bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 8
Luke 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 9 →
1
KWAYE kute kamva, wayehamba ngezixeko ngezixeko nangemizi ngemizi, eshumayela exela nokuxela indaba ezilungileyo zobukumkani bukatixo; benaye nabalishumi linababini,
2
nabafazi abatile ababe bepilisiwe komoya abakohlakeleyo nasezilwelweni, u‐Mariya obizwa ngom‐Magadala, obekupumile kuye idemoni ezisixe̔nxe,
3
no‐Johana umfazi ka‐Kuza igosa lika‐Herodi, no‐Susana, nabanye abaninzi, abebemkonza ngempahla yabo.
4
Kekaloku kwakubutana isihlwele esikulu, besiza kuye abakuzo zonke isixeko, wazekelisa wati:
5
Umhlwayeli wapuma ukuya kuhlwayela imbewu yake; nasekuhlwayeleni kwake, inxenye yawa ngasendleleni; yaza yanyatelwa, zati intaka zezulu zayidla.
6
Yawa enye elulwalweni; yati yakuba ihlumile yabuna, ngokuba ingenako ukunyakama.
7
Yawa nenye pakati kwemitolo; yaza imitolo yahluma kunye nayo, yayitshwencisa.
8
Yawa nenye emhlabeni olungileyo; yati yakuba ihlumile yavelisa iziqa̔mo ngekulu. Wati esitsho ezizinto wadanduluka, esiti: Onendlebe zokuva, makeve.
9
Baza abadisipile bake bambuza, besiti: Ungati nina umzekeliso lo?
10
Wayesiti: Kunikiwe nina ukwazi imfihlakalo zobukumkani bukatixo: kodwa abanye kutetwa kubo ngemizekeliso; ukuze bati bebona nje, bangaboni; bati kanjalo besiva nje, bangaqondi.
11
Kekaloku umzekeliso nguwo lo wokuti: Imbewu ililizwi likatixo.
12
Abo bangasendleleni ke, bangabo bevayo; kwandule ukuza u‐Satane asuse ilizwi entliziyweni yabo, ukuze bangakolwa basindiswe.
13
Abo baselulwalweni ke, ngabati xeshekweni bavileyo, balamkele ilizwi ngovuyo; kanti aba abanangcambo, abakolwayo kube mzuzu, bati ngexesha lokulingwa bapambuke.
14
Leyo ke yawayo emitolweni, aba bangabo abati bakuba bevile, bahambe baṙwishwe zizitukutezi nobutyebi nemihlali yokudliwa kwobomi, baze bangaqa̔mi kuvutwe.
15
Leyo ke isemhlabeni olungileyo, aba bangabo abati ngentliziyo elungileyo netambileyo, bakuba bevile, balibambe ilizwi, baxakate izixakato ngokunyamezela.
16
Akuko mntu oti, akubaneka isibane, asigubungele ngesitya, umhlaumbi asibeke pantsi kwesihlalo; uti asibeke pezu kwekandelare, ukuze abangenayo babone ukukanya.
17
Ngokuba kungeko nto efihlakeleyo, engayi kubonakaliswa; kanjako akuko nto efihliweyo, engayi kwaziwa, ize ekuhleni.
18
Lumkani ngoko ukuba niti nina ukuva: ngokuba osukuba enako, kuya kupiwa yena; kanti osukuba engenako, uya kuhlutwa kwa oko aba unako.
19
Kekaloku kwasondela kuye unina nabazalwana bake; bakohlwa ke kumfikelela ngenxa yesihlwele.
20
Kwaza kwashunyayelwa kuye, kusitwa: Unyoko nabazalwana bako bemi pandle, befuna ukukubona.
21
Koko wapendula wati kubo: Uma̔ nabazalwana bam bangaba, abalivayo ilizwi likatixo, balenze.
22
Kwaye kute ngemini etile, wangena yena enqanaweni, kwa nabadisipile bake; waza wati kubo: Masiwele siye kwelingapesheya icala lolwandlana, banduluka ke.
23
Kekaloku nxa bebeselisha, walala ubutongo: kwaza kwehla uqwitela lwomoya pezu kwolwandlana, bada bafun’ ukuzalelwa ngamanzi, baza kuba semgcipekweni ke.
24
Beza kuye bamvusa, besiti: Nkosi, Nkosi, siyabuba! Wavuka ke wakalimela umoya nokulwa kwamanzi; kwapeza ke, kwaza kwabako ukuzola.
25
Wayesiti kubo: Lupina ukolo lwenu? Kodwa bebesoyika bati nqa, besiti omnye kwomnye: Ngubanina kanti lo, eyalela nemimoya namanzi nje, zimve ke?
26
Baza baselishela ezweni lama‐Gadara, elimalungana ne‐Galili.
27
Wati akupumela emhlabeni, kwamkaulela indoda etile yasesixekweni esekukade inazo idemoni, yayingambati ngubo, yayingahlali endlwini kanjalo, koko yahlala emancw̔abeni.
