bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 15
1 Samuel 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 16 →
1
WANDULA u‐Samyali wati ku‐Saule: Uyehova wandituma ukuba ndikutambise ube ngukumkani pezu kwabantu bake, pezu kwo‐Sirayeli; ngako kaloku yiva ilizwi lamazwi kayehova.
2
Utsho uyehova wemikosi ukuti: Ndikumbule oko u‐Amaleki akwenzileyo ku‐Sirayeli, okokuba wammela endleleni, ekunyukeni kwake e‐Jipete.
3
Hamba kaloku, ubete u‐Amaleki, nikulahlele ekutshatyalalisweni konke anako, ungabi nanceba pezu kwake; uze ubulale kwa amadoda nabafazi, intsapo nentsana, inkabi negusha, inkamela namaqwaṙashe.
4
Waza u‐Saule wabiza abantu, wababala e‐Telayime, amawaka angamakulu mabini abahamba ngenyawo, namawaka alishumi amadoda akwa‐Juda.
5
Wasuka u‐Saule weza esixekweni sama‐Amaleki, wabeka abalaleli entilini.
6
Kekaloku u‐Saule wati kuma‐Keni: Hambani, nimke, nihle pakati kwama‐Amaleki, hleze ndinicite nawo; ngokuba nina nenzele lwonke usapo luka‐Sirayeli ububele, ekunyukeni kwalo e‐Jipete. Andula ama‐Keni emka pakati kwama‐Amaleki.
7
Waza u‐Saule wabeta ama‐Amaleki kwa se‐Havila kude kwaziwa e‐Shure, engapambi kwe‐Jipete.
8
No‐Hagagi, ukumkani wama‐Amaleki, wambamba ehleli; nabo bonke abantu wabalahlela ekutshatyalalisweni ngohlangoti lweṙele.
9
Koko u‐Saule nabantu bebenenceba pezu kwo‐Hagagi, napezu kwezilungileyo kakulu pakati kwegusha, nenkabi, nenkomo ezilungileyo ngasemva, napezu kwemvana, napezu kwako konke okulungileyo, bengavumanga ukuzilahlela ekutshatyalalisweni; kodwa zonke izinto ezidelekayo nezibityileyo, zona bazilahlela ekutshatyalalisweni.
10
Kwandul’ ukuza ilizwi likayehova ku‐Samyali, lisiti:
11
Kulusizi kum ukuba ndimenzile u‐Saule ukumkani; ngokuba ebuyile emva kwam, namazwi am engawafezanga. Waza waqumba u‐Samyali, wakala kuyehova ubusuku bonke.
12
Kwati kwakuvuka kusasa u‐Samyali ukuya kumkaulela u‐Saule ngexesha lokusa, kwaxelelwa u‐Samyali ukuti: Weza u‐Saule e‐Karamele, kekaloku bona ke, wazimisela inkumbuzelo, wajika, wadlula, wehla waya e‐Gilegale.
13
Wasuka u‐Samyali weza ku‐Saule; waza wati u‐Saule kuye: Mautanyusanqelwe nguyehova! ndifezile ilizwi likayehova.
14
Wati ke u‐Samyali: Liyinto nina pofu elozwi legusha ezindlebeni zam, nelizwi lenkabi endilivayo?
15
Wayesiti u‐Saule: Babevela nazo kuma‐Amaleki; ngokuba abantu bebenenceba pezu kwezilungileyo kakulu pakati kwegusha nenkabi, ukuze babingele uyehova, utixo wako; kodwa eziseleyo sizilahlele ekutshatyalalisweni.
16
Wandula u‐Samyali wati ku‐Saule: Kauyeke, ndandiya kukuxelela oko akutetileyo kum uyehova ngobubusuku. Wayesiti kuye: Teta ke.
17
Waza u‐Samyali wati: Nxa ubumncinane emehlweni ako, aku njalo na ukuba waba yintloko yezizwe zo‐Sirayeli, nokuba uyehova wakutambisa ube ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli?
