bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 17
1 Samuel 17
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 18 →
1
KEKALOKU ama‐Filistiya ahlanganisa imikosi yawo kuliwe, ahlanganisana e‐Soko yakwa‐Juda, aya ati waca pakati kwe‐Soko ne‐Hazeka, e‐Epese‐damime.
2
Kanjako kwahlanganisana u‐Saule namadoda akwa‐Sirayeli, baya bati waca emhlanjeni wemikoba, bazicwangcisa ukulwa ngakuwo ama‐Filistiya.
3
Ati ama‐Filistiya ema ngasentabeni ngelicala, nama‐Sirayeli ema ngasentabeni ngeliya icala, isihlambo sipakati kwawo.
4
Kwaza kwapuma emnqubeni wama‐Filistiya indoda engumlamli, ebingu‐Goliyate igama layo, eyase‐Gate, ebude bayo bebuzikubite ezintandatu zinesoluko sesandla.
5
Yabinomnqwazi wobedu pezu kwentloko yayo, ivatisiwe ngehempe yentsimbi ebukwetuṙa; nokuba nzima kwayo ihempe yentsimbi, ibizishekele zobedu ezimawaka mahlanu.
6
Yabinebrukwe yobedu emilenzeni yayo, nomkonto wobedu pakati kwamagxalaba ayo.
7
Uluti lwentshuntshe yayo belunjengomti wabaluki; nentsimbi yentshuntshe yayo ibiyeyeshekele ezingamakulu matandatu zesincete; waye umtwali wekaka ehamba pambi kwayo.
8
Yati ke yona yema yabiza emabandleni ama‐Sirayeli, yati kuwo: Kunganina ukuba nipumile ukuza kuzicwangcisa ukulwa? andinguye na um‐Filistiya, nani anizizicaka zika‐Saule na? zinyuleleni indoda, ize ihlele kum.
9
Ukuba ingalwa nam, indibulale, sesiya kuba zizicaka zenu; kodwa ukuba ndiyoyisa yona, ndiyibulale, seniya kuba zizicaka zetu, nisikonze.
10
Waza wati um‐Filistiya lowo: Ndiyagxeka namhla nje amabandla ama‐Sirayeli; ndinikeni indoda, ukuze silwane.
11
Bati bakuva u‐Saule nawo onke ama‐Sirayeli lamazwi om‐Filistiya, bandula betuswa, boyika kakulu.
12
Kekaloku u‐Davide ebengunyana walom‐Eferata wase‐Beteleheme‐juda, ogama belingu‐Jese; owabenonyana abasibozo: kanjalo indoda leyo, emihleni ka‐Saule, yahlala ilixego pakati kwabantu.
13
Baya onyana abatatu baka‐Jese abakulu, bamlandela u‐Saule ukuya ekulweni: namagama onyana bake abatatu ababesiya ekulweni, ngu‐Eliyabe owamazibulo, nowesibini wake u‐Abinadabi, nowesitatu u‐Shama:
14
waye u‐Davide wayengomncinane: bati abakulu abo abatatu bamlandela u‐Saule.
15
Kodwa u‐Davide wemka wabuya ku‐Saule, ukuya kuzalusa igusha zoyise e‐Beteleheme.
16
Wati um‐Filistiya lowo wasondela kusasa nangokuhlwa, wazimisa kona imihla yamashumi mane.
17
Waza u‐Jese wati ku‐Davide unyana wake: Batabatele ke abakuluwe bako iyefa yalamaqashu, nezizonka ezilishumi, ugidime uye emnqubeni kubakuluwe bako;
18
nezizonka zamasi ezilishumi uzise kuyo inkosi yewaka, nabakuluwe bako uye kubabona ukuba kunjanina ukupila kwabo, nombambiso wabo uwutabate.
19
Kekaloku u‐Saule, nabo bona, nawo onke amadoda akwa‐Sirayeli, bebesemhlanjeni wemikoba, besilwa nama‐Filistiya.
20
Wandula u‐Davide wavuka kusasa, wazishiya igusha kumlindi, watabata, wahamba, njengokuba u‐Jese ebemyalele; wada wafika eludongeni lwenqwelo, nxa impi ibipuma ngamabandla, nanxa kwamemezelwa ukulwa:
21
ngokuba ama‐Sirayeli nama‐Filistiya ebecwangcisile ibandla ngakulo ibandla.
