bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 7
Luke 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 8 →
1
WATI emvenikweni abegqibele zonke iziteto zake ekuveni kwabantu, wangena e‐Kapenayume.
2
Kekaloku isicaka senkosikulu etile, esibe sibekwa yiyo, sasisifa, siza kububa.
3
Yati yakuva ngaye u‐Yesu, yatuma kuye abadala bama‐Juda, imtandaza ukuba eze asipilise isicaka sayo.
4
Kekaloku bakufika ku‐Yesu, banxamela ukumbongoza, besiti: Ufanele lowo uya kumenzela oku;
5
ngokuba etanda uhlanga lwetu, enguye kanjalo owasakela indlu yentlanganiso yetu.
6
Waza u‐Yesu wahamba nabo. Wati akuba engekabi kude endlwini, inkosikulu yatuma izihlobo kuye, isiti kuye: Nkosi! ungakatazeki; ngokuba ndingafanelekile ukuba ungene ngapantsi kwentungo yendlu yam:
7
ngoko kanjalo andaba ndifanele mna ngokwam ukuza kuwe: zutete ngelizwi, sasiya kuti isicaka sam sipiliswe.
8
Ngokuba nam ndingumntu omiswayo pantsi kwegunya labanye, ndinamasodati pantsi kwam; nditi ke kwelinye: Yiya! liye; nakwelinye: Yiza! lize; nakwisicaka sam: Yenza oku! senze ke.
9
Waza u‐Yesu akuva ezizinto wayitela nqa, wajika wati kwisihlwele esibe simlandela: Nditi kuni, andifumananga lukolo olungaka nakwa‐Sirayeli.
10
Baza abo babetunyiwe babuyela endlwini, basifumana isicaka esibe sisifa sipilile.
11
Kwaye kute ngolandelayo umhla, waya esixekweni esibizwa ngokutiwa yi‐Nayine: kwaza kwampeleka into eninzi yabadisipile bake, nesihlwele esikulu sabantu.
12
Kekaloku xeshekweni ebesondela esangweni lesixeko, bona ke, bekutwalelwa pandle umntu ofileyo, ekupela kwomntwana wonina, naye yena ebengumhlolokazi: saye sinaye isihlwele esikulu sasesixekweni.
13
Yati inkosi yakumbona, yabetwa lusizi ngaye, yati kuye: Ungalili.
14
Yayisiza yacu̔kumisa itala; bati abatwali bema. Yaza yati: Ndodana! nditi kuwe, vuka.
15
Wasuka wahlala ofileyo, waqala ukuteta. Yaza yamnikela kunina.
16
Babanjwa kukwoyika ke kwa bonke, baye bedumisa utixo, besiti: Umprofite omkulu uvukile pakati kwetu; nakanjalo: Utixo ubakangele abantu bake.
17
Yaza lendaba ngaye yapumela kuyo yonke i‐Judeya, nakulo lonke ilizwe langakona.
18
Kwaye kushunyayelwa ku‐Johane ngabadisipile bake ngazo zonke ezizinto.
19
Waza u‐Johane wabiza ababini bakubadisipile bake, wabatuma ku‐Yesu, esiti: Unguye ozayo na, silinde omnye kusinina?
20
Kekaloku akufika kuye amadoda lawo, ati: u‐Johane umbapitizeshi usitumile kuwe, esiti: Unguye ozayo na, silinde omnye kusinina?
21
Wati ke ngelona xeshana wapilisa abaninzi ezifeni, nasezibulaweni, nakomoya abakohlakeleyo; nemfama ezininzi wazipa ukubona.
22
Waza wapendula u‐Yesu wati kubo: Hambani nishumayeze u‐Johane izinto enizibonileyo nenizivileyo; zokuba imfama ziyamkela ukubona kwazo, iziqwala ziyahamba, amaleperi ayahlanjululwa, izitulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, amahlwempu indaba ezilungileyo ziyashunyayelwa kuwo.
23
Kanjalo unetamsanqa osukuba engaxakaniswa ngam.
24
Kekaloku zakuba zimkile izitunywa zika‐Johane, waqala ukuti kwizihlwele ngaye u‐Johane: Nipumele entlango ukuya kubonela nto nina? ingcongolo izanyazanyiswa ngumoya na?
