bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 15
Luke 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 16 →
1
KWAYE kusondela kuye bonke ababuti beminikelo naboni, ukuza kumva.
2
Baza bakalaza abafarisi nababa̔li, besiti: Lo uyamkela aboni, adlelane nabo.
3
Wayeteta kubo lomzekeliso, esiti:
4
Nguwupina umntu kuni enekulu legusha, ongati yakumlahleka enye kuzo, azishiye ezimashumi alitoba enesitoba entlango, aputume leyo ilahlekileyo, ade ayifumane yona?
5
Kekaloku akuyifumana, uyayibeka emagxalabeni ake evuya;
6
ati akufika ekaya, ababizele ndawonye abahlobo bake nabamelwane bake, esiti kubo: Vuyani nam, kuba ndifumene igusha yam ebilahlekile.
7
Nditi kuni, kwa njalo kuya kubako uvuyo ezulwini ngenxa yomoni emnye oguqukayo, ngapezu kwolungenxa yamalunga emashumi alitoba anesitoba angafanele ukuguquka.
8
Kanjalo nguwupina umfazi enamaqosha esilivere alishumi, ongati, ukuba liyamlahleka libe linye, abaneke isibane, atshayele indlu, afune ngokuku̔tala, ade alifumane?
9
Kekaloku akulifumana, uyababizela ndawonye kuye abahlobokazi bake nabamelwanekazi bake, esiti: Vuyani nam, kuba ndifumene iqosha lesilivere elandilahlekayo.
10
Kwa njalo, nditi kuni, kuko uvuyo ebusweni bengelosi zikatixo ngenxa yomoni emnye oguqukayo.
11
Wayesiti: Umntu otile ebenonyana ababini.
12
Waza omncinane wakubo wati kuyise: Bawo! ndinike isabiwo sempahla esiza kum. Waza wababela imfuyo yake.
13
Kekaloku emveni kwentsuku ezingeninzi unyana omncinane wahlanganisa konke, waṙanukela elizweni elikude, wati kona waci̔takalisa impahla yake, ehlala ngobubedengu.
14
Kwati akuba ebeci̔tile konke, kwabako indlala enkulu kwelozwe, waqala naye ukuba nokuswela.
15
Waza waya wazibandakanyela komnye wabemi belozwe, owamtuma emhlabeni wake ukuya kwalusa ihangu.
16
Waza wanqwenela ukuzalisa isisu sake ngemifuno ebidliwa zihangu; kwaye kungeko mntu owampayo.
17
Kekaloku kwakubuya ukuqonda kwake, wati: Baninzi kangakananina abaqashwa bakabawo abanokutya okungapezu kwokubaneleyo, kanti mna ndiyabuba kulamba!
18
Ndiya kusuka ndiye kubawo, nditi kuye: Bawo! ndonile ngakulo izulu, nasebusweni bako;
19
andisafanele ukubizwa ngokuha ngunyana wako; ndenze ndibe njengomnye wabaqashwa bako.
20
Waza wesuka waya kuyise wake. Kekaloku nxa ebesekude kakulu, wati uyise wambona, wabetwa lusizi, wagidima, wawa entanyeni yake, wamanga.
21
Wati ke unyana kuye: Bawo! ndonile ngakulo izulu, nasebusweni bako; andisafanele ukubizwa ngokuba ngunyana wako.
22
Kodwa uyise wati ezicakeni zake: Pumisani ingubo ende enqabileyo, nimambatise; nifake umsesane esandleni sake, nezihlangu ezinyaweni zake;
23
niti kanjalo nizise itole elityetyisiweyo nilixe̔le, sidle sigcobe ke:
24
ngokuba lo unyana wam ebefile, kanti ubuye wapila; ebelahlekile nje, kanti ufunyenwe. Baza baqala ukugcoba.
25
Kekaloku unyana wake omkulu ebesentsimini: wati xeshekweni ebesiza wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa.
26
Waza wabiza esinye sezicaka, wabuza ukuba zingati nina ezizinto.
27
Sati ke sona kuye: Umninawe wako ufikile; kanjalo uyihlo uxe̔lile itole elityetyisiweyo, kuba emamkele epilile.
28
Waqumba ke, ebengavumi nokungena. Wati ngoko uyise wapuma wambongoza.
29
Koko wapendula wati kuyise: Bona ke, ndikukonza leminyaka mininzi kangaka, ndingazanga ndigqite umyalelo wako nje, akupanga mna noko ibokwana napakade, ukuze ndigcobe nezihlobo zam:
30
kodwa xeshekweni wafikayo unyana wako lo, obedlile imfuyo yako ndawonye nabapinyiswa, wamxe̔lela yena itole elityetyisiweyo.
31
Koko wati kuye: Nyana! wena uba nam futi, nako konke okukokwam kukokwako.
32
Kwabekufanele ukuba kuvuywe kugcotywe: ngokuba umninawe wako lo ebefile, kanti ubuye wapila; ebelahlekile nje, kanti ufunyenwe.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24