bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 7
1 Samuel 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 8 →
1
Asuka eza amadoda ase‐Kiriyate‐yarime, enyuka nayo ityeya kayehova, ayingenisa endlwini ka‐Abinadabi e‐Gibeha; no‐Elezari, unyana wake, amngcwalisa ukuba agcine ityeya kayehova.
2
KWAYE kute, nxa ityeya yabisahlala e‐Kiriyate‐yarime, yakuba imihla isel’ imininzi; ngokuba ibiyiminyaka ingamashumi mabini; yandula yonke indlu ka‐Sirayeli yalila emva kwoyehova.
3
Waza u‐Samyali wateta kuyo yonke indlu ka‐Sirayeli, esiti: Ukuba niyabuyela kuyehova ngayo yonke intliziyo yenu, kwelelisani otixo basemzini pakati kwenu, no‐Hashetorete, nibekise intliziyo yenu kuyehova, nimkonze yena yedwa; waeya kunihlangula esandleni sama‐Filistiya.
4
Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwakwelelisa o‐Bali no‐Hashetorete, lwamkonza uyehova yedwa.
5
Wati u‐Samyali kanjalo: Bahlanganiseni o‐Sirayeli bonke beze e‐Mitsipa, ndandiya kunitandazela kuyehova.
6
Baza bahlanganiselwa e‐Mitsipa, baka amanzi, bawatulula pambi kwoyehova, bazila ukutya ngalomini, bati kona: Sonile ngakuye uyehova. Waye u‐Samyali wagweba usapo luka‐Sirayeli e‐Mitsipa.
7
Ati akuva ama‐Filistiya ukuba usapo luka‐Sirayeli luhlanganiselwe e‐Mitsipa, zandula inkosi zama‐Filistiya zenyuka ngakubo o‐Sirayeli, Nxa usapo luka‐Sirayeli luvile oku, lwanokwoyika ngenxa yama‐Filistiya.
8
Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwati ku‐Samyali: Ungayeki ukusikalela kuyehova, utixo wetu, ukuze asisindise esandleni sama‐Filistiya.
9
Wandula u‐Samyali watabata imvana nye eyanyayo, wayinikela ipela ibe lidini lokutshiswa kuyehova: waye u‐Samyali wakalela o‐Sirayeli kuyehova; wati uyehova wampulapula.
10
Kwaye kute, akuba u‐Samyali ebenikela elodini lokutshiswa, ama‐Filistiya asondela ukulwa no‐Sirayeli: kodwa uyehova wadudumisa ngodudumo olukulu ngalomini pezu kwama‐Filistiya, wawapitizelisa; ada oyiswa pambi kwo‐Sirayeli.
11
Aza amadoda akwa‐Sirayeli apuma e‐Mitsipa, awaputuma ama‐Filistiya, awabeta kude kwasezantsi kwe‐Bete‐kare.
12
Wandula u‐Samyali watabata ilitye linye, walimisa pakati kwe‐Mitsipa ne‐Shene, walibiza ngegama eliyi‐Ebenezere, esiti: Kude kwalapa Uyehova usincedile.
13
Kwa njalo ama‐Filistiya atotyiswa; akasapinda ukuza emdeni wakwa‐Sirayeli: ngokuba isandla sikayehova besingakuwo ama‐Filistiya yonke imihla ka‐Samyali.
14
Kwaza kwabuyiselwa ko‐Sirayeli izixeko ezibe zitinjiwe ngama‐Filistiya ko‐Sirayeli, kwa kuyo i‐Hekrone kude kwakuyo i‐Gate; nemida yazo bayihlangula o‐Sirayeli esandleni sama‐Filistiya. Kanjako bekuko uxolo pakati kwo‐Sirayeli naba‐Amori.
15
Kekaloku u‐Samyali wagweba o‐Sirayeli ngayo yonke imihla yokudla kwake ubomi.
16
Waya ngomnyaka ngomnyaka wazungulezela e‐Betele, ne‐Gilegale, ne‐Mitsipa, wabagweba o‐Sirayeli kwezondawo zonke.
17
Waza wabuyela e‐Rama; ngokuba ibikona indlu yake; nakona wagweba o‐Sirayeli; waka nakona isibingelo kuyehova kanjalo.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31