22
Wasuka u‐Davide washiya impahla ezikuye ezandleni zomlindi wempahla, wagidimela ngasemabandleni, weza wabuza abakuluwe bake ukupila kwabo.
23
Nxa abeteta nabo, nantsi indoda engumlamli inyuka, egama belingu‐Goliyate, um‐Filistiya wase‐Gate, ivela emabandleni ama‐Filistiya, eyateta njengalamazwi: weva ke u‐Davide.
24
Aza onke amadoda akwa‐Sirayeli, akubona londoda, abaleka ebusweni bayo, oyika kakulu.
25
Kanjalo amadoda akwa‐Sirayeli ati: Niyibonile na lendoda enyukileyo? ngokuba inyukile ukuza kugxeka o‐Sirayeli: kwakuya kuti, leyondoda eyibulalayo, ukumkani uya kuyityebisa ngobutyebi obukulu, ayinike intombi yake, ayenze indlu yoyise ibe ikululekile.
26
Waza u‐Davide wateta kumadoda abemi ngakuye, esiti: Kuya kwenzwa nto nina kulondoda ebulalayo lom‐Filistiya, nesusayo ihlazo kwa‐Sirayeli? ngokuba engubanina lom‐Filistiya ongalukileyo, ukuba agxeke amabandla katixo ohleliyo?
27
Batsho abantu kuye njengelozwi, besiti: Kuya kwenziwa njalo kulondoda embulalayo.
28
Waza u‐Eliyabe, umkuluwe wake omkulu, weva akuteta kulomadoda; yandula yavuta ingqumbo ka‐Eliyabe ngakuye u‐Davide, wati: Yinina ukuba uhlele apa? kanjalo uzishiyile kubanina ezogusha zincinane entlango? ndiyazi mna ir̔atshi lako, nenkohlakalo yentliziyo yako; ngokuba uhlile, ukuze ubone ukulwa.
29
Wayesiti u‐Davide: Yinto nina endiyenzileyo kaloku? ilizwi belingenjalo na?
30
Waza washenxa kuye wabeka komnye, wateta njengelozwi; bati abantu babuya bampendula njengelizwi lokuqala.
31
Kwati kwakuviwa amazwi abewateta u‐Davide, andula axelwa ebusweni buka‐Saule, o watuma wamtabata.
32
Waza u‐Davide wati ku‐Saule: Makungawi intliziyo yomntu ngenxa yake; isicaka sako siya kuya silwe nalom‐Filistiya.
33
Koko u‐Saule wati ku‐Davide: Akungeye ngakuye lom‐Filistiya ukulwa naye; ngokuba wena ungumfana, kodwa yena uyindoda yokulwa kwa sebutsheni bake.
34
Wandula u‐Davide wati ku‐Saule: Isicaka sako besisalusa igusha zoyise waso; kwaye kufika ingonyama, nebere, ebisusa igusha emhlambini;
35
ndaza ndapuma emva kwayo, ndayibeta, ndayisindisa emlonyeni wayo; nanxa ibisukela ngakum, ndayibamba ngodevu lwayo, ndayibeta, ndayibulala.
36
Isicaka sako sabeta nengonyama nebere; nalom‐Filistiya angalukileyo yena uya kuba njengenye kwezo; ngokuba egxekile amabandla katixo ohleliyo.
37
Wati kanjalo u‐Davide: Uyehova, owandisindisa enqineni lengonyama nasenqineni lebere, kwa yena wondisindisa esandleni salom‐Filistiya. Waza u‐Saule wati ku‐Davide: Yiya, wanga uyehova angako nawe!
38
Waye u‐Saule wamvatisa u‐Davide ngezivato zake, wabeka umnqwazi wobedu entlokweni yake; wamvatisa ngehempe yentsimbi kanjalo.
39
Waza u‐Davide wabinqa iṙele lake pezu kwezivato zake, wafuna ukuhamba, ngokuba ebengalilinganga. Wandula u‐Davide wati ku‐Saule: Andingeye nezizinto, ngokuba ndingazilinganga. Ngako u‐Davide wazisusa kuye.
