bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 28
1 Samuel 28
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 29 →
1
KWAYE kute ngalomihla, ukuba ama‐Filistiya ahlanganisa imikosi yawo ukwenza imfazwe, kuze kuliwe ngakubo o‐Sirayeli. Wandula u‐Akishe wati ku‐Davide: Yazi ngenyaniso ukuba uya kupuma nomkosi kunye nam, wena namadoda ako.
2
Waza u‐Davide wati ku‐Akishe: Ngokunjalo uya kukwazi oko isicaka sako siya kukwenza. Wayesiti u‐Akishe ku‐Davide: Ngako oko ndiya kukumisa ube ngumgcini wentloko yam imihla yonke.
3
Kekaloku u‐Samyali ebefile; kanjalo bonke o‐Sirayeli bebemlilele, bamncw̔aba e‐Rama, kwa sesixekweni sake. Waye u‐Saule ebekwelelisile abenzelana nemishilogu, namatola, elizweni.
4
Aza ama‐Filistiya ahlanganiswa, eza ati waca e‐Shuneme: kanjako u‐Saule wahlanganisa onke ama‐Sirayeli, aya ati waca e‐Giliboha.
5
Wati u‐Saule akubona umkosi wama‐Filistiya, wasuka woyika, nentliziyo yake yangcangcazela kakulu.
6
Waza wabuza u‐Saule kuyehova, kodwa uyehova akampendula, nangamapupa, nange‐Urime, nangabaprofite.
7
Wandula u‐Saule wati kuzo izicaka zake: Ndifuneleni umfazi onobushologu, ndize ndiye kulowo, ndibuze kuye. Zaye zisiti izicaka zake kuye: Nankuya umfazi onobushologu e‐Hene‐dore.
8
Waza u‐Saule wazenza ngakumbi, wambata ingubo zimbi, wahamba yena, namadoda mabini kunye naye, beza kumfazi lowo ebusuku; wayesiti: Zundilaulele ngomshologu, undinyusele lowo endiya kumxela kuwe.
9
Wayesiti umfazi kuye: Bona ke, uyakwazi oko akwenzileyo u‐Saule, okokuba unqamlile abenzelana nemishologu, namatola, elizweni; yinina ngoko ukuba uyatiyela umpefumlo wam ukundifisa?
10
Waza u‐Saule wamfungela uyehova, esiti: Ehleli nje uyehova, akuyi kuhlelwa lityala ngenxa yalento!
11
Wandula umfazi wati: Ngubanina lowo ndiya kumnyusela kuwe? Wayesiti: Ndinyusele u‐Samyali.
12
Wati umfazi lowo akumbona u‐Samyali, wakala ngelizwi elikulu; wayesitsho umfazi lowo ku‐Saule, esiti: Yinina ukuba undikohlisile, wena ungu‐Saule nje?
13
Waza ukumkani wati kuye: Ungoyiki; ngokuba iyinto nina uyibonileyo? Wati umfazi ku‐Saule: Ndabona otixo benyuka emhlabeni.
14
Wayesiti kuye: Isimilo sake sinjanina? Wati yena: Yindoda elixego enyukayo, eyambete ingubo ende. Wandula u‐Saule wazi ukuba nguye u‐Samyali, watoba ngobuso ngasemhlabeni, waziqubuda.
15
Waza u‐Samyali wati ku‐Saule: Yinina ukuba undixalisile ngokundinyusa? Wayesiti u‐Saule: Ndixinezekile kakulu; ngokokuba ama‐Filistiya esilwa ngakum, nokuba utixo wemkile kum, engasandipenduli nangabaprofite nangamapupa; ngako ndibizile wena, ukuba undazise oko endiya kukwenza.
16
Wandula wati u‐Samyali: Kunganina ukuba ubuze mna, nxa uyehova emkile kuwe, esel’ elutshaba lwako nje?
17
Ngokuba uyehova ezenzele njengokuba ebeteta ngam; ngokuba uyehova eṙazulile ubukumkani esandleni sako, ebunikile kummelwane wako, ku‐Davide:
18
ngokokuba ungalivanga ilizwi likayehova, nokuba ungenzanga ngobushushu bomsindo wake ngakuwo ama‐Amaleki, kukona uyehova ekwenzele lento namhla nje.
19
Kanjako uyehova uya kunikela ama‐Sirayeli kunye nawe esandleni sama‐Filistiya: nangomso wena nonyana bako noba nam; nomkosi wama‐Sirayeli uyehova wowunikela esandleni sama‐Filistiya.
20
Wandula wawa ngobunxamo u‐Saule ubude bake bonke ngasemhlabeni, woyika kakulu ngenxa yamazwi ka‐Samyali: kwaye kungeko amandla kuye; ngokuba engadlanga isonka yonke imini nabo bonke ubusuku.
21
Waza umfazi lowo weza ku‐Saule, wabona ukuba uyetuswa kakulu, wati kuye: Bona ke, isicakakazi sako sivile ilizwi lako, nompefumlo wam ndiwubekile esandleni sam, namazwi ako obuwateta kum ndiwapulapule:
22
ngako kaloku kaupulapule nawe ilizwi lesicakakazi sako, ukuba mandibeke umtamo wesonka ebusweni bako, uze udle; wauya kuba namandla, nxa uhamba ngendlela yako.
23
Koko walayo, wati: Andiyi kudla. Kodwa zamqu̔ba izicaka zake, kwa nomfazi lowo kanjalo; wada wapulapula ilizwi labo. Waza wesuka emhlabeni, wahlala emandlalweni.
24
Waye umfazi ebenetole elityetyisiweyo endlwini; wanxama ke walixe̔la; watabata nomgubo, wawubuca, woja izonka ezingenagwele ngawo:
25
waza wazisondeza ebusweni buka‐Saule, nasebusweni bezicaka zake; badla ke. Bandula besuka, bemka ngobobusuku.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 29 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31