bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 9
Luke 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
1
WATI kekaloku wababizela ndawonye kuye abadisipile bake abalishumi linababini, wabanika amandla negunya pezu kwazo zonke idemoni, nokuba bapilise izifo.
2
Waza wabatuma ukuya kushumayela ubukumkani bukatixo, nokupilisa abafayo,
3
wati kubo: Ningapati nto ibe yeyendlela; ningazi pati intonga, nenxowa, nesonka, nemali; ningabi nazo ingubo mbini ngabanye kanjalo.
4
Nendlu enisukuba ningena kuyo, hlalani kona, nimke nakona.
5
Nabasukuba benganamkeli nina, niti nakupuma kwesosixeko, nivutulule notuli ezinyaweni zenu, kube sisinqi̔no ngakubo.
6
Bapuma ke bacanda izixeko ngezixeko, beshumayela ivangeli bepilisa nokupilisa ezindaweni zonke.
7
Kekaloku u‐Herodi inkosi weva zonke izinto ezibe zisenziwa nguye; wayexakekile, ngokuba kube kusitwa ngabanye: u‐Johane uvukile ekufeni;
8
nangabanye: u‐Elija ubonakele; nangabanye: Owabaprofite bakudala ubuye wavuka.
9
Waza wati u‐Herodi: u‐Johane ndandimnqumla intloko; kodwa ungubanina lo, endiziva ngaye izinto ezinje? Wabefuna ukumbona ke.
10
Bati abapostile bakubuya, bambalisela konke ababekwenzile. Waza wabatabata naye, wapambukela ngasese endaweni elubala yasesixekweni esibizwa nge‐Betesayida.
11
Zati izihlwele zakwazi, zamlandela; waza wazamkela, wateta kuzo ngobukumkani bukatixo, nabo babeswele ukupiliswa wabapilisa.
12
Kekalolu imini yaqala ukusangana; baza abalishumi linababini beza bati kuye: Sindulule isihlwele; baze bemke baye emizini epahlayo nasemapandleni, balalise, bafumane nento yokutya; ngokuba apa sisendaweni elubala.
13
Kodwa wati kubo: Bapeni nina ukuba batye. Baza bati: Asinanto epezu kwezonka ezihlanu nentlanzi ezimbini, ukuba asiti umhlaumbi siye sitengele bonke ababantu ukudla.
14
Ngokuba ebengati amadoda ngamawaka amahlanu. Wayesiti kubadisipile bake: Bahlaliseni pantsi ngamaqela, ngawamashumi mahlanu.
15
Benje njalo ke, babahlalisa pantsi kwa bonke.
16
Waza watabata izonka zozihlanu nentlanzi zombini, wakangela ngasezulwini, wazitamsanqelisa, waqezula, wanikela kubadisipile babeke pambi kwesihlwele.
17
Batya bahluta bonke: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo kubo, izitya zazilishumi linazibini.
18
KWAYE kute xeshekweni ebeyedwa etandaza, bebeko naye abadisipile bake: waza wabuza kubo, esiti: Ngubanina ziti izihlwele ndinguye?
19
Bapendula bati: Kutwa ngu‐Johane umbapitizeshi; bati kodwa abanye ngu‐Elija; bati nabanye: Omnye wabaprofite bakudala ubuye wavuka.
20
Wayesiti kubo: Kodwa ngubanina eniti nina ndinguye? Wapendula u‐Petrosi wati: Ngu‐Kristu katixo.
21
Waza wabayala kakulu, wayalela ukuba mabangaxeleli mntu oku,
22
esitsho ukuti: Unyana wesintu ufanele ukuva intlungu ezininzi, nokulahlwa ngabo abadala nabaperisite abakulu nababa̔li, nokubulawa, nokuvuswa ngomhla wesitatu.
23
Wabesiti kanjalo kubo bonke: Ukuba umntu uyafuna ukuza emva kwam, makazikanyeze, apate ikuruse yake imihla ngemihla, andilandele.
24
Ngokuba lowo usukuba efuna ukulondoloza ubomi bake, buya kumlahleka; nosukuba elahlekana nobomi bake ngenxa yam, oyena wobulondoloza.
25
Ngokuba kuya kunceda nto nina umntu, akulizuza ilizwe lonke, wati yena ngokwake walahleka, umhlaumbi wazizuzela ingozi?
26
Ngokuba lowo usukuba enentloni ngam nangamazwi am, oyena unyana wesintu woba nentloni ngaye, akuza ebungcwaliseni bake, nako boyise, nakobengelosi ezingcwele.
27
Kodwa nditi kuni ngokwenyaniso: Bako inxenye yabemiyo apa, abangasayi kuva ukufa, bade babone ubukumkani bukatixo.
28
Kwaye kute intsuku zingati zisibozo emveni kweziziteto, watabata naye u‐Petrosi, no‐Johane, no‐Yakobi, wenyukela entabeni ukuya kutandaza.
29
Kwati ekutandazeni kwake ukubonakala kwobuso bake kwenziwa ngakumbi, nokuvata kwake kwaba kubengezela ngokumhlope.
30
Kekaloku bona ke, amadoda amabini ebeteta naye, abe engu‐Mosesi no‐Elija;
31
ababonakalayo ebungcwaliseni, bateta ngokufa kwake abeza kukufeza e‐Yerusaleme.
