bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 30
1 Samuel 30
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 31 →
1
KWAYE kute, akufika u‐Davide namadoda ake e‐Tsikilage ngomhla wesitatu, kekaloku ama‐Amaleki ebegalelekile pezu kwesuyide, napezu kwe‐Tsikilage, abeta i‐Tsikilage, ayitshisa ngomlilo;
2
nabafazi abebekuyo ebebatimbile, engabulalanga nje namnye umntu kodwa, kwa nomncinane nomkulu; koko abebafudusile, ahamba ngendlela yawo.
3
Kwa njalo akufika u‐Davide namadoda ake esixekweni, nasi sitshisiwe ngomlilo; nabafazi babo, nonyana babo, nentombi zabo, bona bebetinjiwe.
4
Bandula u‐Davide nabantu abanaye bapakamisa ilizwi labo, balila, kwada akwabi sabiko kubo amandla okulila.
5
Baye betinjiwe abafazi baka‐Davide bobabini, u‐Ahinohame um‐Yezerelekazi, no‐Abigali umfazi ka‐Nabali um‐Karamele.
6
Waye u‐Davide waxinezeka kakulu; ngokuba abantu bebeteta ngokumgibisela ngamatye, ngokuba umpefumlo wabantu bonke ubunobuṙaṙa, abanye ngabanye pezu kwonyana babo, napezu kwentombi zabo; kodwa u‐Davide wazomeleza kuye uyehova, utixo wake.
7
Waza u‐Davide wati ku‐Abiyatare umperisite, unyana ka‐Ahimeleki: Kausondeze kum iyefodi. Wayisondeza u‐Abiyatare iyefodi ku‐Davide.
8
Wandula u‐Davide wabuza kuyehova ngokuti: Ndiya kuputuma elibandla na? ndiya kulifumana na? Wayesiti kuye: Putuma; ngokuba uya kufumana ngenyaniso, uya kugqibela ukuhlangula kanjako.
9
Wasuka wahamba u‐Davide, yena namadoda angamakulu matandatu abenaye, baza kufika emlanjaneni we‐Besore, apo abo basalayo bahlala kona.
10
Kodwa u‐Davide waputuma, yena namadoda angamakulu mane: ngokuba bekuhlala amadoda angamakulu mabini, abecubukile kangaka, ukuba ebengenako ukuwela umlanjana we‐Besore.
11
Baza bafumana indoda engum‐Jipete ezindle, bayizisa ku‐Davide; bayinika isonka, yada yatya; bayiseza amanzi;
12
bayinika kanjalo iqezu lesimba lamakiwane, nezipa zibini zedreyive ezishwenyileyo: yati yakuba idlile, umoya wayo wabuya weza kuyo; ngokuba isonka ibingasityanga, namanzi ibingawaselanga, imini zantatu nobusuku butatu.
13
Waza u‐Davide wati kuyo: Ungokabanina? uvela pina? Yayisiti: Ndiyindodana yase‐Jipete, isicaka som‐Amaleki; yandishiya inkosi yam, ngokuba bendihliwa sisifo kuse kuntsuku ntatu.
14
Tina sabesigaleleka pezu kwelasesuyide ilizwe lama‐Keriti, napezu kwelakwa‐Juda, napezu kwelasesuyide lakwa‐Kalebi, satshisa i‐Tsikilage ngomlilo.
15
Waza u‐Davide wati kuyo: Ungaka undihlisele kwelibandla na? Yayisiti: Ndifungele utixo, ukuba akuyi kundibulala, nokuba akuyi kundinikela esandleni senkosi yam, ndandiya kukuhlisela kwelibandla.
16
Kekaloku yakuba imhlisile, naba ke betwabulukile pezu kwobuso bomhlaba wonke, besidla, besela, beduda nokududa, ngenxa yalo lonke ixoba elikulu, ababelisusile ezweni lama‐Filistiya, nasezweni lakwa‐Juda.
17
Waza u‐Davide wababeta kwa kuso isifingo sokusa kwada kwakukuhlwa kwomnye umhla; kwaye kungasindanga namnye umntu pakati kwabo, ngapandle kwamadodana angamakulu mane, abekwele pezu kwenkamela, esaba ke.
18
Waye u‐Davide wahlangula konke ama‐Amaleki abekususile; nabafazi bake bobabini u‐Davide wabahlangula.
19
Kwaye kungasweleki kubo, kwa nomncinane nomkulu, kwa nonyana nentombi, kwa nexoba nako konke ababekutabatele kubo; konke u‐Davide wakubuyisa.
20
Waza u‐Davide watabata zonke igusha nenkomo; baziqu̔ba pambi kw ezinye inkomo ezo, bati: Lixoba lika‐Davide eli.
21
Kekaloku akuza u‐Davide kulawomadoda angamakulu mabini abecubukile kangaka ukuba ebengenako ukumlandela u‐Davide, nababewahlalisile emlanjaneni we‐Besore, apuma wona ukuya kumkaulela u‐Davide, nokubakaulela abantu ababenaye; waza u‐Davide wasondela ebantwini, wababulisa.
22
Andula apendula onke amadoda akohlakeleyo nawobunginingini, pakati kwamadoda abehamba no‐Davide, ati: Ngenxa yokuba ebengahambanga nati, asiyi kuwanika nto kwixoba esilihlanguleyo, kupela kwindoda ngendoda umfazi wayo nabantwana bayo; makakape bona, emke.
23
Koko wati u‐Davide: Aniyi kwenje njalo, bazalwana bam! ngoko uyehova akunikileyo kuti, osigcinileyo tina, nebandla elezayo ngakuti ulinikele esandleni setu.
24
Ngubanina ke oya kunipulapula ngalento? ngokuba njengesabelwa sabo bahlela ekulweni, siya kuba njalo isabelwa sabo bahlala ngasempahleni; kwolingana ukwabelwa kwabo.
25
Kwabekute kwa semhleni lowo nangasemva, ukuba wakumisa oku kube ngumteto nesiko kwa‐Sirayeli kwada kwanamhla.
26
Wati akufika u‐Davide e‐Tsikilage, watuma inxenye yexoba kubo abadala bo‐Juda, kubo abahlobo bake, esiti: Nali itamsanqa kuni, kwixoba lentshaba zikayehova;
27
kwa kubo abase‐Betele, nakubo abase‐Ramote yasesuyide, nakubo abase‐Yatire,
28
nakubo abase‐Harohere, nakubo abase‐Sifimote, nakubo abase‐Shetemoha,
29
nakubo abase‐Rakale, nakubo abasezixekweni zama‐Jeramele, nakubo abasezixekweni zama‐Keni,
30
nakubo abase‐Horema, nakubo abase‐Kore‐hashane, nakubo abase‐Hatake,
31
nakubo abase‐Hebrone, nakuzo zonke indawo, apo u‐Davide ebehambile kona, yena namadoda ake.
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 31 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31