bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 10
Luke 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 11 →
1
EMVENI kwezizinto ke yadala inkosi nabanye, bemashumi asixe̔nxe, yabatuma ngababini ngababini pambi kwobuso bayo, kuzo zonke izixeko nendawo apo ibiza kuti yona iye kona.
2
Yandula yati kubo: Isivuno okunene sininzi, kodwa abasebenzi bancinane; tandazani ngoko kwinkosi yesivuno, ize iku̔pele esivunweni sayo abasebenzi.
3
Hambani; bona ke, ndiyanituma njengemvana pakati kwencu̔ka.
4
Ningatwali sidla, nenxowa, nezihlangu; ningabulisi mntu endleleni kanjalo.
5
Nendlu enisukuba ningena kuyo, yitini kuqala: Uxolo malube kulendlu!
6
Ukuba ke unyana woxolo ukona, uxolo lwenu luya kupumla pezu kwayo; okanye, luya kubuya luze kuni.
7
Hlalani ke kuleyo yona indlu, nisidla nisela ezonto banazo; ngokuba umsebenzi efanele umvuzo wake. Ningesuki kwenye indlu ukuya kwenye.
8
Nesixeko enisukuba ningena kuso, baze banamkele, yidlani ezonto zibekwayo pambi kwenu,
9
nipilise abafayo abakuso, niti kubo: Ubukumkani bukatixo sebukufupi kuni.
10
Kodwa isixeko enisukuba ningena kuso, baze banganamkeli, pumelani ezitarateni zaso, nitsho ukuti:
11
Kwa notuli lwasesixekweni senu, olunamatelayo kuti, siyalusulela ngakuni: noko yazini oku, ukuba ubukumkani bukatixo sebukufupi kuni.
12
Kodwa nditi kuni: Kwonyamezelekela i‐Sodome ngomhla lowo, ngapezu kwesosixeko.
13
Hai ubunzima bako, Korazine! hai ubunzima bako, Betesayida! ngokuba izenzo zamandla ezenzelwa kuni ukuba zazenzelwe e‐Tire nase‐Tsidone, zinga zibe ziguqukile kade zihleli entlakantlakeni naselututwini.
14
Kanjako kwonyamezelekela i‐Tire ne‐Tsidone emgwetyweni, ngapezu kwenu.
15
Nawe, Kapenayume! opakanyiselweyo kwa sezulwini, uya kuhliselwa kwa sehadesi.
16
Ovayo nina, uyeva mna; nowalayo nina, uyala mna; nowalayo mna, uyala owanditumayo.
17
Bati kekaloku abamashumi asixe̔nxe babuya ngovuyo, besiti: Nkosi! kwa nedemoni ziyasilulamela ngalo igama lako.
18
Yayisiti kubo: Ndandibona u‐Satane esiwa ezulwini njengokubaneka.
19
Bona ke, ndiyanipa igunya lokunyatela inyoka nonomadudwane, napezu kwawo onke amandla otshaba; kungabiko nento eya kuka inenzakalise.
20
Noko ningavuyi ngoku, ukuba omoya banilulamele; kodwa vuyani ngakumbi ukuba amagama enu aba̔lelwe ezulwini.
21
Ngeloxeshana wagcoba u‐Yesu emoyeni, wati: Ndiyakubulela, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba! ukuba ufihlele izilumko nezazi ezizinto, wazityilela intsana: ewe, Bawo! ngokuba okunjalo bekukolekile ebusweni bako.
22
Zonke izinto zinikelwe kum ngubawo: kanjako akuko mntu owaziyo ukuba ungubanina unyana, kupela nguyise, nokuba ungubanina uyise, kupela ngunyana, nosukuba unyana etanda ukumtyilela yena.
23
Waza wajikela ngakubadisipile, wati ngasese: Anetamsanqa amehlo abona izinto enizibonayo;
24
ngokuba ndisiti kuni: Baninzi abaprofite nokumkani ababefuna ukubona izinto enizibonayo nina, kanti abazibonanga; nokuva izinto enizivayo, kanti abazivanga.
25
Kekaloku bona ke, wesuka umqondisimteto otile, emlinga, esiti nokuti: Mfundisi! ndiya kwenza nto nina ukuba ndidle ilifa lobomi obungunapakade?
26
Wayesiti kuye: Yinto nina eba̔liweyo emtetweni? uti nina ukulesesha?
27
Wapendula wati: Uya kumtanda uyehova, utixo wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangawo onke amandla ako, nangayo yonke ingqondo yako; nommelwane wako njengokuzi tanda kwako.
28
Wayesiti kuye: Ulungisile ukupendula kwako; yenza oku, wauya kudla ubomi.
29
Kodwa yena efuna ukuzigwebela wati ku‐Yesu: Ungubanina ke ummelwane wam?
30
Wapendula u‐Yesu wati: Umntu otile wehla e‐Yerusaleme waya e‐Jeriko, wawa pakati kwamabada, ati wona amhluba ingubo zake, amenzela amanxeba, emka, emshiyile ngokungati uza kufa.
31
Kwahla kwehla umperisite otile ngaleyondlela, owati akumbona wadlula ngelinye icala.
32
Kwa njalo ke nom‐Levi akufika kulondawo, weza, wabona, wadlula ngelinye icala.
33
Kodwa um‐Samariya otile esekuhambeni weza kufupi naye, owati akumbona wabetwa lusizi,
34
wasondela, wabopa amanxeba ake, egalela ioli neveyine; waza wamkwelisa pezu kwelake ihashe, wamsa entangeni, wamgcina.
35
Wati ngomnye umhla akumka, war̔ola idenari zambini, wazinika kumninintanga, wati kuye: Mgcine ke; nento usukuba usalekela ukuyici̔ta, ndoti mna, nxa ndibuya ndize apa, ndiyibuyisele kuwe.
36
Nguwupina ngoko waba batatu uti wena uzenze ummelwane kulowo ubewile pakati kwamabada?
37
Wayesiti: Ngulowo wamenzelayo ububele. Wandula wati u‐Yesu kuye: Hamba, yenza kwa njalo nawe.
38
Kwaye kute ekuhambeni kwabo, wati yena wangena emzini otile; waza umfazi otile, ogama lingu‐Marita, wamamkela endlwini yake.
39
Wabe lo enaye udade obizwa ngo‐Mariya, obesiti yena, ehleli ngasezinyaweni zika‐Yesu, wapulapula ilizwi lake.
40
Kodwa u‐Marita waebideka ngokukonza okukulu; waza wema kufupi wati: Nkosi! akukatali na kukuba udade wam undiyekelele ndikonze ndedwa? mxelele ngoko ukuba andincede.
41
Koko wapendula u‐Yesu wati kuye: Marita, Marita! unesitukutezi nesipitipiti ngezinto ezininzi;
42
kodwa inye into eswelekayo; no‐Mariya usiqashile esosabiwo silungileyo, esingayi kususwa kuye.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24