bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 19
Luke 19
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 20 →
1
Waza wangena wahamba ecanda e‐Jeriko.
2
Kwaye kuko, bona ke, indoda ibizwa ngegama elingu‐Zakeyu, ebiyinkosi yababuti beminikelo, ebisisityebi kanjalo.
3
Yabifuna ukubona u‐Yesu, ukuba unjanina; yabikohlwa ke ngenxa yesihlwele, ngokokuba ibincinane ubude bayo.
4
Yaza yagidimela pambili, yakwela emtini wesikamore, ukuze imbone: ngokuba ebeza kudlula ngalo ndlela.
5
Wati akufika kulondawo, wabeka pezulu u‐Yesu, wayibona, wati kuyo: Zakeyu! nxama uhle; ngokuba namhla ndifanele ukuhlala endlwini yako.
6
Yaza yanxama yehla, yamamkela ivuya.
7
Baza bonke bakubona oku bakalaza, besiti: Uye kulalisa endlwini yendoda engumoni.
8
Wema ke u‐Zakeyu, wati kwinkosi: Bona ke, isiqingata sempahla yam, Nkosi! ndiyasipa amahlwempu; nokuba kuko ondimhlutileyo into ngokulumkisa, ndiyabuyekeza ngento epindiweyo kane.
9
Wayesiti u‐Yesu kuye: Namhla usindiso lufikile kulendlu, ngokokuba naye ungunyana ka‐Abrahame.
10
Ngokuba unyana wesintu weza ukufuna nokusindisa okulahlekileyo.
11
Kekaloku nxa bebesiva ezizinto, walekela wateta umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufupi ne‐Yerusaleme, nokuba bebeba ubukumkani bukatixo buza kubonakala kamsinya.
12
Wati ngoko: Itshawe elitile lahambela ezweni elikude, ukuya kuzamkelela ubukumkani, nokubuya.
13
Lati libizile izicaka zalo zilishumi, lazinika ishumi lemina, lati kuzo: Yananani, ndide ndize.
14
Kodwa abesixeko salo babelitiya, batuma izitunywa emva kwalo, besiti: Asivumi ukuba lo mntu abe ngukumkani pezu kwetu.
15
Kwaza kwati lakuba libuyele kona, libamkele ubukumkani nje, landula laxela ukuba kubizelwe kulo izicaka ezi, elati lazinika imali leyo, ukuze lazi ukuba zizuzile nto nina ngezinye ngokwanana.
16
Sati ke esokuqala sasondela, sisiti: Nkosi! imina yako izuzile imina ezilishumi.
17
Laza lati kuso: Ukolisile, sicaka esilungileyo! ngokokuba ubunyanisekile kokuncinane kakulu, yiba unegunya pezu kwezixeko zibe lishumi.
18
Saza seza esesibini, sisiti: Nkosi! imina yako yenzile imina ezintlanu.
19
Laye lisiti nakuso esi: Nawe yiba pezu kwezixeko zibe zihlanu.
20
Seza nesinye, sisiti: Nkosi! nantsi imina yako, ebendinayo ibekelwe eqiyeni:
21
ngokuba bendikwoyika wena, kuba ungumntu olukuni: uyacola oko ungakubekanga pantsi, uyavuna oko ungakuhlwayelanga.
22
Lati ke kuso: Ngokupumayo emlonyeni wako ndokugweba, sicaka esikohlakeleyo! ubusazi nje ukuba ndingumntu olukuni mna, ndicola oko ndingakubekanga pantsi, ndivuna oko ndingakuhlwayelanga:
23
ibiyinina pofu ukuba akwabeka imali yam ebankeni? ndaye ndinga ndite mna, ndakufika, ndabanga yona kunye nokwanda kwayo.
24
Laza lati kwabo babemi kufupi: Mhluteni imina yake, niyinike kulowo unemina ezilishumi.
25
Baza bati kulo: Nkosi! unemina ezilishumi.
26
Ngokuba ndisiti kuni: Bonke abanako baya kupiwa: kanti ongenako, uya kuhlutwa kwa oko anako.
27
Kodwa intshaba zam ezo, ezibe zingavumi ukuba ndibe ngukumkani pezu kwazo, ziziseni apa, nizibulale pambi kwam.
28
Waza wati akuba ebetshilo, wahamba pambili, enyukela e‐Yerusaleme.
29
KWAZA kwati, nxa wasondelayo e‐Betefage nase‐Betaniya ngasentabeni ebizwayo ngokuti yeyeminquma, watuma ababini bakubadisipile bake,
30
esiti: Hambani niye emzini omalungana nani; eniya kuti kuwo nakungena, nifumane iqwaṙashana libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu pezu kwalo: likululeni nilizise.
31
Nokuba umntu uyanibuza ngokuti: Kunganina ukuba ni li kulule? notsho kuye ukuti: Inkosi iyalifuna.
32
Bemka abo babetunyiwe, baya bafumana njengokuba ebetshilo kubo.
33
Kekaloku nxa bebelikulula iqwaṙashana, bati abaninilo kubo: Yinina ukuba nilikulule iqwaṙashana?
34
Bati bona: Inkosi iyalifuna.
35
Baza balizisa ku‐Yesu, baposa ingubo zabo pezu kweqwaṙashana, bamkwelisa u‐Yesu.
36
Kanjako ekuhambeni kwake, bebesandlala ingubo zabo ngapantsi endleleni.
37
Kwati nxa ebesel’ esondela ngasetambekeni lentaba yeminquma, saqala sonke isihlwele sabadisipile ukuvuya, nokudumisa utixo ngelizwi elikulu, ngenxa yazo zonke izenzo zamandla ababezibonile,
38
besiti: Makatanyusanqeliswe ukumkani ozayo egameni likayehova! Uxolo lube sezulwini, nobungcwalisa enyangweni yapezulu!
39
Baza inxenye yabafarisi basesihlweleni bati kuye: Mfundisi! tetisa abadisipile bako.
40
Waza wapendula wati kubo: Nditi kuni: Ukuba aba bati tu, amatye aya kudanduluka.
41
Wati nxa ebesondele, wabona isixeko, wasililela,
42
esiti: Akwaba ubute kwa wena, ewe kwa kuwo umhla wako lo, wazazi izinto eziyelela uxolo lwako! kodwa kaloku nje ziwafihlelwe amehlo ako.
43
Ngokuba imihla iya kuza pezu kwako, nxa ziya kuti intshaba zako zibeke udonga ngento ekungqongayo, zikuṙaule, zikuvingcele ngamacala onke,
44
zikuci̔tele emhlabeni, nosapo lwako pakati kwako; zaye zingayi kushiya pakati kwako elinye ilitye pezu kwelinye; ngenxa yokuba ubungalazanga ixesha lokunonelelwa kwako.
45
Waza wangena etempileni, waqala ukugxota abo babetengisa kuyo, nababetenga,
46
esiti kubo: Kuba̔liwe ngokuti: Indlu yam iyindlu yokutandaza; kanti nina niyenzile umqolomba wamabada.
47
Waye efundisa imihla ngemihla etempileni. Kodwa abaperisite abakulu nababa̔li bebefuna ukumbubisa, kwa nabakulu basebantwini;
48
kanti bebengafumani into abangayenzayo; ngokuba abantu bonke bebesiti nama kuye ukupulapula.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24