bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 12
Luke 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 13 →
1
PAKATI kwezozinto, nxa abebutelene ndawonye amawakawaka abantu, bada banyatelana, waqala ukuti kubadisipile bake tanci: Lumkelani igwele labafarisi, elibuhanahaniso.
2
Akuko nto eselelweyo, engayi kutyilwa; nefihlakeleyo, engayi kwaziwa.
3
Ngenxa yoku, konke enikutshiloyo ebumnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; noko nikutetileyo endlebeni ezinkambilini, kuya kushunyayelwa pezu kwentungo zezindlu.
4
Nditi ke kuni zihlobo zam: Ningaboyiki abo babulala umzimba, kanti emveni kwoko abananto enkulu ngakumbi abangayenzayo.
5
Kodwa ndonibonisa ukuba niya kwoyika banina: yoyikani lowo unegunya lokuba ati emveni kwokubulala apose esihogweni somlilo; ewe, nditi kuni, yoyikani yena lo.
6
Akutengiswa amahobohobo mahlanu ngedobulitye mbini na? noko akuko nalinye kuwo lilityelwe ebusweni bukatixo.
7
Koko kwa inwele zentloko zenu zibaliwe zonke. Ize ningoyiki ke; nigqitisele amahobohobo amaninzi.
8
Nditi kuni kanjako: Osukuba endivuma mna pambi kwabantu, naye unyana wesintu uya kumvuma yena pambi kwengelosi zikatixo:
9
kodwa ondikanyeleyo ebusweni babantu, uya kukanyelwa ebusweni bengelosi zikatixo.
10
Nosukuba eya kuteta ilizwi ngakuye unyana wesintu, uya kuxolelwa; kodwa ogxekayo umoya oyingcwele, akayi kuxolelwa.
11
Naxeshekweni banizisayo ezindlwini zentlanganiso, na pambi kwabanobukosi nabanegunya, ningabi nasitukutezi sokuba niya kuzipendulela ngokunjanina umhlaumbi nopendula nto nina, umhlaumbi sokuba niya kuteta nto nina:
12
ngokuba umoya oyingcwele eya kunifundisa kwelona ixeshana, izinto enifanele ukuziteta.
13
Waza omnye wasesihlweleni wati kuye: Mfundisi! Teta kumkuluwe wam ukuba abelane nam ilifa.
14
Kodwa wati kuye: Mntundini! ngubanina owandimisa umgwebi nomabi pezu kwenu?
15
Wayesiti kubo: Lumkani nilumkele ububawa; ngokuba ebuninzini bomntu ubomi bake bungemi ngento anazo.
16
Waza wateta umzekeliso kubo, esiti: Umhlaba wesityebi esitile wacu̔ma kakulu:
17
saza sacamanga pakati kwaso, sisiti: Ndiya kwenza nto nina, ndingenandawo nje apo ndiya kuzihlanganisela kona iziqa̔mo zam?
18
Saye sisiti: Lento ndiya kuyenza: ndiya kuci̔ta inyango zam, ndake ezinkulu kuzo, ndize ndizihlanganisele kona zonke izilimo zam nempahla zam;
19
ndandiya kuti kumpefumlo wam: Mpefumlo! unempahla ezininzi zibekelwa iminyaka emininzi; yiti upumle, udle, usele, ugcobe.
20
Kodwa utixo wati kuye: Sidenge! kwa ngobubusuku kuyabizwa umpefumlo wako kuwe; ezonto uziqwebileyo kanti, zoba zezikabanina?
21
Unjalo lowo uzibekelayo indyebo, engenabutyebi ngakutixo.
22
Waza wati kubadisipile bake: Ngako oku nditi kuni: Musani ukutukutezelela ubomi benu, ukuba notya nto nina; ninga tukutezel eli nomzimba wenu, ukuba niya kwambata nto nina:
23
ubomi bukulu kuko ukutya, nomzimba umkulu kuzo izivato.
24
Gqalani onomyai, okokuba abahlwayeli, abavuni nokuvuna, ekungeko kubo iqonga nasisele, kanti utixo uyabondla noko: kekaloku nina nizigqitisele intaka kakulu kangakananina?
25
Nguwupina ke kuni ongati ngokutukutezela ongezelele ebudeni bake ikubite ibe nye?
26
Ukuba ngoko nikohlwa kukwenza into encinane kuzo zonke, yinina ukuba ninesitukutezi ngezinye?
27
Gqalani inyibiba, ukuba ziti nina ukuhluma; azisebenzi, azisonti kanjako: kanti nditi kuni, kwa u‐Solomone kubo bonke ubungcwalisa bake akavatiswanga njengenye yezi.
28
Ukuba ke inca, eti namhla ibeko ezindle, iti ngomso iposwe eziko, utixo uyenje njalo ukuyivatisa, kwoba kangakananina ngakumbi aya kuvatisa nina, nina balukolo luncinane?
