bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 8
1 Samuel 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 9 →
1
KWAYE kute nxa u‐Samyali ebemdala, wabamisa onyana bake babe ngabagwebi pezu kwo‐Sirayeli.
2
Laye igama lonyana wake wamazibulo lingu‐Joweli, negama lowesibini wake lingu‐Abiya: bebengabagwebi e‐Beresheba.
3
Kodwa onyana bake abahamba endleleni zake, batyekela emva kwenzuzo ekohlakeleyo, bawamkela amabaso, batyekisa ugwebo.
4
Bandula bahlanganisana bonke abadala bo‐Sirayeli, beza ku‐Samyali e‐Rama,
5
bati kuye: Bona ke, wena umdala, nonyana bako abahambi ezindleleni zako; uz’ uti kaloku usimisele ukumkani ukusigweba, njengentlanga zonke.
6
Kodwa elozwi belilibi emehlweni ka‐Samyali, nxa bebesiti: Sinike ukumkani ukusigweba. Waza u‐Samyali watandaza kuyehova.
7
Wayesiti uyehova ku‐Samyali: Pulapula ilizwi labantu ngako konke abakutetayo kuwe: ngokuba bengalahlanga wena, koko belahlile mna, ukuze ndingabi ngukumkani pezu kwabo.
8
Njengazo zonke izenzo abazenzileyo, kwa semhleni ndabendibanyusa ngawo e‐Jipete kwada kwanamhla nje, abandishiya ngazo, bakonza otixo bambi, benje njalo nangakuwe.
9
Ngako kaloku pulapula ilizwi labo; kodwa qinisa ukunqi̔nela ngakubo, ubashumayeze isiko lokumkani oya kupata ubukumkani pezu kwabo.
10
Waza u‐Samyali waxela onke amazwi kayehova kwabobantu abebecele kuye ukumkani.
11
Wayesiti: Eli loba lisiko lokumkani oya kupata ubukumkani pezu kwenu: Onyana benu uya kubatabata, abamisele ukuba babe ngabantu benqwelo zake, nabakweli bake bamahashe; nokuba babaleke pambi kwenqwelo zake.
12
Wobamisela ukuba babe zinkosi zamawaka, nenkosi zamashumi mahlanu; nokuba balime ukulima kwake, bavune ukuvuna kwake, benze impahla zake zokulwa, nempahla zenqwelo zake.
13
Nentombi zenu wozitabata zibe ngabenzi bezimnandi, nabapekikazi, nabojikazi.
14
Uya kutabata amasimi enu, nezitiya zenu zemiti yeveyine, nezitiya zenu zeminquma, ezo zilungileyo, azinike kuzo izicaka zake.
15
Uya kutabata isishumi sembewu yenu, nesezitiya zenu zemiti yeveyine, asinike kubabusi bake, nakwizicaka zake.
16
Uya kutabata izicaka zenu, nezicakakazi zenu, namadodana enu amahle, namaqwaṙashe enu, azenze zibe semsebenzini wake.
17
Uya kutabata isishumi segusha zenu: nani ke noba zizicaka zake.
18
Naniya kukala ngomhla lowo ngenxa yokumkani wenu, eniya kuba nizinyulele yena; kanti uyehova akayi kuniva ngomhla lowo.
19
Kodwa abantu bala ukupulapula ilizwi lika‐Samyali, bati: Hai; ngukumkani oya kuba pezu kwetu;
20
ukuba nati sibe njengentlanga zonke; nokuba ukumkani wetu asigwebe, apume pambi kwetu, alwe ukulwa kwetu.
21
Weva u‐Samyali onke amazwi abantu, wawateta ezindlebeni zikayehova.
22
Wayesiti uyehova ku‐Samyali: Pulapula ilizwi labo, ubenzele ukumkani. Waza u‐Samyali wati kuwo amadoda akwa‐Sirayeli: Hambani niye nonke ngabanye ezixekweni zenu.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31