bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 4
Luke 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 5 →
1
KEKALOKU u‐Yesu, ezele ngumoya oyingcwele, wabuya e‐Yoredane; waza wasiwa ngomoya entlango,
2
elingwa ngu‐Satane intsuku zimashumi mane. Akatya nto ke kwezontsuku: wati zakuba zipelile, wada walamba.
3
Waza u‐Satane wati kuye: Ukuba ungunyana katixo, xela kwilitye eli ukuba lenziwe isonka.
4
Waza wapendula u‐Yesu kuye, esiti: Kuba̔liwe ukuti: Akungaso isonka sodwa aya kupila umntu, koko kungawo onke amazwi katixo.
5
Waza u‐Satane wamnyusela entabeni ende, wambonisa bonke ubukumkani belizwe ngexanyana linye.
6
Waza u‐Satane wati kuye: Ndiya kunika kuwe lamandla onke, nobungcwalisa babo; ngokuba enikelwe kum, nalowo enditanda ukumnika wona ndiyawanika kuye:
7
wena ngoko ukuba uya kundibedesha, kwoba kokwako konke.
8
Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Yiya emva kwam, Satane! ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Uya kubedesha uyehova, utixo wako, umkonze yena yedwa.
9
Kanjalo wamsa e‐Yerusaleme, wammisa pezu kwepiko letempile, wati kuye: Ukuba ungunyana katixo, ziwise pantsi kwa lapa;
10
ngokuba kuba̔liwe ukuti: Uya kuyalela ingelosi zake ngawe, ukuba zikugcine:
11
nokuti: Zokufunqula ngezandla, hleze uku̔bekise unyawo lwako ngasetyeni.
12
Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Kutshiwo ukuti: Akuyi kumlinga uyehova, utixo wako.
13
Wati kekaloku u‐Satane, akuba egqibile konke ukulinga kwake, wemka kuye kwamzuzu.
14
WAZA wabuya u‐Yesu ngamandla omoya weza e‐Galili; kwaye kupuma udumo ngaye lwaya kulo lonke ilizwe langakona.
15
Wabefundisa ezindlwini zentlanganiso zabo, edunyiswa ngabo bonke.
16
Waza wafika e‐Nazarete, apo abe ondlelwe kona: wati kekaloku, njengokuba belinjalo isiko lake, wangena endlwini yentlanganiso ngomhla wesabata, wesuka wema ukuba aleseshe.
17
Kwaza kwamnikelwa incwadi ka‐Yisaya umprofite. Wati akuba eyitwabulule incwadi, wafumana londawo apo bekuba̔lelwe kona ngokuti:
18
Umoya kayehova upezu kwam; ngokokuba enditambisele ukushumayela indaba ezimnandi kumahlwempu; unditumele ukupilisa abantliziyo zigqobokileyo, ukushumayela kwabatinjiweyo inkululeko, nakwabazimfama ukubuyiswa kwokubona, ukundulula abancinezelweyo bekululekile,
19
ukushumayela umnyaka okolekileyo kayehova.
20
Waza wasonga incwadi, wayinikela kanjako kumkonzi, wahlala pantsi. Bati bonke abasendlwini yentlanganiso amehlo abo ati nama pezu kwake.
21
Waza waqala ukuti kubo: Namhla nje sizalisekile isiba̔lo esi ezindlebeni zenu.
22
Babemnqi̔nela bonke ke, bawatela nqa amazwi ofefe apumayo emlonyeni wake, bati: Lo asi nguye na unyana ka‐Josefe?
23
Waza wati kubo: Nowuteta kum kambe lomzekeliswana wokuti: Gqir̔a! zipilise: konke esivileyo ukuba kwenziwe e‐Kapenayume, kwenze nalapa emzini wakowenu.
24
Wati kanjako: Ngokwenene nditi kuni: Akuko mprofite okolekileyo emzini wakowabo.
25
Kodwa ngokwenyaniso nditi kuni: Bebeko abahlolokazi abaninzi emihleni ka‐Elija kwa‐Sirayeli, okuya lalivingcekile izulu ngeminyaka mitatu inenyanga zintandatu, xeshekweni yabiko indlala enkulu kulo lonke ilizwe;
26
kanti u‐Elija wayengatunywa nakomnye kubo, watunywa e‐Tsarefate yase‐Tsidone kumfazi obe ngumhlolokazi kupela.
27
Kanjalo ebeko amaleperi amaninzi ngexesha lika‐Elisha umprofite kwa‐Sirayeli; kanti kwaye kungahlanjwa nalinye kuwo, kwahlanjwa u‐Nahamane um‐Siriya kupela.
28
Baza bati bonke abasendlwini yentlanganiso, bakuva ezizinto, bazaliswa ngumsindo,
29
besuka, bamku̔pela pandle kwesixeko, bamr̔olela kwa semgcipekweni wentaba esibe sakiwe pezu kwayo isixeko sabo, ukuze bamkahlele pantsi.
30
Kodwa yena ecandile pakati kwabo wemka.
31
Waza wehlela e‐Kapenayume, isixeko sase‐Galili, wabafundisa ngemihla yesabata.
32
Baye bemangaliswa ke pezu kwesifundiso sake, ngokuba ilizwi lake belinegunya.
33
Kwaye kuko endlwini yentlanganiso umntu obenomoya wedemoni enco̔lileyo; waza wadanduluka ngelizwi elikulu,
34
esiti: Yeka! siyinto nina kuwe, Yesu wase‐Nazarete? uze kusitshabalalisa na? ndiyakwazi wena ungubanina, ungoyingcwele katixo.
35
Waza u‐Yesu wamtetisa, esiti: Yiti cwaka, upume kuye. Yaza idemoni yakuba ibimwisile pakati yapuma kuye, ingamenzanga nto.
36
Bahlelwa kukuti nqa ke bonke, batetana omnye nomnye, besiti: Lelanina ilizwi eli, ukuba ebayalela omoya abanco̔lileyo ngegunya nangamandla, bapume ke?
37
Lwaza lwapuma udumo ngaye lwaya kuzo zonke indawo zelizwe langakona.
38
Wati esukile endlwini yentlanganiso, wangena endlwini ka‐Simone. Kekaloku umkwekazi ka‐Simone wabebanjwa licesine elikulu; baza bamtandaza ngaye.
39
Waza wamongamela, watetisa icesine, lamyeka ke: waselesuka oko wabakonza.
40
Kekaloku nxa ilanga belitshona, bati bonke abo babenabo ababesifa zizifo ngezifo, babazisa kuye; waza wabeka izandla zake pezu kwabo ngabanye ngabanye, wabapilisa.
41
Kanjalo nedemoni zapuma kubaninzi, zidanduluka, zisiti nokuti: Wena unguye u‐Kristu, unyana katixo. Waza wati ezitetisa akazivumela ukuba zitete, ngokuba zibe zimazi ukuba unguye u‐Kristu.
42
Kekaloku kwakuba kusile, wapuma waya endaweni elubala; zaza izihlwele zamfuna, zeza kwa kuye, zambambezela ukuba angemki kuzo.
43
Koko wati kuzo: Ndifanele ukushumayela indaba ezilungileyo zobukumkani bukatixo nakwezinye izixeko; ngokuba nditunyelwe oku.
44
Waza washumayela ezindlwini zentlanganiso zase‐Galili.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24