bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 16
Luke 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 17 →
1
WAYESITI kanjalo kubadisipile bake: Bekuko isityebi esitile, esibe sinegosa; kwaye kumangalwa kuso ngalo eli ukuba liyaci̔takalisa impahla yaso.
2
Saza salibiza sati kulo: Yinina lento ndiyiva ngawe? yenza ingxelo yobugosa bako; ngokuba ungebe selilo igosa.
3
Laza lati pakati kwalo igosa elo: Ndiya kwenza nto nina, inkosi yam ibususa ubugosa kum nje? ukumba andingekwenze; ukunqiba ndikudanele.
4
Sendikwazi oko ndiya kukwenza, ukuze kuti, ndakushenxiswa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo.
5
Laza lababiza abanye ngabanye abanetyala enkosini yalo, lati kowokuqala: Unetyala elingakananina enkosini yam?
6
Wayesiti yena: Lelekulu lebate zeoli. Laza lati kuye: Tabata isiba̔lelo sako, uhlale pantsi msinya, uba̔le amashumi amahlanu.
7
Landula lati komnye: Nawe unetyala elingakananina? Wayesiti yena: Lelekulu lekore zenqolowa. Laza lati kuye: Tabata isiba̔lelo sako, uba̔le amashumi asibozo.
8
Yaza inkosi yalo yabonga igosa elingalungileyo, ngokuba libe lenzile ngokulumka: ngokuba usapo lwelilizwe likoyo lugqitisile usapo lwokukanya ngokulumka kokwesalo isizukulwana.
9
Nam nditi kuni: Zenzeleni abahlobo ngobutyebi obungalungileyo, ukuze kuti, nakupela, banamkele ezintlalweni ezingunapakade.
10
Onyanisekile kokuncinane, unyanisekile nakokukulu; nalowo ungongalungile kokuncinane, ungongalungile nakokukulu.
11
Ukuba ngoko nibe ninganyanisekile ebutyebini obungalungileyo, ngubanina oya kubekela kuni obenyaniso?
12
Nokuba nibe ninganyanisekile kokwomnye, ngubanina oya kuninika okukokwenu?
13
Akuko sicaka esingakonzayo inkosi ezimbini: ngokuba siya kutiya enye, sitande enye; okanye, siya kubambelela kwenye, sidele enye. Aningekonze utixo nobutyebi kunye.
14
Kekaloku ezizinto zonke zibe ziviwa nangabafarisi abatanda imali, bamsinekela.
15
Waza wati kubo: Nina ningabazenza abalungileyo ebusweni babantu; kodwa utixo uyazazi intliziyo zenu: ngokuba oko kuyinto enkulu pakati kwabantu, kuyintshontsho ebusweni bukatixo.
16
Umteto nabaprofite bebeko kwada kwako u‐Johane; kuseloko ubukumkani bukatixo buyashunyayelwa, bati bonke bazinyanzelele kubo.
17
Kulula ukuba kudlule izulu nomhlaba, ngapezu kwokuba, kutshitshe umgcanyana mnye emtetweni.
18
Osukuba elahla umfazi wake, ezeka nomnye, uyaṙexeza; nosukuba ezeka olahliweyo yindoda, uyaṙexeza naye.
19
Kodwa bekuko isityebi esitile, esibe sisambata izivato ezibomvu nezeqiya eshiceneyo, siziyolisa imihla ngemihla ngobumnandi obukulu.
20
Bekuko nehlwempu elitile, eligama lingu‐Lazarusi, ebelilele ngasesangweni laso, lizele zizilonda,
21
linqwenela ukuhlutiswa ngemvutuluka eziwayo etafileni yesityebi; kanjako nezinja zibe zisiza zakota izilonda zalo.
22
Kwada kwati ke kwafa ihlwempu, lasiwa zingelosi esifubeni sika‐Abrahame. Safa ke nesityebi, sancw̔atywa.
23
Saza sati ehadesi sapakamisa amehlo aso, siba sebuhlungwini, sabona u‐Abrahame ekude, no‐Lazarusi esifubeni sake,
24
sabiza ke sati: Bawo Abrahame! yiba netaṙu kum, utume u‐Lazarusi, ukuze afake incam yomnwe wake emanzini, apolise ulwimi lwam; ngokuba ndibulawa kwelilangatye.
25
Koko wati u‐Abrahame: Nyana! kumbula ukuba wena wamkela izinto zako ezilungileyo ekudleni kwako ubomi, no‐Lazarusi kwa njalo izinto zobubi: kodwa kaloku nje yena uyonwatyiswa, nawe uyabulawa.
26
Kanjako ngapezu kwoku konke, pakati kwetu nani kumisiwe ituba elikulu, ukuze ke abo bafuna ukuwela besuka apa ukuya kuni bakohlwe, nabakona bangaweli ukuza kuti.
27
Saza sati: Ndiyakutandaza ngoko, bawo! ukuba umtume endlwini kabawo;
28
ngokuba ndinabazalwana abahlanu; ukuze anqi̔ne kubo, ukuba bangezi nabo kulendawo yobuhlungu.
29
Wati u‐Abrahame kuso: Bano‐Mosesi nabaprofite; mabeve bona.
30
Sati ke sona: Hai, bawo Abrahame! koko xeshekweni ovela kwabafileyo aya kubo, baya kuguquka.
31
Kodwa wati kuso: Ukuba abeva u‐Mosesi nabaprofite, abayi kukolwa naxeshekweni umntu avuka kwabafileyo.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24