bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 14
1 Samuel 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 15 →
1
KWAYE kute ngomhla otile, wati u‐Jonatane unyana ka‐Saule kumfana otwele izixo̔bo zake: Hamba, sigqite siye elalini yama‐Filistiya ekwelinye icala. Kodwa akamxelela uyise.
2
Kekaloku u‐Saule wahlala encameni ye‐Gibeha, ngapantsi kwomti wegranate obuse‐Migrone; nabantu ababenaye, benga bangamakulu matandatu amadoda;
3
no‐Ahiya, unyana ka‐Ahitube, umzalwana ka‐Yikabode, unyana ka‐Finehasi, unyana ka‐Heli, umperisite kayehova e‐Shilo, evete iyefodi. Baye abantu bengazi ukuba u‐Jonatane wemkile.
4
Pakati kwengxingwa, apo u‐Jonatane wafuna ukugqita kona ukuya elalini yama‐Filistiya, bekuko itsolo leliwa ngelicala, netsolo leliwa ngeliya icala: igama lelinye beliyi‐Botsetse, negama lelinye beliyi‐Sene.
5
Elinye itsolo lema ngasenode limalungana ne‐Mikimashe, nelinye ngasesuyide limalungana ne‐Geba.
6
Waye u‐Jonatane wati kumfana otwele izixo̔bo zake: Hamba, sigqite siye elalini yaba bangalukileyo; kungaba uyehova wosisebenzela; ngokuba kungeko isitintelo kuyehova ukuba asindise ngabaninzi umhlaumbi ngabancinane.
7
Waza umtwali wezixo̔bo zake wati kuye: Yenza konke okusentliziyweni yako; jikela ke; nanku ndinawe ndinjengentliziyo yako.
8
Wandula u‐Jonatane wati: Bona ke, siya kugqita ukuya kulamadoda, sizibonakalise kuwo.
9
Ukuba aya kutsho kuti ukuti: Niti nqumama, side sisondele kuni; sesiya kuhlala simi endaweni yetu, singanyukeli kuwo:
10
kodwa ukuba aya kutsho ukuti: Nyukelani kuti: sesiya kunyuka; ngokuba uyehova ewanikele esandleni setu: kwa lento yoba ngumqondiso kuti.
11
Basuka bobabini bazibonakalisa elalini yama‐Filistiya: aza ati ama‐Filistiya: Nanga ama‐Hebere epumile emiweweni apo abezimele kona.
12
Andula amadoda aselalini apendula u‐Jonatane nomtwali wezixo̔bo zake, ati: Nyukelani kuti, sasiya kunazisa into. Waselesiti u‐Jonatane kumtwali wezixo̔bo zake: Nyuka emva kwam; ngokuba uyehova ewanikele esandleni so‐Sirayeli.
13
Waza u‐Jonatane wenyuka ngezandla zake nangenyawo zake, nomtwali wezixo̔bo zake emva kwake: awa ke pambi kwo‐Jonatane; kanjalo umtwali wezixo̔bo zake wabulala emva kwake.
14
Kekaloku esosibulalo sokuqala, esibe senziwa ngu‐Jonatane nomtwali wezixo̔bo zake, saye singa singamadoda angamashumi mabini, endaweni engati isisiqingata somqela wendima yentsimi.
15
Kwasuka kwabako ukungcangcazela emkosini, nasezindle, nasebantwini bonke; abelali, nabafaci, bangcangcazela nabo; ewe, umhlaba wazamazama; ngokuba bekuko ukungcangcazela kuvela kutixo.
16
Baza abalindi baka‐Saule e‐Gibeha yakwa‐Benjamine bakangela; kekaloku nasi isihlwele sinyibilika, simana siciteka.
17
Wandula u‐Saule wati kubantu abanaye: Balani ke, nibone, ngubanina owemkileyo kuti. Bakuba bebalile, bona ke, u‐Jonatane nomtwali wezixo̔bo zake bebengeko.
