bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 16
1 Samuel 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 17 →
1
WADA uyehova wati ku‐Samyali: Kude kube ninina uya kumlilela u‐Saule, ndimlahlile nje mna ukuba angabi ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli? zalisa upondo lwako ngeoli, uhambe; ndokutuma ku‐Jese um‐Beteleheme; ngokuba ndizibonele ukumkani pakati kwonyana bake.
2
Waza u‐Samyali wati: Ndoti nina ukuhamba? akuva u‐Saule, wondibulala. Wayesiti uyehova: Tabata nawe itokazi lenkomo, uti: Ndize ukubingela uyehova.
3
Wandule umeme u‐Jese eze embingweni; ndandiya kukwazisa oko uya kukwenza; wauya kunditambisela lowo endimxela kuwe.
4
Wasuka wenza u‐Samyali oko akutetileyo uyehova, weza e‐Beteleheme. Baza abadala besixeko bamkaulela ngokungcangcazela, bati: Uyeza ngoxolo na?
5
Wayesiti: Ngoxolo; ndize ukubingela uyehova: zingcwaliseni, nize nam embingweni. Waza wabangcwalisa u‐Jese nonyana bake, wabamemela embingweni.
6
Kwaye kute, bakungena, wambona u‐Eliyabe, wati: Okunene umtanjiswa wake upambi kwoyehova!
7
Kodwa uyehova wati ku‐Samyali: Ungakangeli ukubonakala kwake, nobupakamo bobude bake, ngokuba ndimlahlile: ngokuba kungenjengokuba kubonwa ngumntu; ngokuba umntu ebona okupambi kwamehlo, kodwa uyehova ebona okusentliziyweni.
8
Wandula u‐Jese wambiza u‐Abinadabi, wamdlulisa pambi kwo‐Samyali. Wayesiti: Uyehova akamnyulanga nalowo.
9
Wandula u‐Jese wamdlulisa u‐Shama. Wayesiti: Uyehova akamnyulanga nalowo.
10
Kwa njalo u‐Jese wadlulisa isixe̔nxe sonyana bake pambi kwo‐Samyali. Wayesiti u‐Samyali ku‐Jese: Uyehova akanyulanga aba.
11
Walekela u‐Samyali wati ku‐Jese: Kukupela kwabantwana bako aba na? Wayesiti: Kusasele omncinane; kekaloku bona ke, uyalusa igusha. Waza u‐Samyali wati ku‐Jese: Tuma, umtabate; ngokuba singayi kuhlala ngokungqonga, ade afike apa.
12
Watuma ke, wamngenisa. Waye yena ebomvuṙa, enobuhle bamehlo nesoya sokubonakala. Wayesiti uyehova: Suka, umtambise; ngokuba lo enguye.
13
Wandula u‐Samyali watabata upondo oluneoli, wamtambisa pakati kwabakuluwe bake: wati umoya kayehova wehla pezu kwo‐Davide kwa semhleni lowo nangasemva. Wesuka ke u‐Samyali, waya e‐Rama.
14
KODWA umoya kayehova wemka ku‐Saule; waye umoya okohlakeleyo evela kuyehova wamzuma.
15
Zaza izicaka zika‐Saule zati kuye: Bona ke, umoya okohlakeleyo katixo uyakuzuma:
16
maiti ke inkosi yetu ixelele izicaka zako ezisebusweni bako, ukuba zifune indoda eyaziyo ukubeta uhadi; kwakuya kuti, nxa umoya okohlakeleyo katixo apezu kwako, iya kwandula ibete ngesandla sayo, wauya kulunga.
17
Waza u‐Saule wati kuzo izicaka zake: Kanindikangelele indoda elungisayo ukubeta, niyizise kum.
18
Sapendula esinye sezicaka, sati: Bona ke, ndibonile unyana ka‐Jese um‐Beteleheme, owaziyo ukubeta, oligoṙa elibuṙoti, nendoda yokulwa, neciko lokuteta, nendoda enewonga; kanjalo uyehova unaye.
19
Ngako u‐Saule watuma izigidimi ku‐Jese, wati: Tuma kum u‐Davide unyana wako, osezigusheni.
20
Wandula u‐Jese watabata iqwaṙashe linesonka, nentsuba yeveyine, netakane lebokwe, wazituma ngesandla sika‐Davide, unyana wake, ku‐Saule.
21
Wasuka u‐Davide weza ku‐Saule, wema pambi kwake; waza watandwa nguye kakulu, waba ngumtwali wake wezixo̔bo.
22
Wabuya u‐Saule watuma ku‐Jese, esiti: Makati ke u‐Davide eme pambi kwam; ngokuba efumene ufefe emehlweni am.
23
Kwaye kute, akuba umoya okohlakeleyo katixo ebepezu kwo‐Saule, wandula u‐Davide watabata uhadi, walubeta ngesandla sake; wada u‐Saule womelela, walunga nokulunga, wati umoya okohlakeleyo wemka kuye.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31