bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 22
Luke 22
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 23 →
1
KEKALOKU umtendeleko wezonka ezingenagwele ubusondela, o‐kutiwa yipasika:
2
baza bafuna abaperisite abakulu nababa̔li ukuba bangati nina ukumbulala; ngokuba bebesoyika abantu.
3
Wati ke u‐Satane wangena ku‐Jude obebizwa ngelinye igama elingu‐Sikariyoti, engowasenanini labalishumi linababini.
4
Waza wemka waya wateta nabaperisite abakulu nenkosi, ukuba angati nina ukumnikela kubo.
5
Baza bavuya, bavumelana naye ukumnika imali.
6
Watakazela ke, wafuna ituba lokumnikela kubo singeko isihlwele.
7
Wada wafika umhla wezonka ezingenagwele, ebekufanele ngawo ukuba kubingwe ipasika.
8
Waza watuma u‐Petrosi no‐Johane, esiti: Hambani niye nisilungisele ipasika, ukuze siyitye.
9
Bati bona kuye: Utanda ukuba silungiselele pina?
10
Wati yena kubo: Bona ke, nakuba ningene esixekweni, niya kukaulelwa ngumntu etwele umpanda wamanzi; mlandeleni yena niye endlwini apo angena kona.
11
Naniya kuti kumniniyo indlu leyo: Uti kuwe umfundisi: Ipina inkambili yendwendwe, apo ndingayityela kona ipasika ndawonye nabadisipile bam?
12
Waeya kuti lowo anibonise inkambili yapezulu enkulu eyandlalelweyo: lungiselelani kona apo.
13
Bemka ke baya bafumana njengokuba etshilo kubo, bayilungisa ipasika.
14
Kwati kwakufika ixeshana, wahlala pantsi, nabapostile abalishumi linababini kunye naye.
15
Waza wati kubo: Asi nokuba ndinqwenele lepasika ukuyitya ndawonye nani, ndingekeva intlungu:
16
ngokuba ndisiti kuni: Andisayi kuba satya kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukatixo.
17
Waza wamkela indebe, wabulela, wati: Tabatani le, nabelane;
18
ngokuba ndisiti kuni: Andisayi kuba sasela kwisiqa̔mo somti weveyine, kude kufike ubukumkani bukatixo.
19
Waza watabata isonka, wabulela, waqezula, wabanika, esiti: Esi singumzimba wam, onikelwa nina; kwenzeni oku kube kukukunjulwa kwam.
20
Ngokunjalo watabata nendebe emveni kwokuba kudliwe, esiti: Lendebe ilucebano olutsha egazini lam, elipalazelwa nina.
21
Kodwa, bona ke, isandla sondingcatshayo sinam etafileni.
22
Ewe unyana wesintu uyemka okunene, njengoko kumisiweyo: kodwa kwoba nzima kulowamntu angcatshwa nguye!
23
Baza baqala ukubuzisana omnye nomnye, ukuba angaba nguwupina kubo oza kuyenza lento.
24
Kwabekuko nepike pakati kwabo, ukuba nguwupina wakubo obalwayo ngokuba mkulu kwabanye.
25
Waza wati kubo: Okumkani babaheyideni bayabapata ngobukosi, nabo banegunya pezu kwabo bayabizwa ngokuti bangabenzeleli.
26
Kodwa nina aniyi kuba njalo; koko omkulu pakati kwenu makabe njengomncinane, noyinkosi njengokonzayo.
27
Ngokuba nguwupina omkulu? ngohleli ekutyeni, ngokonzayo, kusinina? asi ngulowo na uhleli ekutyeni? kodwa mna ndipakati kwenu njengokonzayo.
28
Nina ke ningabo babemana behlala nam emalingweni am.
29
Nam ndiyamisela nina ubukumkani, njengokuba ubawo emisele mna;
30
ukuze nitye nisele etafileni yam ebukumkanini bam, nihlale eziteroneni, nigweba izizwe ezilishumi linazibini zo‐Sirayeli.
31
Yayisiti inkosi: Simone, Simone! bona ke, u‐Satane uzibizele nina, ukuba a n ele njengenqolowa.
32
Kodwa mna ndikutandazele wena, ukuze ukolo lwako lungapeli: nawe yiti, nxa ude waguquka, uqinise abazalwana bako.
33
Wati yena kuyo: Nkosi! sendilungile ukuya nawe nasentolongweni nasekufeni.
34
Yati yona: Nditi kuwe, Petrosi! inkuku ayiyi kulila namhla nje, ungekakanyeli katatu ukuba uyandazi.
35
Yaza yati kubo: Okuya ndandinituma ningenasidla, nanxowa, nazihlangu, kenaswela nto na? Bati bona: Nanye.
36
Yandula yati kubo: Kodwa kaloku nje lowo unesidla makasipate, kwa nenxowa kanjalo: nalowo ongenaso, makatengise ngengubo yake, atenge isiṙele.