18
Waza u‐Saule wati ku‐Ahiya: Sondeza ityeya katixo. Ngokuba ityeya katixo ibiko ngeloxesha nosapo luka‐Sirayeli.
19
Kwaye kute, nxa asateta u‐Saule kumperisite, yati impitimpiti ebisemkosini wama‐Filistiya yamana ukwanda ngakumbi. Ngako u‐Saule wati kumperisite: Susa isandla sako.
20
Kwaza kwahlanganisana u‐Saule nabantu bonke abanaye, beza ekulweni; kekaloku bona ke, iṙele lomnye belingakuye omnye, isipitipiti esikulu kunene.
21
Kanjako bekuko ama‐Hebere kunye nama‐Filistiya njengapambili, abenyukile ezweni elingqongayo ukuya nawo emnqubeni; kwa nawo atelelana no‐Sirayeli ababeno‐Saule no‐Jonatane.
22
Nawo onke amadoda abezimele entabeni yakwa‐Frayime, akuva ukuba ama‐Filistiya ebesaba, kwa wona ati nama ukuwalandela ekulweni.
23
Kwa njalo uyehova wabasindisa ngalomini o‐Sirayeli; kwaza ukulwa kwadlulela e‐Betavene.
24
Kekaloku amadoda akwa‐Sirayeli ebediniwe ngalomini; ngokuba u‐Saule ebefungisile abantu, esiti: Makuqalekiswe osukuba esidla ukudla kude kuhlwe, ukuze ndipindezelwe ezintshabeni zam. Ngako bonke abantu abeva ukudla.
25
Laza lonke ilizwe leza ehlatini; kekaloku bekuko ubusi pezu kwobuso bomhlaba.
26
Bati bakufika abantu ehlatini, nangu umsinga wobusi; kodwa bekungeko mntu owabeka isandla sake emlonyeni wake, ngokuba abantu bebesoyika isifungo.
27
Kodwa u‐Jonatane ebengevanga, nxa uyise abefungisa abantu; ngako wayolula incam yentonga ebisesandleni sake, wayifaka encindini yobusi, wasibuyisela emlonyeni wake isandla sake; ati amehlo ake akanya.
28
Waza omnye wasebantwini wapendula wati: Uyihlo waqinisa ukufungisa abantu ngokuti: Makaqalekiswe osukuba esidla ukudla namhla. Kekaloku abantu bebecubukile.
29
Wandula u‐Jonatane wati: Ubawo ukatazile ilizwe; bonani ke ukukanya kwamehlo am, ngokuba ndivile intwana yobubusi:
30
kangakananina ke ngakumbi, ukuba abantu bebekolisile ukutya namhla kumaxoba entshaba zabo abawafumanayo! ngokuba kaloku isibulalo singabanga sikulu pakati kwama‐Filistiya.
31
Kekaloku bawabeta ama‐Filistiya ngalomini kwa se‐Mikimashe kude kwase‐Ajalone: baye abantu becubukile kakulu.
32
Basuka abantu bagaleleka pezu kwamaxoba, batabata igusha, nenkabi, namatole, bazixe̔la ngasemhlabeni; bati abantu bazidla zinegazi.
33
Kwaza kwaxelwa ku‐Saule, kusitwa: Naba abantu besona ngakuye uyehova ngokudla kunye negazi. Wayesiti: Nenzile ngobumenemene; qengqelani kum namhla ilitye elikulu.
34
Wati kanjalo u‐Saule: Yitini sa pakati kwabantu, niti kubo: Sondezani kum, abanye ngabanye inkabi zabo, nabanye ngabanye igusha zabo, nizixe̔le apa, nidle; nize ningoni ngakuye uyehova ngokudla kunye negazi. Baza bonke abantu basondeza nabo abanye ngabanye inkabi zabo ngobusuku obo, bazixe̔la kona.
35
Wandula u‐Saule waka isibingelo kuyehova: waqala ngaso ukwaka isibingelo kuyehova.
