bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 18
1 Samuel 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 19 →
1
Kwaye kute, akuba egqibile ukuteta ku‐Saule, wandula umpefumlo ka‐Jonatane wanxityelelwa empefumlweni ka‐Davide; waye u‐Jonatane wamtanda njengompefumlo wake.
2
Waza u‐Saule wamtabata ngomhla lowo, engamvumeli ukuba abuyele endlwini yoyise.
3
Wandula u‐Jonatane wenza ucebano no‐Davide, ngokuba ebemtanda njengompefumlo wake:
4
wati kanjalo u‐Jonatane wazihluba ingubo ebikuye, wayinika ku‐Davide, nezivato zake, kwa neṙele lake, nesipeta sake, noqwemesha lwake.
5
Waye u‐Davide wapumela apo asukuba u‐Saule ebemtumela kona, wenza ngobulumko; waza u‐Saule wambeka pezu kwamadoda okulwa; waekolekile emehlweni abantu bonke, nasemehlweni ezicaka zika‐Saule kanjako.
6
Kwaye kute ekutikeni kwabo, nxa u‐Davide abebuya ekubulaleni um‐Filistiya, kwapuma abafazi kuzo zonke izixeko zakwa‐Sirayeli, ngokuvuma nangemidudo, ukuya kumkaulela u‐Saule ukumkani, ngentambula, na ngovuyo, nangeziculiso.
7
Baza abafazi bapendulana ekudlaleni kwabo, bati: u‐Saule ubulele amawaka ake, kodwa u‐Davide amawaka ake alishumi.
8
Wandula u‐Saule waqumba kunene, ngokuba belibi emehlweni ake ilizwi elo; wayesiti: Banikile ku‐Davide amawaka alishumi, kanti kum banikile amawaka odwa; kuseko ukunikwa kuye ubukumkani kupela.
9
Waye u‐Saule enomona ngakuye u‐Davide, kwa semhleni lowo nangasemva kwawo.
10
KWABEKUTE ngomhla olandelayo, ukuba umoya okohlakeleyo katixo wamzuma u‐Saule, wada waprofitesha pakati kwendlu; waza u‐Davide wabeta uhadi ngesandla sake, njengakweminye imihla: kekaloku bekuko intshuntshe esandleni sika‐Saule.
11
Wasuka u‐Saule wabinza ngentshuntshe, wati: Ndiya kumbetela u‐Davide kwa seludongeni; kodwa u‐Davide wapepa ebusweni bake kabini.
12
Wandula u‐Saule wamoyika u‐Davide, ngokuba uyehova enaye, kanti ebemkile ku‐Saule.
13
Ngako u‐Saule wamshenxisa kuye, wammisa abe yinkosi yake yewaka; waza wapuma wangena pambi kwabantu.
14
Kekaloku u‐Davide wenza ngobulumko kuzo zonke indlela zake; waye uyehova enaye.
15
Wati u‐Saule akubona ukuba u‐Davide wenza ngokulumkileyo kakulu, wamoyika.
16
Kodwa bonke o‐Sirayeli no‐Juda bamtanda u‐Davide, ngokuba wapuma wangena ebusweni babo.
17
Waza u‐Saule wati ku‐Davide: Nanku u‐Merabi, intombi yam enkulu, endiya kumnika kuwe abe ngumfazi; kupela ube ngunyana wobuṙoti kum, ulwe imfazwe zikayehova. Ngokuba u‐Saule ebesiti: Masingabi ngakuye isandla sam, masibe ngakuye isandla sama‐Filistiya.
18
Koko u‐Davide wati ku‐Saule: Ndingubanina mna? buyinto nina nobomi bam? siyinto nina isizalwane sobawo kwa‐Sirayeli, ukuba ndibe ngumyeni kukumkani?
19
Kwaye kute kodwa ngexesha abeya kunikwa u‐Merabi, intombi ka‐Saule, ku‐Davide, wanikwa yena ku‐Hadriyeli, um‐Mehola, abe ngumfazi.
20
Waza u‐Mikali, intombi ka‐Saule, wamtanda u‐Davide; kwati kwakuxelwa ku‐Saule, yabifanele londawo emehlweni ake.
21
Wayesiti u‐Saule: Ndiya kumnika yena, ukuba abe ngumgibe kuye, nokuba isandla sama‐Filistiya sibe ngakuye. Ngako u‐Saule wati ku‐Davide: Uya kuba ngumyeni kum namhla ngowesibini.
22
Waye u‐Saule wayalela izicaka zake, wati: Tetani ku‐Davide ngasese, nisiti: Bona ke, ukumkani ukolisiwe nguwe, nazo zonke izicaka zake ziyakutanda; ngako kaloku yiba ngumyeni kuye ukumkani.
23
Zaza izicaka zika‐Saule zateta lamazwi ezindlebeni zika‐Davide. Wayesiti u‐Davide: Kuyinto elula emehlweni enu na ukuba ngumyeni kukumkani, ndiyindoda elihlwempu nedelekileyo nje?
24
Zaza izicaka zika‐Saule zamxelela, zisiti: Njengalamazwi wateta u‐Davide.
25
Wandula u‐Saule wati: Niya kutsho ku‐Davide ukuti: Ukumkani akanyamekeli ikazi, kodwa ikulu lamajwabu ama‐Filistiya, ukuze kupindezelwe ezintshabeni zokumkani. Kanti u‐Saule wacinga ukumwisa u‐Davide ngesandla sama‐Filistiya.
26
Zaza izicaka zake zamxelela u‐Davide lamazwi; kekaloku londawo ibifanele emehlweni ka‐Davide, yokuba abe ngumyeni kukumkani: kodwa imihla ibingekazalisekile:
27
ngako wesuka u‐Davide waya, yena namadoda ake, wabulala amadoda angamakulu mabini pakati kwama‐Filistiya; wati u‐Davide wazisa amajwabu awo, baza bawanika ngelonani lonke kukumkani, ukuba abe ngumyeni kuye ukumkani. Wandula u‐Saule wamnika u‐Mikali, intombi yake, abe ngumfazi.
28
Waye u‐Saule wabona, wakwazi, ukuba uyehova uno‐Davide; kanjalo u‐Mikali, intombi ka‐Saule, wamtanda u‐Davide.
29
Waza walekela u‐Saule ukumoyika u‐Davide ngakumbi; wati u‐Saule waba lutshaba luka‐Davide imihla yonke.
30
Zandula zapuma inkosi zama‐Filistiya: kwaye kute, nxa sukuba zipumile, u‐Davide wenza ngobulumko pezu kwazo zonke izicaka zika‐Saule, lada igama lake lanconywa kakulu.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31