bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 14
Luke 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 15 →
1
KWAYE kute akuba engene endlwini yomnye wabapati bakubafarisi ngesabata ukutya isonka, bati bona bamgqala.
2
Kekaloku bona ke, bekuko umntu otile enesifo samanzi pambi kwake.
3
Waza wapendula u‐Yesu watsho kubaqondisimteto nabafarisi, esiti: Kufanelekile ngesabata ukupilisa kusinina?
4
Kodwa bati cwaka. Waza wambamba, wampilisa, wamndulula;
5
wapendula kubo, wati: Kuya kweyela emnxu̔nyeni iqwaṙashe umhlaumbi inkabi yawupina wakuni, ongayi kuti ahle ayinyuse ngomhla wesabata?
6
Baza bakohlwa kukupind’ ukumpendula ngezindawo.
7
Wayeteta kwabamenyiweyo umzekeliso, akunakana okokuba bebenyula izihlalo zobukulu, esiti kubo:
8
Xeshekweni umenyelwayo emtshatweni ngumntu, ungahlali pantsi esihlalweni sobukulu; hleze obekekileyo kuwe abe emenyiwe nguye;
9
aze ati lowo wamemayo wena naye eze ati kuwe: Nika lo indawo; uze wandule uqale ngentloni ukubamba indawo yasezantsi.
10
Koko xeshekweni umenywayo, yiya uhlale pantsi endaweni yasezantsi, ukuze ke, akuza okumemileyo, abe nokuti kuwe: Sihlobo! nyukela ngasentla; uya kwandula ukuba nembeko ebusweni babo bonke abahleli ekutyeni ndawonye nawe.
11
Ngokuba osukuba ezipakamisa, uya kutotywa; nalowo uzitobayo, uya kupakanyiswa.
12
Wayeteta nakulowo ubemmemile, esiti: Xeshekweni usenza isidlo sasemini, umhlaumbi isidlo sokuhlwa, ungabizi izihlobo zako, nabazalwana bako, nezalamane zako, nabamelwane abazityebi; hleze nabo babuye bameme wena, uze wenzelwe umvuzo.
13
Koko xeshekweni usenzayo isidlo, mema amahlwempu, izilima, iziqwala, imfama;
14
wauya kuba netamsanqa ke; kuba bona bengenako ukukuvuza: ngokuba uya kuvuzwa eluvukweni lwabalungileyo.
15
Kekaloku akuti omnye wabahleli ekutyeni ndawonye naye weva ezizinto, wati kuye: Unetamsanqa lowo udlayo isonka ebukumkanini bukatixo!
16
Koko yena wati kuye: Umntu otile wenza isidlo sokuhlwa esikulu, wamema abaninzi.
17
Waza watuma isicaka sake ngexeshana lesidlo sokuhlwa ukuya kuti kwabamenyiweyo: Yizani; ngokuba kuse kulungisiwe konke.
18
Baza baqala bonke ngentliziyo nye ukuzilandulela. Owokuqala wati kuso: Nditengile intsimi, ndifanelwe kukuti ke ndipume ndiyibone; ndiyakutandaza, mandilandulelwe.
19
Wati nomnye: Nditengile izibini ezihlanu zenkabi, ndiyahamba ukuya kuzilinga ke; ndiyakutandaza, mandilandulelwe.
20
Wati nomnye: Ndizekile umfazi, andingeze ke ngenxa yoku.
21
Saza safika isicaka eso sashumayeza inkosi yaso ezizinto. Wandula umninindlu equmbile nje wati kwisciaka sake: Puma msinya uye ezitarateni nasezindleleni zesixeko, ungenise apa amahlwempu, nezilima, neziqwala, nemfama.
22
Saza sati isicaka: Nkosi! kwenziwe njengoko uyalele ngako; kanti kuseko indawo.
23
Yaza yati inkosi kwisicaka: Puma uye emendweni nasezintangweni, u ba nyanzele bangene, ize izaliswe indlu yam.
24
Ngokuba ndisiti kuni: Akuko namnye wabobantu bamenyiweyo oya kutya kwisidlo sokuhlwa sam.
25
Kekaloku izihlwele ezininzi zibe zimpeleka: waza wajika wati kuzo:
26
Ukuba umntu uyeza kum, engatiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe nobake ubomi kanjako, akangebe nguye umdisipile wam.
27
Nosukuba engatwali ikuruse yake, eze emva kwam, akangebe nguye umdisipile wam.
28
Ngokuba nguwupina kuni, efuna ukwaka inqaba, ongati tanci ahlale pantsi, abale inani, ukuba unako na okwan ele ukuyigqiba?
29
hleze kekuti, akuba ebekile umsekelo wayo, ekohlwa kukufeza nje, bonke ababonelayo baqale ukumhleka,
30
besiti: Lomntu waqala ukwaka, wakohlwa kukufeza ke.
31
Kanjalo nguwupina ukumkani, esiya kungena ekulweni nomnye ukumkani, ongahlali pantsi tanci, afune icebo lokuba unamandla na okuti enamawaka alishumi ahlangane nalowo uzayo ngakuye enamawaka angamashumi mabini?
32
Ukuba akangenje njalo, uti, nxa asekude yena, atume izitunywa acele indawo eziyelela uxolo.
33
Kwa njalo ke owakuni osukuba engancami konke anako, akangebe nguye umdisipile wam.
34
Ityuwa yinto elungileyo: kodwa xeshekweni ityuwa ingabi nasongo, iya kuvakaliswa nganina?
35
ayilungele nomhlaba nemfumba yomgquba; iyalahlelwa pandle yona. Onendlebe zokuva, makeve.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24