bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 24
Luke 24
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
1
KEKALOKU ngolwokuqala usuku lweveki, kwakuza kuti qi̔p’ ukusa, beza encw̔abeni, bezisa izimnandi ababezilungisile, n abafazi abatile kunye nabo.
2
Bati ilitye balifumana liqengqiwe encw̔abeni.
3
Baza bakungena abafumana umzimba wenkosi u‐Yesu.
4
Kwaza kwati ekuxakekeni kwabo ngako oku, bona ke, amadoda amabini ema ngakubo enezivato ezibengezelayo.
5
Kekaloku bakuba benokwoyika bona, betoba ubuso ngasemhlabeni, ati kubo: Yinina ukuba nifune ohleliyo pakati kwabafileyo?
6
Akako apa, uvukile. Kumbulani okokuba wateta kuni, nxa ebesese‐Galili,
7
esiti: Unyana wesintu ufanele ukunikelwa ezandleni zabantu abangaboni, nokukuruseshwa, nokuti ngomhla wesitatu abuye avuke.
8
Baza bakumbula amazwi ake;
9
bati bakuba bebuyile encw̔abeni, bashumayela ezizinto zonke kwabalishumi elinamnye, nakubo bonke abanye.
10
Wayengu‐Mariya wase‐Magadala, no‐Johana, no‐Mariya unina ka‐Yakobi, nabo bafazi abanye abebenabo, abaxelela abapostile ezizinto.
11
Aza amazwi abo ati kubo anga kukutetateta kodwa, baye bengakolwa ngabo ke.
12
Koko u‐Petrosi wesuka wagidimela encw̔abeni; wati etobile pantsi wabona iqiya zokubopa zilele zodwa; waza wemka ekutela nqa pakati kwake oko kwenzekileyo.
13
Kekaloku bona ke, ababini kubo babe kwa ngalomini besiya emzini ukude ne‐Yerusaleme izitadiya zingamashumi matandatu, ogama liyi‐Emmayusi.
14
Baye bencokola ke omnye nomnye ngezozinto zonke ezibe zihlile.
15
Kwaza kwati nxa bebencokola babuzisana, wasondela u‐Yesu ngokwake wabapeleka.
16
Kodwa amehlo abo ebebanjwa ukuba bangabi nakumazi.
17
Wayesiti kubo: Zindawo zinina ezi, enitetelana ngazo nihamba, nikedamile nje?
18
Wapendula omnye, lowo ugama lingu‐Keleyopasi, wati kuye: Wena uhlala njengowasemzini kodwa e‐Yerusaleme na, ungazazanga nje izinto ezenzekileyo kuyo ngezintsuku?
19
Waza wati kubo: Zipina? Bati bona kuye: Ezingaye u‐Yesu wase‐Nazarete, obengumprofite, enamandla ekwenzeni nasekuteteni ebusweni bukatixo nabo bonke abantu:
20
nokokuba abaperisite abakulu nabapati betu bamnikela ekugwetyweni kwokuba afe, bamkurusesha.
21
Kodwa tina sibe sitemba ukuba unguye oza kukulula o‐Sirayeli. Kanjako kambe, kunye nako konke oku, namhla ngumhla wesitatu kuseloko zenzekayo ezizinto.
22
Ewe nabafazi abatile kwabetu basimangalisa, abebeko kusasa encw̔abeni;
23
abati bengafumananga umzimba wake, beza, besiti babonile nesibonakalo sengelosi, ezati uhleli.
24
Kanjalo abatile babakuti baya encw̔abeni, bafumana njalo njengokuba bebetshilo nabafazi; kodwa yena abambona.
25
Waza yena wati kubo: Nina bangenakuqonda nabantliziyo zibutuntu ukukolwa kuko konke abakutetileyo abaprofite!
26
ebengafanele na u‐Kristu ukuziva ezizinto, nokungena ebungcwaliseni bake?
27
Waza waqala ngo‐Mosesi nangabaprofite bonke, wabatyilela kuzo zonke iziba̔lo izinto eziteta ngaye yena.
28
Bada basondela emzini apo bebesiya kona: wati yena wenza ngokungati uya kugqita.
29
Baza bamqu̔ba, besiti: Hlala nati, kuba kuza kuhlwa, isangene imini ke. Waza wangena ukuya kuhlala nabo.
30
Kwaye kute akuba ebehleli pantsi ndawonye nabo, watabata isonka wabulela, waza waqezula wanikela kubo.
31
Asuka agatyulwa amehlo abo, bamazi ke: waza wati shwaka kubo.
32
Baza bati omnye kwomnye: Intliziyo yetu ibingatshi na pakati kwetu, nxa ebeteta kuti endleleni, nanxa ebesanekela iziba̔lo?
33
Baza besuka kwa ngeloxeshana, babuyela e‐Yerusaleme, babafumana bebutene ndawonye abalishumi elinamnye nabebenabo;
34
abebesiti: Inkosi ivukile ngokwenyaniso, yabonakala ku‐Simone.
35
Kanjalo bona batyela oko bekuhlile endleleni nokokuba yaziswa kubo ekuqezulweni kwesonka.
36
Kekaloku bakuba bebeteta ezizinto, wema u‐Yesu ngokwake pakati kwabo, wati kubo: Uxolo malube kuni!
37
Koko benokwetuka nokwoyika bebeba bayabona umoya.
38
Waza wati kubo: Yinina ukuba nixalile? kunganina nokuba izicamango zivuke ezintliziyweni zenu?
39
kangelani izandla zam nenyawo zam, ukuba ndim isiqu sam: ndicofeni, nikangele; ngokuba umoya engenanyama namatambo, njengokuba nibona ndinazo mna.
40
Waza wati akuba etshilo wababonisa izandla nenyawo.
41
Kekaloku bengekakolwa ngokuvuya, besiti nqa nokuti nqa, wati kubo: Ninento yokudla na apa?
42
Bamnikela isiqendu sentlanzi eyojiweyo, nentwana yentlango zobusi.
43
Waza watabata watya ebusweni babo.
44
Wayesiti kubo: Ngawo la amazwi endawatetayo kuni, nxa bendiseko nani, okokuba zifanele ukuzalisekiswa zonke izinto eziba̔liweyo ngam emtetweni ka‐Mosesi, nasebaprofiteni, nasemaculweni.
45
Wandula watyila ingqiqo yabo, ukuba baqonde iziba̔lo,
46
wati kubo: Kuba̔liwe ngokunjalo, bekufanele nangokunjalo ukuba u‐Kristu eve intlungu, nokuba abuye avuke ekufeni ngomhla wesitatu,
47
nokuba kushunyayelwe egameni lake uguquko noxolelwa lwezono pakati kwazo zonke intlanga, kuqalwa e‐Yerusaleme.
48
Nani ke, ningamanqi̔na ezizinto.
49
Kanjalo bona ke, ndiyatuma isibambiso sikabawo pezu kwenu; kodwa hlalani nina esixekweni e‐Yerusaleme, nide nambatiswe amandla evela enyangweni.
50
Waza wabakokela pandle kwada kwase‐Betaniya, wapakamisa izandla zake, wabatamsanqelisa.
51
Kwaye kute ekubatamsanqeliseni kwake, wahlukana nabo, wenyuselwa ezulwini.
52
Baza bambedesha, babuyela e‐Yerusaleme ngovuyo olukulu.
53
Kanjalo bebehlala beko etempileni, bedumisa bebonga utixo. Amene.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24