bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 10
1 Samuel 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 11 →
1
Wandula u‐Samyali watabata igutyana leoli, wayigalela pezu kwentloko yake, wamanga, wati: Aku njalo na, ukuba uyehova ukutambisile ube yinkosi pezu kwelifa lake?
2
Nxa umkile namhla kum, wosel’ ufumana amadoda emabini ngasencw̔abeni lika‐Rakele, emdeni wakwa‐Benjamine, e‐Tseletsa; wona aya kuti kuwe: Amaqwaṙashekazi, owaya ukuwafuna, afunyenwe; bona ke, uyihlo ulahlile indawo yamaqwaṙashekazi, exalele nina, esiti: Ndiya kwenzela nto nina unyana wam?
3
Woti wakugqita kona, nasele, woza kufika ngasesiyekeni se‐Tabore, apo uya kufumana amadoda ematatu enyukela kutixo e‐Betele, enye itwele amatakane matatu ebokwe, nenye itwele amasimba matatu esonka, nenye itwele intsuba yeveyine:
4
ayeya kubuza ukupila kwako, akunike izonka zibini: ezo wozitabata ezandleni zawo.
5
Emveni kwoko uya kufika endulini katixo, apo ilali yama‐Filistiya ikona; kwakuya kuti, akufika kona esixekweni, uya kuhlangana neqela labaprofite besihla endaweni epakamileyo, benenebele, nentambula, nomlozi, nohadi, pambi kwabo; abaya kuprofitesha ke:
6
waye umoya kayehova eya kuqubula wena, wauya kuprofitesha nabo, uguqulwe ube ngumntu wumbi.
7
Makuti, nxa lemiqondiso ize kuwe, yenza ngokufumana kwesandla sako: ngokuba utixo enawe.
8
Wauya kwandulela kum ukuhlela e‐Gilegale; ngokuba bona ke, ndiya kuhlela kuwe, ndinikele amadini okutshiswa, ndibingelele imibingo yoxolo; yimihla esixe̔nxe uya kulinda, ndide ndize kuwe, ndikwazise oko uya kukwenza.
9
Kwaye kute, akuba ejikile umhlana wake ukumka ku‐Samyali, wandula utixo wamguqulela intliziyo ibe yimbi: kanjako yonke lemiqondiso yeza kubako ngalomini.
10
Bati bakufika kona ngasendulini, nali iqela labaprofite bemkaulela; waye umoya katixo wamqubula, waza waprofitesha pakati kwabo.
11
Kwabekute, bakubona bonke ababemazi ngexesha lapambili, ukuba, bona ke, uyaprofitesha pakati kwabaprofite, bandula abantu bati omnye kwomnye: Yinto nina le unyana ka‐Kishe uhlelwe yiyo? Kanene u‐Saule upakati kwabaprofite naye na?
12
Waza wapendula umntu wakona, wati: Ngubanina pofu uyise wabo? Kukona kwenziwa umzekeliso wokuti: Kanene u‐Saule upakati kwabaprofite naye na?
13
Wati akuba egqibile ukuprofitesha, wafika endaweni epakamileyo.
14
Kekaloku uyisekazi ka‐Saule wati kuye nakuso isicaka sake: Nibe nisiya ngapina? Wayesiti: Saya kufuna amaqwaṙashekazi; nanxa besibona ukuba akako, saya seza ku‐Samyali.
15
Waza wati uyisekazi ka‐Saule: Ndixelele ke, ibiyinto nina u‐Samyali abeyiteta kuni?
16
Wayesiti u‐Saule kuyisekazi wake: Wasixelela ekuhleni ukuba amaqwaṙashekazi selefunyenwe. Kodwa indawo yobukumkani, abetetile ngayo u‐Samyali, akayixela kuye.
17
WAZA u‐Samyali wabiza abantu ndawonye ukuza kuyehova e‐Mitsipa.
18
Wayesiti kulo usapo luka‐Sirayeli: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ndibanyusile o‐Sirayeli e‐Jipete, ndanihlangula esandleni sama‐Jipete, nasesandleni sokumkani bonke ababenibandezela:
19
kodwa namhla nimlahlile utixo wenu, obenisindisa ngokwake kubo bonke ububi benu nobunzima benu; nide nati kuye: Beka ukumkani pezu kwetu! Ngako kaloku zimiseni ebusweni bukayehova ngezizwe zenu, nangamawaka enu.
20
Kwati, akuba u‐Samyali ebesondeze zonke izizwe zo‐Sirayeli, kwaqashwa isizwe sika‐Benjamine.
21
Nxa abesondeze isizwe sika‐Benjamine ngezizalwane zaso, kwaqashwa isizalwane sika‐Materi, waza u‐Saule, unyana ka‐Kishe, waqashwa: basuka bamfuna, kodwa ebengabonakali.
22
Babuya babuza kuyehova, besiti: Londoda isaza kuza apa na? Waza uyehova wati: Nantsi izimele pakati kwempahla.
23
Babaleka bamsusa kona: kekaloku nxa ibimi pakati kwabantu, wadlula bonke abantu ngobude kwa semagxalabeni ake nangapezulu.
24
Waza u‐Samyali wati kubo bonke abantu: Niyabona na lowo unyuliweyo nguyehova, ukuba akuko ofana naye pakati kwabo bonke abantu? Basuka bamemeza bonke abantu, bati: Makapile ukumkani!
25
Wandula u‐Samyali waxelela abantu isiko lobukumkani, waliba̔la encwadini, wayibekela pambi kwoyehova. Wada u‐Samyali wabandulula bonke abantu, ukuya abanye ngabanye ezindlwini zabo.
26
Kanjalo no‐Saule waya endlwini yake e‐Gibeha; kwahamba naye amadoda omkosi, antliziyo zicukunyisiweyo ngutixo.
27
Koko usapo lwobunginingini lwati: Lendoda yoti nina ukusisindisa? Lwaza lwamdela, lungamziseli ibaso. Kodwa wanga usisitulu.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31