40
Waza watabata induku yake esandleni sake, wazinyulela amatye abutelezi amahlanu emlanjaneni, wawabeka enxoweni yabalusi abenayo, kwa sesidleni; kanjako isisaulo sake besisesandleni sake: waya wasondela kum‐Filistiya lowo.
41
Wasuka wahamba um‐Filistiya, wamana esondela ku‐Davide; yati indoda etwele ikaka yahamba pambi kwake.
42
Wati um‐Filistiya akukangela, wambona u‐Davide, wamdela: ngokuba ebengumfana, ebomvuṙa, emhle ukubonakala kwake.
43
Waza um‐Filistiya wati ku‐Davide: Ndiyinja na mna, ukuba wena uyeza kum ngenduku? Waye um‐Filistiya wamqalekisa u‐Davide ngotixo bake.
44
Wati um‐Filistiya kanjako ku‐Davide: Yiza kum, ndandiya kunika inyama yako kuzo intaka zezulu, nakuzo izilo zasendle.
45
Wandula u‐Davide wati kum‐Filistiya: Wena uyeza kum ngeṙele, nangentshuntshe, nangekaka; kodwa mna ndiyeza kuwe egameni likayehova wemikosi, utixo wamabandla ama‐Sirayeli, lowo umgxekileyo:
46
namhla nje uyehova wokunikela esandleni sam; ndandiya kukubeta, ndisuse intloko yako kuwe, ndinike izidumbu zomkosi wama‐Filistiya namhla nje kuzo intaka zezulu, nakuwo amaṙamncwa omhlaba; ukuze umhlaba wonke wazi ukuba uko utixo kwa‐Sirayeli:
47
kanjalo wonke lomhlambi wokwazi ukuba uyehova akasindisi ngeṙele nangentshuntshe; ngokuba ukulwa kuko kukayehova, oya kuninikela esandleni setu.
48
Kwaza kwati, wesuka um‐Filistiya, wahamba, wasondela ukumkaulela u‐Davide; wandula u‐Davide wanxama, wagidimela ngasemabandleni ukuya kumkaulela um‐Filistiya.
49
Waye u‐Davide wafaka isandla sake enxoweni, wasusa kona ilitye, walisaula, wabeta um‐Filistiya ebunzini lake; lati ilitye latshona ebunzini lake, wawa yena ebusweni bake ngasemhlabeni.
50
Kwa njalo u‐Davide wameyisa um‐Filistiya ngesisaulo nangelitye, wambeta um‐Filistiya, wambulala; kodwa bekungeko iṙele esandleni sika‐Davide.
51
Waza u‐Davide wagidima, wema pezu kwom‐Filistiya, watabata iṙele lake, walir̔ola esinxobeni salo, wambulala, wanqumla ngalo intloko yake. Kekaloku akubona ama‐Filistiya ukuba igoṙa lawo lifile, abaleka.
52
Andula esuka amadoda akwa‐Sirayeli nawakwa‐Juda, amemeza, aputuma ama‐Filistiya, kude kwafikwa esihlanjeni, nakude kwasemasangweni ase‐Hekrone. Zati inxweleṙa zama‐Filistiya zawa endleleni yase‐Sharayime, kwa kude kwase‐Gate, nakude kwase‐Hekrone.
53
Lwada usapo luka‐Sirayeli lwabuya ekugxotiseni ama‐Filistiya, lwapanga iminquba yawo.
54
Waza u‐Davide watabata intloko yom‐Filistiya, wayizisa e‐Yerusaleme; kodwa izixo̔bo zake wazibeka ententeni yake.
55
Nxa ke u‐Saule abembona u‐Davide epumela ngakuye um‐Filistiya, wati ku‐Abenere, inkosi yomkosi: Ungunyana kabanina lomfana, Abenere? Wayesiti u‐Abenere: Bomi bompefumlo wako, kumkani! andimazi.
56
Waza wati ukumkani: Buza wena ingunyana kabanina indodana le.
57
Wati akuba u‐Davide ebebuya ekubulaleni um‐Filistiya, u‐Abenere wamtabata, wamzisa ebusweni buka‐Saule, enentloko yom‐Filistiya esandleni sake.
58
Waza u‐Saule wati kuye: Ungunyana kabanina, mfanandini? Wayesiti u‐Davide: Ndingunyana wesicaka sako u‐Jese um‐Beteleheme.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31