18
Wada uyehova wakutuma ukuya endleleni, esiti: Hamba ulahlele ekutshatyalalisweni aboni abo, ama‐Amaleki, ulwe ngakubo ude ubagqibele.
19
Kunganina ke ukuba ungevanga ilizwi likayehova, koko wagaleleka pezu kwamaxoba, wakwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova?
20
Waza u‐Saule wati ku‐Samyali: Ewe, ndilivile ilizwi likayehova, ndihambile endleleni uyehova wandituma ngayo, ndimzisile u‐Hagagi ukumkani wama‐Amaleki, nama‐Amaleki ndiwalahlele ekutshatyalalisweni:
21
kodwa abantu bacapula kuwo amaxoba, igusha nenkabi, oko kunqabileyo pakati kwokulahlelwe ekutshatyalalisweni, ukuze babingele uyehova, utixo wako, e‐Gilegale.
22
Waza u‐Samyali wati: Uyehova uyakoliswa ngamadini okutshiswa nemibingo na, njengokuba ekoliswa kukuva ilizwi likayehova? Bona ke, ukuva kulungile ngapezu kwombingo, n okupulapula ngapezu kwenqata lenkunzi zegusha.
23
Ngokuba ukungeva kusisono sokulaula, nenkani ikukukonza amadalo neterafi. Ngenxa yokuba ulahlile ilizwi likayehova, naye ulahlile wena ungabi ngukumkani.
24
Wandula u‐Saule wati ku‐Samyali: Ndonile; ngokuba ndigqitile umteto kayehova namazwi ako; ngokuba bendiboyika abantu, ndeva ilizwi labo:
25
ngako kaloku, ndixolele ke isono sam, uze ubuye nam, ukuba ndimbedeshe uyehova.
26
Waza u‐Samyali wati ku‐Saule: Andiyi kubuya nawe: ngokokuba ulahlile ilizwi likayehova, kukona uyehova alahlile wena, ukuze ungabi ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli.
27
Wati akujika u‐Samyali ukuba emke, wabamba isondo lengubo yake, lada laṙazuka.
28
Wayesiti u‐Samyali kuye: Uyehova uṙazulile kuwe ubukumkani bakwa‐Sirayeli namhla, wabunika kummelwane wako, okugqitisileyo ngokulunga:
29
kanjako oyinyaniso ka‐Sirayeli akaxoki, akaguquki nokuguquka; ngokuba engengumntu, ukuba aguquke.
30
Waza wati: Ndonile; noko kaloku kaundibeke pambi kwabadala babantu bam, napambi kwo‐Sirayeli, uze ubuye nam, ukuba ndimbedeshe uyehova, utixo wako.
31
Wandula wabuya u‐Samyali waya emva kwo‐Saule; wati u‐Saule wambedesha uyehova.
32
Waza wati u‐Samyali: Sondezani kum u‐Hagagi ukumkani wama‐Amaleki. Kekaloku u‐Hagagi waya kuye ngokucwayita. Wati ke u‐Hagagi: Ngenyaniso ubuṙaṙa bokufa bumkile!
33
Wayesiti u‐Samyali: Njengokuba iṙele lako libahlutile abafazi abantwana babo, kwa njalo unyoko uya kuhlutwa abantwana pakati kwabafazi. Waza u‐Samyali wamhlahla u‐Hagagi pambi kwoyehova e‐Gilegale.
34
Wandula u‐Samyali waya e‐Rama; wenyuka u‐Saule waya endlwini yake e‐Gibeha ka‐Saule.
35
Akapinda ke u‐Samyali ukumbona u‐Saule, kwada kwangumhla wokufa kwake: kodwa u‐Samyali wamlilela u‐Saule noko. Kanjako kwalusizi kuyehova ukuba ebemenzile u‐Saule ukumkani pezu kwo‐Sirayeli.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31