bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 18
Luke 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 19 →
1
Wabeteta nomzekeliso kubo wokuti kufanele ukuba kutandazwe futi, kungadinwa,
2
esiti: Kube kuko umgwebi otile esixekweni esitile, obengamoyiki utixo, obengamhloneli nomntu.
3
Kube kuko nomhlolokazi kwesosixeko, owaman’ esiza kuye, esiti: Ndilungise elutshabeni lwam.
4
Kwaza kwamzuzu engavumi; kodwa kamva wati pakati kwake: Nakuba utixo ndingamoyiki, nomntu ndingamhloneli,
5
ndiya kuti noko, ngenxa yokuba endika taza umhlolokazi lo, ndimlungise, hleze ati ehlala esiza andiqekeze intloko.
6
Yaza yati inkosi: Yivani oko kutetwa ngumgwebi ongalungileyo.
7
Notixo akayi kulungisa abaqashwa bake na, abakalela kuye emini nasebusuku, nangona enza kade pezu kwabo?
8
Nditi kuni: Wobalungisa kamsinya. Kodwa noko, akuza unyana wesintu, wolufumana ke na ukolo emhlabeni?
9
Kanjalo wawuteta nakwabatile abazitembelayo ukuba balungile, badela abanye, umzekeliso lo:
10
Abantu ababini benyukela etempileni ukuya kutandaza, omnye engumfarisi, omnye engumbuti weminikelo.
11
Umfarisi wema wenje nje ukutandaza ngokwake: Tixo! ndiyakubulela ukuba ndingenjengabo abanye abantu, abapangi, abangalungileyo, abaṙexezi, ndingenjengaye nalombuti weminikelo.
12
Ndiyazila ukutya kabini ngeveki; ndiyanika izishumi zako konke endikuzuzayo.
13
Nombuti weminikelo, emi kude, ebengavumi nokuba apakamise amehlo ngasezulwini; koko ebebeta esifubeni sake, esiti: Tixo! yiba nofefe kum endingumoni.
14
Nditi kuni: Wehla lo waya endlwini yake egwetyelwe, ngapezu kwalowa: ngokuba osukuba ezipakamisa, uya kutotywa; kanti ozitobayo, uya kupakanyiswa.
15
KEKALOKU bazisa kuye nentsana, ukuze azicu̔kumise: bati ke abadisipile, bakubona, babatetisa.
16
Kodwa u‐Yesu wazibiza, wati: Vumelani abantwana ukuza kum, ize ningabaleli; ngokuba ubukumkani bukatixo bubobabanjalo.
17
Ngokwenene nditi kuni: Osukuba engamkeli ubukumkani bukatixo njengomntwana, akasayi kuza angene kubo.
18
Waza umpati otile wambuza, esiti: Mfundisi olungileyo! ndiya kulidla ilifa lobomi obungunapakade ndakuba ndenze nto nina?
19
Wayesiti u‐Yesu kuye: Yinina ukuba uti ndingolungileyo? akuko olungileyo, kupela umnye, o ngutixo.
20
Imiyalelo uyayazi: Akuyi kuṙexeza; akuyi kubulala; akuyi kuba̔; akuyi kunqi̔na ubunqi̔na obubuxoki; beka uyihlo nonyoko.
21
Wati yena: Ezizinto zonke ndizibambile kwa sebutsheni bam.
22
Waza u‐Yesu akuva oku wati kuye: Inye into esaswelekileyo kuwe: tengisa ngako konke osukuba unako, wabele amahlwempu, wauya kuba nendyebo ezulwini; uze ke, ulandele mna.
23
Wati ke akuva oku, waba lusizi kakulu; ngokuba ebetyebile kakulu.
24
Waza u‐Yesu, akubona ukuba waba lusizi kakulu, wati: Kungento enqabileyo kangakananina ukuba abo banobutyebi baya kungena ebukumkanini bukatixo!
25
Ngokuba kulula ukuba inkamela ipumele entunjeni yesinalite, pezu kwokuba isityebi singene ebukumkanini bukatixo.
26
Bati ke abo bevayo: Ngubanina pofu ongasindiswayo?
27
Koko wati: Izinto ezingenzekiyo ebantwini, ziyenzeka kutixo.
28
Wati ke u‐Petrosi: Bona ke, tina sikushiyile konke, salandela wena.
29
Wayesiti kubo: Ngokwenene nditi kuni: Akuko mntu oshiyileyo indlu, umhlaumbi abazali, umhlaumbi abaninawe, umhlaumbi umfazi, umhlaumbi abantwana, ngenxa yobukumkani bukatixo,
30
ongayi kuti kwelixesha abuye amkele into eninzi kakulu ngakumbi, nakwelolizwe lizayo ubomi obungunapakade.
31
Waza watabatela kuye abalishumi linababini, wati kubo; Bona ke, siyanyukela e‐Yerusaleme, zaziya kufezwa zonke izinto ezimba̔lelweyo unyana wesintu ngabaprofite.
32
Ngokuba eya kunikelwa kubaheyideni, ahlekwe, apatwe kakubi, atshicelwe;
33
babeya kumbeta, bambulale; woti ngomhla wesitatu abuye avuke.
34
Abaqiqa ke bona nanye yezizinto; saye isiteto esi sibe sibafihlelwe, bebengaziqondi izinto ezibe zitetwa kanjalo.
35
Kwaye kute ekusondeleni kwake e‐Jeriko, imfama etile ibihleli ngasendleleni inqiba.
36
Yati yakuva isihlwele sidlula, yabuza ukuba kungati nina oku.
37
Baza bayityela ukuba u‐Yesu wase‐Nazarete uyadlula.
38
Yaza yamemeza, isiti: Yesu, nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum.
39
Baza abo babehamba pambili bayiyala, ukuba iti tu: kodwa yona yabidanduluka ngento enkulu ngakumbi, isiti: Nyana ka‐Davide! yiba netaṙu kum.
40
Wema ke u‐Yesu wayalela ukuba iziswe kuye: yati yakusondela wayibuza,
41
esiti: Unga ndingakwenzela nto nina? Yayisiti: Nkosi! ndinga ndingamkela ukubona kwam.
42
Waza u‐Yesu wati kuyo: Yamkela ukubona kwako; ukolo lwako lukupilisile.
43
Yaselisamkela ukubona kwayo kwa oko, yamlandela idumisa utixo: bati nabantu bonke, bakubona oku, banikela udumiso kutixo.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24