28
Yati kekaloku yakubona u‐Yesu, yadanduluka, yawa pantsi pambi kwake, yati ngelizwi elikulu: Ndiyinto nina kuwe, Yesu, Nyana katixo opezu konke? ndiyakukunga, zungandimbeli!
29
(Ngokuba ebeyalele umoya onco̔lileyo ukuba apume emntwini lowo; ngokuba bekukaninzi ebemqubule; wabegcinwa enxityiwe ngemixokelelwane nangamakamandela; waza eqaula izinxibo wagxotelwa ezindaweni ezilubala yidemoni.)
30
Waza wayibuza u‐Yesu, esiti: Ngubanina igama lako? Yayisiti: Ngu‐Bandlalikulu; ngokuba idemoni ezininzi bezingene kuyo.
31
Zaza zambongoza, aze angaziyaleli ukuba zimke ziye esihogweni.
32
Kwabekuko apo umhlambi wehangu ezininzi zisidla entabeni. Zaza zambongoza ukuba azivumele zingene kuzo ezo. Wazivumela ke.
33
Zati idemoni zapuma emntwini lowo zangena ezihangwini; waza umhlambi wagalelekela ngeliwa apo elwandlana, wamiwa ke.
34
Baza abo babesalusa, bakubona oko kwenzekileyo, babaleka, baya bashumayela indawo esixekweni nasemapandleni.
35
Bati ke abantu bapuma ukuya kubona into eyenzekileyo, beza ku‐Yesu, bamfumana ehleli pantsi lowamntu zibe zipumile kuye idemoni, evatile, enokuqonda kwake, ngasezinyaweni zika‐Yesu; basuka boyika.
36
Bati kanjalo abo babebonile babashumayeza ukuba watiwa nina ukupiliswa lowo ubengenelwe zidemoni.
37
Saza sonke isihlwele sasezweni elipahlayo lama‐Gadara samtandaza ukuba emke kubo; ngokuba bebebanjwa kukwoyika okukulu. Waza yena wangena enqanaweni, wabuya.
38
Kekaloku indoda zibe zipumile kuyo idemoni ibimkunga ukuba ibe naye. Kodwa wayindulula u‐Yesu, esiti:
39
Buyela endlwini yako, ubalise izinto ezingakanana akwenzele zona utixo. Yaza yemka, ishumayela kuso sonke isixeko izinto ezingakanana abeyenzele zona u‐Yesu.
40
Kwaza kwati akuba ebuyile u‐Yesu, abantu bamamkela ngembuko; ngokuba bonke bebemlinda.
41
Kekaloku bona ke, kwafika indoda egama lalingu‐Yahiri, ebingumpati wendlu yentlanganiso, yawa pantsi ngasezinyaweni zika‐Yesu, yambongoza ukuba angene endlwini yayo:
42
ngokuba ibinentombi ikupela kwomntwana wayo, eminyaka yobudala ngati yalishumi linamibini, yati yona yafun’ ukufa. Kwati ekuhambeni kwake, izihlwele zamxinanela.
43
Kekaloku umfazi obenegqita legazi kwasekuyiminyaka ilishumi linamibini, obegqibele kanjako konke apila ngako emagqir̔eni, engabanga nako ukupiliswa mntu,
44
weza ngasemva, wacu̔kumisa umqukumbelo wengubo yake; laselinqamka kwa oko igqita legazi lake.
45
Waza wati u‐Yesu: Ngubanina owandicu̔kumisayo? Kekaloku bakukanyela bonke, wati u‐Petrosi nabo babenaye: Nkosi! izihlwele zikuxinga zikuncinezela nje, uti ke na: Ngubanina owandicu̔kumisayo?
46
Koko u‐Yesu wati: Kuko owandicu̔kumisayo; ngokuba ndandisazi ukuba amandla apuma kum.
47
Wati ke umfazi lowo akubona ukuba akafihlakele, weza engcangcazela, wawa pantsi pambi kwake, wamshumayeza ebusweni babantu bonke ituba abemcu̔kumisile ngalo, nokokuba wapiliswa kwa oko.
48
Wayesiti kuye: Yomelela, ntombi! ukolo lwako lukupilisile; hamba ngoxolo.
49
Nxa abesateta, kwafika owakowabo umpati wendlu yentlanganiso, esiti kuye: Ifile intombi yako; ungamkatazi umfundisi.
50
Kuloko u‐Yesu, evile nje, wapendula kuye, esiti: Ungoyiki: kolwa kodwa, yaiya kupiliswa
51
Wati akufika endlwini, akavumela mntu ukuba angene, kupela u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, noyise wentombazana nonina.
52
Kekaloku bebelila bonke, bayenzela isijwili. Kodwa wati: Ningalili; ayifile, ilele butongo.
53
Basuka bamhleka, besazi ukuba ifile.
54
Kuloko yena akuba ebaku̔pele pandle bonke, wabamba isandla sayo, wadanduluka, esiti: Ntombazana, vuka!
55
Waza umoya wayo wabuya weza, yaselisuka kwa oko. Kanjalo wayalela ukuba inikwe ukudla.
56
Bati ke abazali bayo bamangaliswa; kodwa wabayala ukuba mabangaxeleli mntu into eyenzekileyo.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24