32
Kodwa u‐Petrosi nabo bebenaye babe benzima bubutongo: bati bakuvuka, babona ubungcwalisa bake, namadoda lawo omabini abemi naye.
33
Kwaza kwati, nxa abesahlukana naye, wati u‐Petrosi ku‐Yesu: Nkosi! kulungile ukuba sibe lapa; masenze ke amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija; engazi into ayitetayo.
34
Kekaloku nxa ebesitsho, kwafika ilifu labasibekelela; boyika ke bakungena abo elifini.
35
Kanjalo ilizwi lavela elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo; mveni yena.
36
Lati lakuba lidlule ilizwi, wafunyanwa u‐Yesu eyedwa. Baza bona bati cwaka, abatyela mntu kanjako kwezontsuku nanye yezozinto bazibonileyo.
37
Kwaye kute ngomhla olandelayo, bakuba behlile entabeni, samkaulela isihlwele esikulu.
38
Kekaloku bona ke, indoda yasesihlweleni yamemeza, isiti: Mfundisi! ndiyakukunga, kangela unyana wam; ngokuba ekupela kwomntwana wam.
39
Uti, bona ke, umoya ambambe, asuke akale ke; kanjalo uyamṙuzula ade abe nokuxapa amagwebu, aze ati emapula nje emke kuye ngento enzima:
40
ndaza ndakunga abadisipile bako, ukuba mabamku̔pe; bakohlwa ke.
41
Wapendula u‐Yesu wati: Sizukulwana esingakolwayo ezigwenxa! ndobako kuni ndininyamezele kude kube ninina? zisela apa unyana wako.
42
Kekaloku nxa ebeseza, yamti kahla idemoni, yamṙuzula. Koko u‐Yesu watetisa umoya onco̔lileyo, wapilisa umfana, wamnikela kanjako kuyise.
43
Babemangaliswa ke bonke pezu kwobukulu bukatixo. Kanti bakuba bonke bebetela nqa zonke ezozinto wazenzayo u‐Yesu, wati kubadisipile bake:
44
Wabekeleni nina lamazwi indlebe zenu: ngokuba unyana wesintu eza kunikelwa ezandleni zabantu.
45
Kodwa bebengaqondi isiteto esi; saye sibafihlelwe, bada abasiva; bebesoyika ukumbuza ngesiteto esi kanjalo.
46
Kwaye kuvuka impikisano pakati kwabo, yokuti, ngubanina wakubo ongaba mkulu kwabanye.
47
Wati u‐Yesu wabona ukucamanga kwentliziyo yabo, wabamba umntwana, wammisa ngakuye,
48
waza wati kubo: Osukuba esamkela lomntwana egameni lam, uyamkela mna; nosukuba esamkela mna, uyamkela lowo wanditumayo: ngokuba lowo umncinane kwabanye pakati kwenu nonke, nguye oya kuba mkulu.
49
Waza wapendula u‐Johane wati: Nkosi! sabona umntu eziku̔pa idemoni egameni lako; saza samalela, ukuba engalandeli nati.
50
Wayesiti u‐Yesu kuye: Ningamaleli; ngokuba ongalani nati engecala letu.
51
KWAYE kute nxa ibisel’ ifika imihla yokunyuselwa kwake, wati yena wabekisa ubuso bake ukuya e‐Yerusaleme.
52
Waza watuma izitunywa pambi kwobuso bake; ezaya zangena emzini wama‐Samariya, ukuze zimlungisele.
53
Akamamkela ke, kuba ubuso bake bebusinga e‐Yerusaleme.
54
Baza abadisipile bake u‐Yakobi no‐Johane, bakubona oko, bati: Nkosi! uyatanda na sixele ukuba umlilo uhle ezulwini, uwagqibele, njengokuba no‐Elija wenje njalo?
55
Kodwa wajika wabatetisa, wati nokuti: Anazi ukuba ningabomoya omnina;
56
ngokuba unyana wesintu engezanga ukububisa ubomi babantu, koko eze uku bu londoloza. Baza baya kwomnye umzi.
57
Kwaye kute ekuhambeni kwabo endleleni, watsho umntu otile kuye ukuti: Ndokulandela, apo usukuba uhambela kona, Nkosi!
58
Waza u‐Yesu wati kuye: Impungutye zineminxu̔ma, nentaka zezulu zinendawo zokuhlala; kanti unyana wesintu akanandawo apo angalalisa kona intloko.
59
Wayesiti kwomnye: Ndilandele. Kodwa wati: Nkosi! ndivumele ukuba ndihambe nditi tanci ndiye kuncw̔aba ubawo.
60
Koko u‐Yesu wati kuye: Yekela abafileyo ukuncw̔aba abafileyo bakowabo; kodwa wena hamba uye ushumayele ubukumkani bukatixo.
61
Wati ke nomnye: Ndokulandela, Nkosi! kodwa kuqala ndivumele ukuba ndiye kubulisa abesendlwini yam.
62
Koko u‐Yesu wati kuye: Akuko mntu oti, esibekile isandla sake epuluweni, ekangela ngasemva, alungele ubukumkani bukatixo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24