bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 21
Luke 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 22 →
1
Wati akubeka pezulu wabona abazityebi befaka iminikelo yabo endaweni yendyebo.
2
Wabona nomhlolokazi otile obuhlwempu efaka kona imalanyana zimbini.
3
Waza wati: Ngenyaniso nditi kuni: Lomhlolokazi olihlwempu ubagqitisile bonke ngokufaka:
4
ngokuba bonke aba bebefaka eminikelweni katixo kubo ubuninzi babo; kodwa lo kuko ukuswela kwake ebefaka kwa konke abenokupila ngako.
5
KEKALOKU nxa abatile bebeteta ngayo itempile, ukuba ihonjiwe ngamatye amahle nangamabaso, wati:
6
Ezizinto enizikangelayo, kuya kuza imihla ekuyo kungayi; kushiywa elinye ilitye pezu kwelinye, elingayi kuwiswa pantsi.
7
Baza bambuza, besiti: Mfundisi! zobako ninina pofu ezizinto? kanjalo woba yinto nina umqondiso, xeshekweni ezizinto ziza kuhla?
8
Wayesiti yena: Lumkani, ize ningakohliswa. Ngokuba abaninzi beya kuza egameni lam, besiti: Mna ndinguye; kanjalo ixesha selikufupi: zeningayi ke emva kwabo.
9
Kodwa xeshekweni nizivayo imfazwe nempitimpiti, musani ukwetuswa; ngokuba ezizinto zifanele ukuhla tanci; kodwa ukupela akuko kamsinya.
10
Wandula wati kubo: Uhlanga luya kuvukela uhlanga, nobukumkani buya kuvuk ela ubukumkani;
11
zaziya kubako izingcangcazelo ezikulu zomhlaba ngendawo ngendawo, nendlala, nezifo ezibubisayo; yobako nemibono eyoyikekayo nemiqondiso emikulu ivela ezulwini.
12
Kodwa baya kuti zingekabiko zonke ezizinto, babeke izandla zabo pezu kwenu, ba ni tshutshise, be ni nikela ezindlwini zentlanganiso nasezintolongweni, nisiwa pambi kwokumkani nenkosi ngenxa yegama lam:
13
okuya kuba yinzuziso yokunqi̔na kwenu.
14
Kumiseleni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba aniyi kucinga ngapambili ukuzitetelela kwenu:
15
ngokuba ndiya kuninika umlomo nobulumko, abaya kuti bonke abalane benu bakohlwe kukupika nokumelana nabo.
16
Kanjalo niya kungcatshwa nangabazali, nabazalwana, nezalamane, nezihlobo; ewe bonifisa inxenye:
17
naniya kutiywa nga bantu bonke ngenxa yegama lam.
18
Kanti akuyi kutshabalala nalunye unwele kwintloko yenu.
19
Ngokunyamezela kwenu yilondolozeni imipefumlo yenu.
20
Kekaloku xeshekweni niyibonayo i‐Yerusaleme ingqongiwe yimikosi, yazini oko ukuba sekukufupi ukuci̔takaliswa kwayo.
21
Mabati oko abo base‐Judeya basabele ezintabeni; nabo bapakati kwayo mabemke kona; nabo basezindleni mabangangeni kuyo.
22
Ngokuba iyimihla yempindezelo le, yokuba kuzaliseke zonke izinto eziba̔liweyo.
23
Hai kodwa ubunzima babo abamitiyo nabanyisayo kuleyomihla! ngokuba kuya kubako ubunzima obukulu elizweni, nomsindo pakati kwabantu aba.
24
Babeya kuwa ngohlangoti lweṙele, batinjelwe kuzo zonke intlanga; ne‐Yerusaleme yoba inyatelwa ngabaheyideni, ade amaxesha abaheyideni azaliseke.
25
Kwakuya kubako imiqondiso elangeni, nasenyangeni, nasezinkwenkwezini; napezu kwomhlaba usizi olunzima lwentlanga ekuxakekeni; lugquma ulwandle namaza;
26
zibohla intliziyo zabantu ngokwoyika nokukangela izinto ezizayo emhlabeni: ngokuba amandla asezulwini eya kuzanyazanyiswa.
27
Bandule ukubona unyana wesintu esiza elifini, enamandla nobungcwalisa obukulu.
28
Kekaloku zakuba ezizinto ziqala ukuhla, bekani pezulu, nipakamise intloko zenu; ngokokuba kusondela ukukululwa kwenu.
29
Waza wateta umzekeliso kubo: Kangelani umkiwane, nayo yonke imiti.
30
Xeshekweni isel’ itwasa, niyabona nazi ngokwenu ukuba lise likufupi ihlobo:
31
kwa njalo nani, xeshekweni nibona ezizinto zisihla, yazini ukuba bukufupi ubukumkani bukatixo.
32
Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule isizukulwana esi, zingekenzekanga zonke.
33
Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule.
34
Zilumkeleni ke, hleze kezenzwe nzima intliziyo zenu ngokudikwa, nangokunxila, nangezitukutezi zobubomi, ize iti imini leyo inifikele ngokwalama:
35
ngokuba njengomgibe iya kuza pezu kwabo bonke abahleli pezu kwobuso bomhlaba wonke.
36
Papamani ngoko ngamaxesha onke nitandaza, ukuze nibalwe ngokuba nifanele ukusinda kwezizinto zonke eziza kuhla, nokuma pambi kwake unyana wesintu.
37
Waye kekaloku ngemini efundisa etempileni; wati ngobusuku epuma walalisa entabeni ebizwa ngokuti yeyeminquma.
38
Baye bonke abantu besiza kusasa kuye etempileni, ukuza kumva.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24