25
Kodwa nipumile ukuya kubona nto nina? umntu evatisiwe ngezivato ezitambileyo na? bona ke, abo bahleli ekuvateni okubungcwalisa nasebuyolweni basezindlwini zokumkani.
26
Kodwa nipumile ukuya kubona nto nina? umprofite na? ewe, nditi kuni, nogqitisele umprofite.
27
Nguye lo kuba̔liwe ngaye ukuti: Bona ke, ndiyatuma isitunywa sam pambi kwobuso bako, esiya kulungisa indlela yako pambi kwako.
28
Ngokuba ndisiti kuni: Pakati kwabazelweyo ngabafazi akuko namnye umprofite omkulu ku‐Johane umbapitizeshi; kodwa lowo umncinane kwabanye ebukumkanini bukatixo umkulu kuye.
29
Baza bonke abantu bakuva, kwa nababuti beminikelo, bavumela ukulunga kukatixo, bebapitizeshiwe ngobapitizesho luka‐Johane.
30
Kodwa abafarisi nabaqondisimteto bazilahlela icebo likatixo, bengabapitizeshwanga nguye.
31
Yayisiti inkosi: Ndobafanisa nanto nina abantu besisizukulwana? bafana nanto nina ke?
32
Bafana nabantwana behleli endaweni yentengo, bememezelana, besiti nokuti: Sanigwalela, anaduda ke; sanenzela isililo, analila ke.
33
Ngokuba u‐Johane umbapitizeshi ezile engatyi sonka engaseli veyine, naza nati: Unedemoni.
34
Unyana wesintu uzile esitya esela, naza nati: Nanku umntu ozinxalayo olinxila, umhlobo wababuti beminikelo naboni.
35
Kanti ubulumko bugwetyelwe lusapo lwabo lwonke.
36
Kekaloku owabasebafarisini wamtandaza ukuba atye naye. Waza wangena endlwini yomfarisi lowo, wahlala ekutyeni.
37
Waza wati, bona ke, umfazi wasesixekweni, obengumoni, akuqonda ukuba uhleli ekutyeni endlwini yomfarisi lowo, wazisa iqaka leyalabastere linamafuta mnandi,
38
wema ngasezinyaweni zake ngasemva elila, waqala ukunyela inyawo zake ngenyembezi, wazisula ngenwele zentloko yake, wanga inyawo zake, wazitambisa ngamafuta mnandi lawo.
39
Kekaloku umfarisi obemmemile, akubona oko, wateta pakati kwake, esiti: Lo, ukuba ebengumprofite, ngeeba esazi ukuba ungubanina nokuba ungonjanina lomfazi umcu̔kumisayo; ngokuba engumoni.
40
Waza wapendula u‐Yesu wati kuye: Simone! ndifun’ ukuteta into kuwe: (Wayesiti: Mfundisi! yitete:)
41
Bekuko abantu ababini ababenetyala kumboleki etile: omnye wabenetyala ledenari ezimakulu mahlanu, omnye wabenelezimashumi mahlanu.
42
Kekaloku bengenanto yokuhlaula, wabaxolela bobabini. Ndixelele ngoko, nguwupina kubo oya kumtanda ngokukulu?
43
Wapendula u‐Simone wati: Ndiba ngulowo wamxolelayo okukulu. Wati kuye: Ulungisile ukugweba kwako.
44
Waza wajikela ngakumfazi, wati ku‐Simone: Uyambona na lomfazi? Ndangena endlwini yako; amanzi akwawanikela inyawo zam; kodwa lo wanyela inyawo zam ngenyembezi, wazisula ngenwele zentloko yake:
45
akwandanga; kodwa lo, kuseloko ndangenayo, akayekanga ukwanga inyawo zam:
46
intloko yam akwayitambisa ngeoli; kanti lo uzitambisile inyawo zam ngamafuta mnandi.
47
Ngenxa yoku nditi kuwe: Zixolelwe izono zake ezininzi, ngokuba watanda kakulu: kanti lowo uxolelwayo okuncinane, uyatanda kancinane.
48
Wayesiti kuye: Zixolelwe izono zako.
49
Baza abo babehleli ekutyeni ndawonye naye baqala ukuti pakati kwabo: Ngubanina lo, oxolelayo nezono?
50
Wayesiti kumfazi: Ukolo lwako lukusindisile; hamba ngoxolo.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24