kulotywe.
5
Waza wapendula u‐Simone wati kuye: Nkosi! ngobubusuku bonke sisebenzile singabambanga nto; kodwa ngelizwi lako ndiya kuhlisa utambo.
6
Bati bakwenje njalo, bavingcela ndawonye into eninzi kakulu yentlanzi; lwafun’ ukuqauka ke utambo lwabo.
7
Baza bakobela abalingane babo ababekwenye inqanawa, ukuba beze bancedane nabo. Basuka beza; baza bazalisa inqanawa zombini, zada zafun’ ukutshona.
8
Wati u‐Simone Petrosi akubona oko, wawa pantsi ngasemadolweni ka‐Yesu, esiti: Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi!
9
Ngokuba ebebanjwe kukuti nqa, nabo bonke abebenaye, pezu kwokulotywa kwentlanzi ababekulobile:
10
bebenjalo kwa no‐Yakobi no‐Johane, onyana baka‐Zebedi, abebengamakolwane no‐Simone. Waza u‐Yesu wati ku‐Simone: Ungoyiki; emveni kwakaloku nje woba ubamba abantu.
11
Bati bakuba bezifikisile inqanawa ngasemhlabeni, bashiya kwa konke, bamlandela.
12
Kwaza kwati, xeshekweni ebesesixekweni esitile, kekaloku bona ke, indoda ezele sisilepero ibikona; eyati yakubona u‐Yesu, yawa ngobuso, yamkunga, isiti: Nkosi! ukuba uyatanda, ungandihlambulula.
13
Waza wasolula isandla, wayicu̔kumisa, esitsho ukuti: Ndiyatanda; hlambuluka. Sati ke kwa oko semka kuyo isilepero sayo.
14
Waza wayiyalela ukuba ingamxeleli mntu: kodwa yiya uzibonakalise kumperisite, unikele ngenxa yokuhlanjululwa kwako, njengokuba wabeyalela u‐Mosesi, kube sisinqi̔no kubo.
15
Koko bekuhanjiswa ngakumbi indaba ngaye: zaza zabutana izihlwele ezikulu ukuza kuva, nokupiliswa nguye ezilwelweni zazo.
16
Wabesiti kodwa yena wapambukela ezindaweni ezilubala, watandaza.
17
Kwaza kwati ngemini etile, nxa abefundisa yena, babe behleli kona abafarisi nabafundisimteto, abebevele kuyo yonke imizi yase‐Galili, nase‐Judeya, nase‐Yerusaleme: kanjalo amandla enkosi ebeko ukubapilisa.
18
Kekaloku bona ke, amadoda atile abezisa pezu kwoku̔ko umntu obenesifo sokushwabanisa, afuna ukumngenisa nokumbeka ebusweni bake.
19
Aza ati, engafumananga indawo angamngenisayo ngayo ngenxa yesihlwele, enyukele pezu kwentungo yendlu, amhlisa ngezitene zokufulela kunye noku̔ko lwake, ambeka pakati apo pambi kwo‐Yesu.
20
Waza wabona ukolo lwawo, wati kuye: Mntundini! uxolelwe izono zako.
21
Baza ababa̔li nabafarisi baqala ukucamanga, besiti: Ngubanina lo uziteta ingxeko? ngubanina ongazixolelayo izono, kupela utixo yedwa?
22
Wazinakana u‐Yesu izicamango zabo, wapendula wati kubo: Nicamanga nto nina ezintliziyweni zenu?
23
okona kulula kukupina; ukuti: Uxolelwe izono zako; ukuti: Suka, uhambe; kusinina?
24
kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu unegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wati konesifo sokushwabanisa:) nditi kuwe: Suka, upate uku̔ko lwako, uye endlwini yako.
25
Waselesuka ke ebusweni babo, wapata lonto wabelele pezu kwayo, wemka waya endlwini yake, edumisa utixo.
26
Baza kwa bonke babanjwa kukuti nqa, badumisa utixo; bazaliswa kukwoyika kanjalo, besiti: Sibone into ezimangalisayo namhla nje.
27
Wati emveni kwezizinto wapuma, wabona umbuti weminikelo, ogama lingu‐Levi, ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, wati kuye: Ndilandele.
28
Washiya konke ke, wesuka, wamlandela.
29
Waza u‐Levi wamenzela isidlo esikulu endlwini yake: kwaye kuko umhlambi omkulu wababuti beminikelo, nowabanye, abebehleli pantsi nabo.
30
Baza ababa̔li bakubo, kwa nabafarisi, baṙoṙa kubadisipile bake, besiti: Kunganina ukuba nitye nisele kunye nababuti beminikelo naboni?
31
Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Abapilileyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo.
32
Andizanga ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke.
33
Kekaloku bati kuye: Kunganina ukuba abadisipile baka‐Johane bazile ukutya futi, benze nezikungo, kwa nababa‐Farisi kanjalo, kanti abako bayatya basele?
34
Koko wati kubo: Usapo lwenkambili yomtshakazi ningalwenza luzile ukutya na, oko umyeni analo?
35
Kodwa iya kuza imihla nokuya umyeni aya kususwa kulo; luya kwandula luzile ukutya kuleyomihla ke.
36
Wabeteta nomzekeliso kubo, esiti: Akuko mntu ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye, iti entsha iṙazule endala, nakanjako isiziba esisesentsha asilungelelani nendala.
37
Kanjalo akuko mntu uta̔ iveyine entsha ezintsubeni ezindala; okanye, iveyine entsha yozigqoboza intsuba, ize ipalale yona, zitshabalale nentsuba;
38
koko iveyine entsha ifanel’ ukuti̔wa ezintsubeni ezikwa zintsha, zandul’ ukugcinwa zombini.
39
Kanjalo akuko mntu oti akuba esele iveyine endala, asuke afune entsha; ngokuba esiti: Endala igqitisile ngokulunga.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24