bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 22
1 Samuel 22
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 23 →
1
Wandula u‐Davide wemka kona, wasindela emqolombeni we‐Hadulame: bati bakuva oko abakuluwe bake nayo yonke indlu yoyise, behlela kuye apo.
2
Kanjalo kwazihlanganisela kuye onke amadoda abeseluxinezelweni, nawo onke amadoda abenetyala, nawo onke amadoda ampefumlo uṙaṙa; waza waba yinkosi pezu kwawo: kwaye kuko naye anga angamakulu mane amadoda.
3
Wasuka u‐Davide wemka kona waya e‐Mitsipe yase‐Mowabi; wayesiti kukumkani we‐Mowabi: Mabapume ke ubawo noma̔ babe nani, ndide ndazi into endiya kwenzelwa yona ngutixo.
4
Waza wabakapela ebusweni bokumkani we‐Mowabi: baza bahlala naye yonke imihla u‐Davide abesenqatyeni.
5
Koko umprofite u‐Gadi wati ku‐Davide: Ungahlali enqatyeni; hamba, uye ezweni lakwa‐Juda. Wahamba u‐Davide waya ehlatini le‐Harete.
6
KEKALOKU akuva u‐Saule ukuba u‐Davide wazekile, namadoda abenaye, (waye u‐Saule ehleli e‐Gibeha pantsi kwomti wetamariske e‐Rama, enentshuntshe esandleni sake, nazo zonke izicaka zake zimi ngakuye,)
7
wandula wati u‐Saule kuzo izicaka zake ezibe zimi ngakuye: Yivani ke, nina ma‐Benjamine! unyana ka‐Jese woninika nina nonke na amasimi nezitiya zemiti yeveyine? wonenza nina nonke na inkosi zamawaka nenkosi zamakulu,
8
ukuba nina nonke nicebile ngakum, nokuba akuko namnye otyilayo endlebeni yam ukuba unyana wam wenzile ucebano nonyana ka‐Jese, nokuba akuko namnye kuni obuhlungu ngenxa yam, notyilayo endlebeni yam ukuba unyana wam uvusile isicaka sam ngakum sibe ngumlaleli, njengokuba kunjalo namhla nje?
9
Wandula wapendula u‐Dowegi um‐Edome, obemisiwe pezu kwezicaka zika‐Saule, wati: Ndabona unyana ka‐Jese esiza e‐Nobe, ku‐Ahimeleki unyana ka‐Ahitube;
10
owambuzela kuyehova, wamnika umpako; neṙele lika‐Goliyate um‐Filistiya walinika kuye.
11
Wandula ukumkani watuma ukumbiza u‐Ahimeleki, unyana ka‐Ahitube, umperisite, nayo yonke indlu yoyise, abaperisite ababese‐Nobe; basuka beza bonke kukumkani.
12
Waza u‐Saule wati: Yiva ke, nyana ka‐Ahitube! Wayesiti: Nanku ndi lapa, nkosi yam!
13
Waza u‐Saule wati kuye: Yinina ukuba nicebile ngakum, wena nonyana ka‐Jese, ekokubeni umnikile isonka neṙele, wambuzela kutixo, ukuze avukele ukundilalela, njengokuba kunjalo namhla nje?
14
Wandula u‐Ahimeleki wampendula ukumkani, wati: Ngubanina pakati kwazo zonke izicaka zako onyanisekileyo njengo‐Davide, ongumyeni kukumkani, ongenayo ekuveni kwako, obekekileyo endlwini yako?
15
Kunamhla nje na endiqalileyo ukumbuzela kutixo? makube le oko kum! makangati ukumkani abeke ityala pezu kwesicaka sake, na pezu kwayo yonke indlu kabawo; ngokuba isicaka sako besingazani nako konke oku, nokuba yinto encinane, nokuba yenkulu.
16
Kodwa wati ukumkani: Uya kufa ngenyaniso, Ahimeleki! wena, nayo yonke indlu kayihlo.
17
Waza ukumkani wati kumlisela obumi ngakuye: Sondelani, nibulale abaperisite bakayehova; ngokuba nesandla sabo sino‐Davide, nangokuba bebesazi ukuba uyasaba yena, kanti akatyilanga oko endlebeni yam. Kodwa izicaka zokumkani bezingavumi ukwolula isandla sazo ukuba ziwele abaperisite bakayehova.
18
Ngako ukumkani wati ku‐Dowegi: Sondela wena, ubawele abaperisite. Wasondela ke u‐Dowegi um‐Edome, wabawela abaperisite, wabulala ngalomini amadoda angamashumi asibozo anamahlanu abevete iyefodi yeqiya:
19
ne‐Nobe, isixeko sabaperisite, wayibeta ngohlangoti lweṙele, kwa amadoda nabafazi, intsapo nentsana; nenkabi, namaqwaṙashe, negusha, wazibeta ngohlangoti lweṙele.
20
Kodwa wasinda unyana wamnye ka‐Ahimeleki unyana ka‐Ahitube, ogama belingu‐Abiyatare, wesabela emva kwo‐Davide.
21
Waza u‐Abiyatare, wamxelela u‐Davide ukuba u‐Saule ubabulele abaperisite bakayehova.
22
Wandula u‐Davide wati ku‐Abiyatare: Bendikwazi ngalomini, oko u‐Dowegi um‐Edome abekona, ukuba uya kumxelela u‐Saule ngenyaniso: ndim ozuzisele yonke imipefumlo yendlu kayihlo ukufa.
23
Hlala nam, ungoyiki; ngokuba ofuna ubomi bam efuna ubomi bako; kodwa woba sekugcinweni unam.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31