37
Ngokuba ndisiti kuni: Oku okuba̔liweyo kusafanele ukufezwa kum, okwokuti: Wabalwa nabagqita umteto; ngokuba izinto eziteta ngam zinesipelo.
38
Bati bona: Nkosi! bona ke, nazi iziṙele ezibini. Yayisiti kubo: Kwanele.
39
Waza wapuma u‐Yesu, waya ngokwesiko lake entabeni yeminquma; bati nabadisipile bake bamlandela.
40
Kekaloku akuba ebefikile kwindawo, wati kubo: Tandazani nize ningangeni ekulingweni.
41
Waza washenxa kubo kwanga kumgama wokujulwa kwelitye, waguqa ngamadolo, watandaza,
42
esiti: Bawo! ukuba uyavuma ukususa lendebe kum —: noko makungabi yintando yam eyenziwayo, makube yeyako.
43
Kwaye kubonakala kuye ingelosi ivela ezulwini imomeleza.
44
Waza esekulweni okunzima watandaza ngokunyameka ngakumbi: kwati ukubila kwake kwanga kumatontsi amakulu egazi esiwa pantsi emhlabeni.
45
Wati akusuka ekutandazeni, weza kubadisipile bake, wabafumana belele ubutongo ngosizi,
46
wati kubo: Yinina ukuba nilale? sukani nitandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.
47
Kekaloku nxa abesateta, nasi isihlwele ke; nalowo kutiwa ungu‐Jude, owabalishumi linababini, ebehamba pambi kwabo, wasondela ku‐Yesu ukuza kumanga.
48
Waza u‐Yesu wati kuye: Jude! uyangcatsha unyana wesintu ngokwanga na?
49
Kekaloku abo babempahla, bakubona oko kuya kubako, bati kuye: Nkosi! sobeta ngesiṙele kusinina?
50
Waza umntu otile kubo wabeta isicaka somperisite omkulu, wasinqumla eyokunene indlebe.
51
Koko wapendula u‐Yesu wati: Vumelani kude kube lapa. Waza wacukumisa indlebe yaso, wasipilisa.
52
Waza u‐Yesu wati kubo abaperisite abakulu, nenkosi zetempile, nabadala, ababemzumile: Nipumile neziṙele nenduku na, njengokungati nibe nipuma ngakulo ibada?
53
Ndakuba bendinani etempileni imihla ngemihla, anolula zandla ngakum: kodwa eli lixeshana lenu, namandla obumnyama.
54
Bati bakuba bebembambile, bamr̔ola, bamsa endlwini yomperisite omkulu. Waza u‐Petrosi walandela ekude.
55
Kekaloku nxa bebebasile umlilo pakati kwekusi, nanxa bebehleli pantsi ndawonye, wahlala pantsi u‐Petrosi pakati kwabo.
56
Sati isicakazana esitile sakumbona ehleli pantsi ngasemlilweni, samjongela, sati: Naló ebenaye.
57
Koko wamkanyelayo, esiti: Nkazanandini! andimazi.
58
Kwasekumzuzwana omnye wambona wati: Nawe ungowakubo. Koko u‐Petrosi wati: Mntundini! andinjalo.
59
Yati yakugqita yanga yiyure inye, omnye umntu waqinisa ukutshoza, esiti: Ngokwenyaniso naló ebenaye; ngokuba kwa yena engum‐Galili.
60
Koko wati u‐Petrosi: Mntundini! andiyazi into oyitetayo. Yaselisiti kwa oko, nxa ebesateta, yalila inkuku.
61
Yaza yajika inkosi, yamkangela u‐Petrosi. Waza u‐Petrosi wakumbula ilizwi lenkosi, okokuba ibitshilo kuye ukuti: Ingekalili inkuku, uya kundikanyela katatu.
62
Waselepuma ngapandle u‐Petrosi, walila ngento ebuṙaṙa.
63
Aza amadoda abembamba u‐Yesu amhleka, a m tyabula:
64
ati akuba ebemgubungele amehlo, ambeta ebusweni, ambuza, esiti: Laula, wabetwa ngubanina?
65
Nezinye izinto ezininzi ebeziteta ngakuye ngokugxeka.
66
Kwati kwakuba kuse kusile, kwahlanganisana abadala babantu, nabaperisite abakulu nababa̔li, bamr̔olela entlanganisweni yabo, besiti:
67
Unguye u‐Kristu kusinina? sixelele. Wayesiti kubo: Ukuba ndiyanixelela, aniyi kukolwa;
68
nokuba ndiyabuza nam, aniyi kundipendula, aniyi ku ndi kulula kanjako.
69
Emveni kwakaloku nje unyana wesintu woba ehleli ngasekunene kwamandla katixo.
70
Baza bati bonke: Wena pofu unguye unyana katixo na? Waza wati kubo: Nitsho nina, ukuba ndinguye.
71
Bati bona: Sisafunela nina ubunqi̔na? ngokuba tina ngokwetu sivile ngomlomo wake.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24