29
Nize ningafuni nina ukuba notya nto nina, umhlaumbi ukuba nosela nto nina; niti kanjalo ningabi namatindala:
30
ngokuba zonke ezizinto intlanga zelizwe zizifuna; kanjako uyihlo uyazi ukuba niziswele ezizinto.
31
Kodwa funani ubukumkani bukatixo, zaziya kuti zonke ezizinto zongezelelwe kuni.
32
Ungoyiki, mhlambi omncinane! ngokuba uyihlo etanda ukupa nina ubukumkani.
33
Tengisani ngento eninazo, nipe amalizo: zenzeleni izidla ezingabi zindala, indyebo engenakupela ezulwini, apo isela lingasondeli nenundu lingadli kona:
34
ngokuba apo ikona indyebo yenu, yoba kwa kona nentliziyo yenu.
35
Mazibe izinqe zenu zibinqiwe, nezibane zenu zivuta;
36
nani yibani nifana nabantu belinda inkosi yabo, mhlenikweni aya kunduluka emtshatweni, baze bati, yakufika yaqongqota, bayivulele kamsinya.
37
Zinetamsanqa izicaka ezo, iya kuti inkosi yazo, yakufika, izifumane zilinda. Ngokwenene nditi kuni: Iya kuzibinqa, izihlalise pantsi, isondele izikonze.
38
Nokuba iti ifike ngevaṙasho lesibini, umhlaumbi ifike ngevaṙasho lesitatu, izifumane zinjalo, zinetamsanqa izicaka ezo.
39
Kodwa qondani oku, ukuba umninindlu ebesazi yiyipina iyure isela liza ngayo, ange elinda, angavumeli ukuba igqotyozwe indlu yake.
40
Nani ngoko yibani nilungile; ngokuba ngeyure eningayikumbuleliyo unyana wesintu esiza.
41
Waza u‐Petrosi wati kuye: Nkosi! uwuteta lomzekeliso kuti tina, uwuteta kubo bonke, kusinina?
42
Yayisiti inkosi: Ngubanina ke elogosa linyanisekileyo nelilumkileyo, eyati inkosi yalo yalimisela pezu kwabendlu yayo, ukuba li ba nike ngexesha elifanelekileyo isabelwa sokudla?
43
Sinetamsanqa isicaka eso, iya kuti inkosi yaso, yakufika, isifumane sisenje njalo.
44
Ngenyaniso nditi kuni: Iya kusimisela pezu kwayo yonke impahla yayo.
45
Kodwa xeshekweni isicaka eso siti entliziyweni yaso: Inkosi yam iyalibala ukuza; size siqale ukubeta izicaka nezicakakazi, nokutya, nokusela, nokunxila;
46
yofika inkosi yesicaka eso ngemini esinga yi kangeliyo ngayo, nangeyure esingayaziyo, isisike kubini, imise isabiwo saso ndawonye nabangakolwayo.
47
Nesosicaka esibe siyazi intando yenkosi yaso, kanti asalungiselela, asenza nokwenza ngentando yayo, siya kubetwa ngemivimbo emininzi:
48
koko eso sibe singazi, kodwa senza izinto ezifanele imivimbo, siya kubetwa ngemincinane. Kanjalo osukuba epiwe okukulu, okukulu kwobizwa kuye; nalowo unikelweyo okukulu, kwocelwa kuye okukulu ngakumbi.
49
Ndeza kutuma umlilo emhlabeni; ngendifuna nto nina ke, ukuba ubuse uvutile?
50
Kodwa kuko ubapitizesho endifanele ukubapitizeshwa ngalo; ndibandezelwa kakulu kangakananina ke lude lufezwe!
51
Niba ndavela ukunika uxolo emhlabeni na? Nditi kuni: Nakanye; kuya kubako ukupambana.
52
Ngokuba emveni kwakaloku nje kuya kubako abahlanu endlwini nye bepambene, abatatu nababini, nababini nabatatu.
53
Uyise uya kupambana nonyana, nonyana noyise; unina nentombi, nentombi nonina; unondoda nomolo kazana, nomolokazana nonondoda.
54
Wabesiti nakwizihlwele: Xeshekweni nibona ilifu elitile linyuka entshonalanga, senisiti: Isipango siyeza; kuhle njalo ke.
55
Naxeshekweni niva umoya wasesuyide uvutela, niti: Kwobako ubushushu; kuhle ke.
56
Zihanahanisindini! ukubonakala kwomhlaba nokwezulu niyazi ukukunakana; kodwa ixesha eli kunganina ukuba ningalinakani?
57
Ewe kanjalo yinina ukuba ningagwebi ngokwenu oko kulungileyo?
58
Ngokuba xeshekweni uya nalowo ukumangeleleyo pambi kwenkosi, yiti endleleni uzamele ukukululwa kuye; hleze akur̔olele emgwebini, ati umgwebi akunikele kumsila, aze umsila akupose entolongweni.
59
Nditi kuwe: Akusayi kuza upume kona, ude uhlaule nemalanyana yokugqibela.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24