bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 23
1 Samuel 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 24 →
1
KWAZA kwaxelwa ku‐Davide, kusitwa: Nanga ama‐Filistiya esilwa ngakuyo i‐Kehila, epanga izibaya zokubula.
2
Ngako u‐Davide wabuza kuyehova, esiti: Ndiya kuya na ndibete lama‐Filistiya? Waza uyehova wati ku‐Davide: Yiya ubete ama‐Filistiya, usindise i‐Kehila.
3
Kodwa amadoda ka‐Davide ati kuye: Bona ke, silapa nje kwa‐Juda siyoyika; kangakananina ngakumbi ke, nxa siya kuya e‐Kehila ngakuwo amabandla ama‐Filistiya?
4
Wapinda kanjako u‐Davide ukubuza kuyehova. Waye uyehova wampendula, wati: Suka, yihla uye e‐Kehila; ngokuba ndiya kunikela ama‐Filistiya esandleni sako.
5
Waza waya u‐Davide namadoda ake e‐Kehila, walwa ngakuwo ama‐Filistiya, watimba inkomo zawo, wawabeta ngesibulalo esikulu. Kwa njalo u‐Davide wasindisa abemi base‐Kehila.
6
Kwaye kute, akusaba u‐Abiyatare unyana ka‐Ahimeleki ukuya ku‐Davide e‐Kehila, wehla neyefodi esandleni sake.
7
Kwada kwaxelwa ku‐Saule ukuba u‐Davide utikile e‐Kehila. Wayesiti u‐Saule: Utixo umlahlele esandleni sam; ngokuba evalelwe, ngokungena esixekweni esinengcango nemivalo.
8
Waza u‐Saule wababiza bonke abantu emfazweni, ukuya kuhlela e‐Kehila, ukuvingcela u‐Davide namadoda ake.
9
Kekaloku akwazi u‐Davide ukuba u‐Saule ebeqinga ububi ngakuye, waza wati ku‐Abiyatare umperisite: Sondeza iyefodi.
10
Wandula wati u‐Davide: Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! isicaka sako sivile ngenyaniso ukuba u‐Saule uyafuna ukuza e‐Kehila, ukusitshabalalisa isixeko ngenxa yam.
11
Baya kundinikela na abemi base‐Kehila esandleni sake? uya kuhla na u‐Saule, njengokuba isicaka sako sivile? Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! zusixelele ke isicaka sako. Wayesiti uyehova: Uya kuhla.
12
Waza wati u‐Davide: Abemi base‐Kehila baya kunikela na mna namadoda am esandleni sika‐Saule? Wayesiti uyehova: Baya ku ku nikela.
13
Wandula wesuka u‐Davide, namadoda ake, anga angamakulu matandatu, bapuma e‐Kehila, bahamba apo babenokuhamba kona. Kwaza kwaxelwa ku‐Saule ukuba u‐Davide usindile e‐Kehila; ngako wayeka ukupuma.
14
Waza u‐Davide wahlala entlango ezinqatyeni, wahlala entabeni esentlango ye‐Zifi. Waye u‐Saule wamfuna imihla yonke; kodwa uyehova akamnika esandleni sake.
15
Wati u‐Davide wabona ukuba u‐Saule upumile ukufuna ubomi bake: waye u‐Davide esentlango ye‐Zifi, ehlatini.
16
Kekaloku wesuka u‐Jonatane unyana ka‐Saule, waya ku‐Davide ehlatini, wasomeleza isandla sake kutixo.
17
Wayesiti kuye: Ungoyiki; ngokuba isandla sika‐Saule ubawo singayi kukufumana; koko wena uya kuba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, nam ndiya kuba ngosemva kwako; kanjako no‐Saule ubawo uyazi njalo.
18
Baza bobabini benza ucebano ebusweni bukayehova: wati u‐Davide wahlala ehlatini, kodwa u‐Jonatane waya endlwini yake.
19
Bandula benyuka aba‐Zifi baya ku‐Saule e‐Gibeha, besiti: u‐Davide akazifihlanga nati na ezinqatyeni ehlatini, endulini ye‐Hakila, engasesuyide yobala?
20
Ngako kaloku, kumkani! yihla, ngako konke ukukanuka kwompefumlo wako ukuhla; nokwetu, siya kumnikela esandleni sokumkani.
21
Waza u‐Saule wati: Manitanyusanqelwe nina nguyehova; ngokuba ninenceba pezu kwam.
22
Kanihambe ke, nibe nisalungisa, nazi nibone indawo yake, apo unyawo lwake lukona, nokuba ngubanina ombonileyo kona; ngokuba kutshiwo kum ukuba uyenza ngobuqinga futi.
23
Ngako bonani, nazane nendawo zokuzimela apo azimela kona, nize nibuyele kum ninenyaniso, ndandiya kuhamba nani; kwakuya kuti, ukuba uko elizweni, sendiya kumfunisela pakati kwawo onke amawaka akwa‐Juda.
24
Baza besuka, bandulela ku‐Saule ukuya e‐Zifi. Kodwa u‐Davide namadoda ake bebesentlango yase‐Mahone, etafeni, ngasesuyide yobala.
25
Waya no‐Saule namadoda ake ukufuna. Kwada kwaxelwa ku‐Davide; ngako wehla eliweni, wahlala entlango yase‐Mahone. Wati u‐Saule akuva oko, wamputuma u‐Davide entlango yase‐Mahone.
26
Waye u‐Saule ehamba ngelicala lentaba, no‐Davide namadoda ake ngeliya icala lentaba: waza u‐Davide wanxama ukumka ngenxa ka‐Saule; ngokuba u‐Saule namadoda ake bebemṙaula u‐Davide namadoda ake, ukuze bababambe.
27
Koko bekufika isigidimi ku‐Saule, sisiti: Nxama uze; ngokuba ama‐Filistiya egalelekile pezu kwelizwe.
28
Wandula wabuya u‐Saule ekumputumeni u‐Davide, waya ngakuwo ama‐Filistiya: kukona londawo ibibizwa ngokuti yi‐Sela‐mahelekote.
29
Waza u‐Davide wenyuka apo, waya wahlala ezinqatyeni zase‐Hene‐gedi.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31