36
Wayesiti u‐Saule: Masihle emva kwama‐Filistiya ngobusuku, siwapange kude kukanye ukusa, singasalisi nanye indoda pakati kwawo kanjalo. Bati abantu: Yenza konke okulungileyo emehlweni ako. Wati kodwa umperisite: Masisondele apa kutixo.
37
Waza u‐Saule wabuza kuyehova, esiti: Ndiya kuhla na emva kwama‐Filistiya? wowanikela na esandleni so‐Sirayeli? Kodwa akampendula ngalomhla.
38
Wandula wati u‐Saule: Sondelani apa, nonke zinkosi zabantu, nazi, nibone, ukuba sibe sikwinto nina esisono namhla?
39
Ngokuba, ehleli nje uyehova, osindisa o‐Sirayeli, nakuba besiko ku‐Jonatane unyana wam, uya kufa ngenyaniso. Kodwa bekungeko namnye owampendulayo ebantwini bonke.
40
Wandula wati kubo bonke o‐Sirayeli: Yibani nina kwelinye icala, nam no‐Jonatane unyana wam soba kwelinye icala. Bati ke abantu ku‐Saule: Yenza okulungileyo emehlweni ako.
41
Waza u‐Saule wati kuyehova, utixo ka‐Sirayeli: Nika iqashiso eliyinyaniso! Kwaye kuqashwa u‐Jonatane no‐Saule; kodwa abantu basinda.
42
Wayesiti u‐Saule: Qashisani pakati kwam no‐Jonatane unyana wam. Wayeqashwa u‐Jonatane.
43
Wandula u‐Saule wati ku‐Jonatane: Ndixelele ke into uyenzileyo. Waza u‐Jonatane wamxelela, wati: Ndaka ndeva intwana yobusi ngencam yentonga ebisesandleni sam; bona ke, ndiya kufa.
44
Waza u‐Saule wati: Utixo makenje njalo, alekele ukwenje njalo; ngokuba uya kufa ngenyaniso, Jonatane!
45
Koko abantu bati ku‐Saule: Uya kufa na u‐Jonatane, olwenzileyo olusindiso olukulu kwa‐Sirayeli? Makube lé oko! ehleli nje uyehova, akuyi kuwa nalunye lwenwele zentloko yake ngasemhlabeni; ngokuba esebenzile notixo namhla nje. Kwa njalo abantu bamkulula u‐Jonatane, akafa nokufa.
46
Wandula u‐Saule wenyuka ekulandeleni ama‐Filistiya; ati ama‐Filistiya aya endaweni yawo.
47
KWA njalo u‐Saule wabamba ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli, walwa ngakuzo zonke intshaba zake ezingqongayo, ngakuwo ama‐Mowabi, nangakulo usapo luka‐Hamoni, nangakuwo ama‐Edome, nangakubo okumkani be‐Tsoba, nangakuwo ama‐Filistiya; nalapo kusukuba ebebeka kona, wazeyisa.
48
Wayesenza ngobuṙoti, wabeta ama‐Amaleki, wabahlangula o‐Sirayeli esandleni sabatimbi babo.
49
Kekaloku onyana baka‐Saule bebengu‐Jonatane, no‐Yishevi, no‐Maleki‐shuha; namagama entombi zake zombini, igama leyamazibulo belingu‐Merabi, negama lencinane belingu‐Mikali;
50
negama lomfazi ka‐Saule belingu‐Ahinohame, intombi ka‐Himahatse; negama lenkosi yomkosi wake belingu‐Abenere, unyana ka‐Nere, uyisekazi ka‐Saule.
51
U‐Kishe ebenguyise ka‐Saule; no‐Nere, uyise ka‐Abenere, ebengunyana ka‐Abiyeli.
52
Kwaye kuko ukulwa okunzima ngakuwo ama‐Filistiya ngayo yonke imihla ka‐Saule; ngako, onke amagoṙa, nawo onke amadoda obuṙoti, akuwabona u‐Saule, wawabutela kuye.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31