bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 20
Luke 20
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 21 →
1
Kwaza kwati ngomnye wemihla leyo, nxa ebefundisa abantu etempileni, eshumayela ivangeli, basondela abaperisite abakulu, nababa̔li, kunye nabadala,
2
bateta kuye, besiti: Sixelele, uzenza ezizinto ngegunya lanina? umhlaumbi ungubanina owanika kuwe eligunya?
3
Koko wapendula wati kubo: Nam ndobuza kuni indawo ibe nye, nize nindixelele ke.
4
Ubapitizesho luka‐Johane beluvela ezulwini, beluvela ebantwini, kusinina?
5
Baza babuzana omnye nomnye, besiti: Ukuba siti: Ezulwini; woti: Kunganina pofu ukuba anikolwanga nguye?
6
Kodwa ukuba siti: Ebantwini; bonke abantu bosigibisela ngamatye: ngokuba bekoliwe ukuba u‐Johane ebengumprofite.
7
Baza bapendula ukuba abazi beluvela pina.
8
Wati no‐Yesu kubo: Nam andixeleli nina kungelanina igunya endizenza ezizinto.
9
Waza waqala ukuteta ebantwini umzekeliso lo: Umntu otile watyala isitiya, wasiqashisela kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe kwada kwakade.
10
Wati ngexesha elifanelekileyo watuma kubalimi isicaka, ukuze banike kuso kwiziqa̔mo zesitiya. Kodwa abalimi basityabula, basimkisa singenanto.
11
Waza walekela watuma esinye isicaka; neso ke basityabula, basipata ngento ehlazekileyo, basimkisa singenanto.
12
Walekela watuma nesesitatu; nesi ke basilimaza, bamku̔pela pandle.
13
Waza wati umninisitiya: Ndiya kwenza nto nina? ndiya kutuma unyana wam otandiweyo; kungaba lo bakumbona baya kumhlonela.
14
Kodwa bakumbona abalimi abo, babuzana omnye nomnye, besiti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, ukuze ilifa libe leletu.
15
Baza bamku̔pela pandle kwesitiya, bambulala. Uya kwenza nto nina ngoko kubo umninisitiya?
16
Uya kuza atshabalalise abalimi aba, anike isitiya kwabanye. Bati ke bakuva oko: Kwanga kungebe njalo!
17
Kodwa ebakangele wati: Kuyinto nina oku pofu okuba̔liweyo: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi?
18
Osukuba esiwa pezu kwelolitye, uya kutyunyuzwa; kodwa lowo liwa pezu kwake, liya kumti viti.
19
Baza abaperisite abakulu nababa̔li bafuna ukubeka izandla pezu kwake kwa ngeloxeshana, kanti boyika abantu: ngokuba bebenakene ukuba lomzekeliso wawuteta ngakubo.
20
BAZA ba m gqala, batuma intlola zizenzisa abalungileyo, ukuba zibambe amazwi ake, ukuze bamnikele emandleni nasegunyeni lenkosi.
21
Zaza zambuza, zisiti: Mfundisi! siyazi ukuba uyalungisa ukuteta nokufundisa; kanjalo akubuki isiqu samntu, koko ufundisa indlela katixo ngokwenyaniso:
22
kufanelekile kuti ukunika umnikelo ku‐Kesare, aku fanelekile, kusinina?
23
Kodwa wanakana ubuqokolo bazo, wati kuzo: Yinina ukuba nindilinge?
24
ndiboniseni idenari. Ngokabanina umfanekiso nesiba̔lwa inawo? Zapendula zati: Ngoka‐Kesare.
25
Wayesiti kuzo: Nikelani kambe izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto zikatixo kuye utixo.
26
Zakohlwa ke kukubamba amazwi ake ebusweni babantu: zaza zatela nqa impendulo yake, zati cwaka.
27
Kwaye kusiza kuye abatile bakubasadusi, abakanyelayo ukuba kuko uvuko, bambuza,
28
besiti: Mfundisi! u‐Mosesi wasiba̔lela ukuti: Xeshekweni kufayo umkuluwe womntu, enomfazi, afe lowo engenabantwana, makati umninawe wake azeke umfazi wake, amvusele umkuluwe wake inzalo.
29
Kekaloku bekuko abazalwana abasixe̔nxe: waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana.
30
Waza owesibini wazeka umfazi wake, wati naló wafa engenabantwana.
31
Waza owesitatu wamzeka; benje njalo kwa nabasixe̔nxe; abashiya bantwana ke, bafa nokufa.
32
Wati emveni kwabo bonke wafa nomfazi.
33
Ngako eluvukweni, uba ngumfazi wawupina kubo? ngokuba abasixe̔nxe bebenaye engumfazi.
34
Waza wapendula wati kubo u‐Yesu: Usapo lwelilizwe likoyo luyazeka, luyendiswa kanjako;
35
kodwa abo babalwa ngokuba befanele ukuzuza elolizwe lizayo, nokuvuka ekufeni, abazeki, abendiswa kanjako:
36
ngokuba bengenako nokuba babuye bafe: ngokuba befana nengelosi; kanjalo balusapo lukatixo, belusapo lwaseluvukweni.
37
Kodwa ukuba bayavuswa abafileyo, kuxelwe nangu‐Mosesi endaweni yetyolo, akuti uyehova u ngutixo ka‐Abrahame, notixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi.
38
Kekaloku aka ngutixo wabafileyo, ungowabahleliyo; ngokuba bonke behleli kuye.
39
Baza bapendula abatile bakubaba̔li, bati: Mfundisi! ulungisile ukutsho.
40
Baye bengabi senakukalipa kwokumbuza nto.
41
Wayesiti kubo: Bati nina ukuti u‐Kristu ungunyana ka‐Davide?
42
Kanti u‐Davide ngokwake uti encwadini yamaculo: Wati uyehova kwinkosi yam: Hlala ngasekunene kum,
43
ndide ndenze intshaba zako zibe sisitulo senyawo zako.
44
U‐Davide ngoko uyambiza ngenkosi; aze ati nina ke ukuba ngunyana wake?
45
Kekaloku nxa bebesiva bonke abantu, wati kubadisipile bake:
46
Lumkelani ababa̔li, abafuna ukuhamba ngengubo ezinde, abatanda izibuliso ezindaweni zentengo, nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, nendawo zobukulu ezidlweni;
47
abadlayo izindlu zabahlolokazi, besenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: aba baya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24