bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 13
1 Samuel 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 14 →
1
U‐SAULE waselengumnyaka mnye ekupateni kwake ubukumkani: nxa abepete ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli iminyaka yamibini,
2
wandula u‐Saule wazinyulela amawaka matatu amadoda akwa‐Sirayeli; amawaka mabini ebeko no‐Saule e‐Mikimashe nasentabeni yase‐Betele, newaka linye ebeno‐Jonatane e‐Gibeha yakwa‐Benjamine; nabantu abaseleyo wabandulula baye abanye ngabanye ezintenteni zabo.
3
Waza u‐Jonatane wabeta ilali yama‐Filistiya ebise‐Geba; kwaviwa ke ngama‐Filistiya. Ngako u‐Saule wavutela ngexilongo elizweni lonke, esiti: Makeve ama‐Hebere.
4
Baza bonke o‐Sirayeli beva kusitwa: u‐Saule ubetile ilali yama‐Filistiya: nakanjalo, o‐Sirayeli banukele ama‐Filistiya. Bandula abantu babizelwa ndawonye emva kwo‐Saule e‐Gilegale.
5
Kanjako ama‐Filistiya ahlanganiswa ukuza kulwa no‐Sirayeli, inqwelo ezimawaka amashumi matatu, nabakweli bamahashe abamawaka matandatu, nabantu abanjengentlabati ebiselunxwemeni lwolwandle ngobuninzi: enyuka ke, ati waca e‐Mikimashe, ngasempumalanga ye‐Betavene.
6
Ati amadoda akwa‐Sirayeli akubona ukuba asesixakeni, (ngokuba abantu bebekatazekile,) bandula abantu bazimela emiqolombeni, nasezindadeni, nasemaweni, nasezinqatyeni, naseminxunyeni.
7
Kanjalo ama‐Hebere awela i‐Yoredane ukuya elizweni lakwa‐Gadi nele‐Gileyadi. Kodwa u‐Saule ebeseko yena e‐Gilegale, bati bonke abantu bamlandela ngokungcangcazela.
8
Waza walinda imihla yasixe̔nxe, ixesha elimisiweyo ngu‐Samyali; kodwa u‐Samyali ebengekafiki e‐Gilegale; kanjalo abantu baciteka kuye.
9
Wandula u‐Saule wati: Sondezani kum idini lokutshiswa, neminikelo yoxolo. Waza wanikela idini lokutshiswa.
10
Kwaye kute, akuba egqibile ukunikela idini lokutshiswa, nanku u‐Samyali esiza. Wapuma ke u‐Saule ukuya kumkaulela, aze ambulise.
11
Waza wati u‐Samyali: Wenze nto nina? Wayesiti u‐Saule: Ngokuba bendibona ukuba abantu bacitekile kum, nokuba wena akufikanga ngemihla emisiweyo, nokuba ama‐Filistiya ahlanganiselwe e‐Mikimashe;
12
ngako ndati: Kaloku ama‐Filistiya aya kuhlela kum e‐Gilegale, nxa ubuso bukayehova ndingabukungelanga; ndaza ndazinyanzela, ndanikela idini lokutshiswa.
13
Wandula u‐Samyali wati ku‐Saule: Wenze ngobudenge; akugcinanga umyalelo kayehova, utixo wako, lowo akuyaleleyo: ngokuba kaloku uyehova ngeeqinisile ubukumkani bako pezu kwo‐Sirayeli kude kube ngunapakade:
14
kodwa ngoku ubukumkani bako abuyi kuma: uyehova uzifunele indoda enjengentliziyo yake; kanjalo uyehova uyimisele ibe yinkosi pezu kwabantu bake; ngokuba ungagcinanga oko akuyaleleyo uyehova.
15
Waselesuka u‐Samyali, wenyuka e‐Gilegale waya e‐Gibeha yakwa‐Benjamine. Waye u‐Saule wabala abantu abakoyo naye, banga bangamakulu matandatu amadoda.
16
Kanjalo u‐Saule, no‐Jonatane unyana wake, nabantu abakoyo nabo, bahlala e‐Geba yakwa‐Benjamine. Kodwa ama‐Filistiya ati waca e‐Mikimashe.
17
Baza bapuma abafaci emnqubeni wama‐Filistiya ngamaqela amatatu: elinye iqela lajika ngasendleleni esinga e‐Hofera, ngaselizweni le‐Shuhali;
18
nelinye iqela lajika ngasendleleni esinga e‐Bete‐horone; nelinye iqela lajika ngasendleleni yomda obekayo esihlanjeni se‐Tsebohime ngasentlango.
19
Kekaloku bekungafunyanwa umkandi kulo lonke ilizwe lakwa‐Sirayeli; ngokuba ama‐Filistiya ebete: Hleze ama‐Hebere enze iṙele umhlaumbi intshuntshe;
20
ngako o‐Sirayeli bonke behlela kuwo ama‐Filistiya, ukuba balole abanye ngabanye iskare zabo, namakuba abo, namazembe abo, nezitshetshe zepuluwa zabo.
21
Kodwa bekuko intsimbi enamazinyo ukwenza intlangoti kuzo izitshetshe zepuluwa, nakuwo amakuba, nakuzo iforoke, nakuwo amazembe, nokubaza izinto zokuhlaba.
22
Kwaza kwati ngomhla wokulwa, akwafunyanwa iṙele nentshuntshe ezandleni zabo bonke abantu ababeno‐Saule no‐Jonatane; kodwa bekufunyanwa ku‐Saule naku‐Jonatane unyana wake.
23
Bada bapuma abelali yama‐Filistiya baya engxingweni yase‐Mikimashe.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31