bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 2
1 Samuel 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 3 →
1
Wandula u‐Hana watandaza, wati: Intliziyo yam iyagcoba ngoyehova; upondo lwam lupakanyisiwe ngoyehova: umlomo wam uvulekile kakulu pezu kwentshaba zam; ngokuba ndivuya ngako ukusindisa kwako.
2
Akuko oyingcwele njengoyehova; ngokuba kungeko namnye ngapandle kwako; akuko olilityekazi njengotixo wetu.
3
Ningandisi ukuteta okulir̔atshi kakulu; makungapumi okulukuni emlonyeni wenu: ngokuba uyehova e ngutixo wokwazi; ziti izenzo zilinganiswe nguye.
4
Isipeta samagoṙa siqekekile; nabo baku̔bekayo babinqiwe ngamandla.
5
Ababehluti baziqashisele isonka, nabo balambayo bapelile; kwada kwazala udlolo abasixe̔nxe, nobenabantwana abaninzi wabuna.
6
Uyehova uyafisa, uyenza kudliwe ubomi kanjalo; uyahlisela esihogweni, nyanyusa kanjako.
7
Uyehova uyahlwempuzisa, uyatyebisa kanjalo; uyatobisa, uyapakamisa kanjako.
8
Uyasukisa olihlwempu elutulini, uyapakamisa osweleyo enkunkumeni, abahlalise nenkosi, enze babe zindlalifa zesihlalo sobungcwalisa; ngokuba intsika zomhlaba zize zikayehova, ubekile umhlaba pezu kwazo.
9
Uya kugcina inyawo zabangcwele bake, kanti abakohlakeleyo baya kuti cwaka ebumnyameni; ngokuba umntu engayi kweyisa ngamandla.
10
Abapikayo noyehova baya kuqekezwa; kwa sezulwini uya kududumisa pezu kwabo; uyehova uya kugweba izipelo zomhlaba, anike ukumkani wake amandla, apakamise upondo lwomtanjiswa wake.
11
Wasuka u‐Lekana waya e‐Rama, endlwini yake: kodwa umntwana ebekonza uyehova ebusweni buka‐Heli umperisite.
12
KEKALOKU onyana baka‐Heli bebelusapo lwobunginingini; babengamazi uyehova.
13
Kanjalo isiko labaperisite ngakubo abantu, kwati kwakubinga umntu umbingo, sandula isicaka somperisite, nxa inyama ibisapekwa, seza neforoke inamazinyo amatatu esandleni saso,
14
sahlaba ngaso elukambeni, umhlaumbi eketileni, umhlaumbi engxaweni, umhlaumbi embizeni; konke ibikunyusa iforoke, watabata umperisite oko kube kokwake. Benje njalo ke e‐Shilo kubo bonke o‐Sirayeli abezayo kona.
15
Kanjako kungekatshiswa inqata, seza isicaka somperisite, sati kulamntu owabingayo: Nika inyama, yojelwe umperisite; ngokuba engayi kwamkela kuwe inyama epekiweyo, kodwa eṙwada.
16
Ukuba lowamntu wati kuso: Mabagqibele ukutshisa inqata kaloku nje, wandule uzitabatele njengokukanuka kwompefumlo wako; sandula sati kuye: Hai, uya kunika ngoku; nokuba akuyi kwenje njalo, ndoyisusa ngamandla.
17
Kwa njalo isono salomadodana besikulu kakulu ebusweni bukayehova; ngokuba abantu bebedela umnikelo wokudla kayehova.
18
Waye u‐Samyali wakonza pambi kwoyehova, esengumntwana, ebinqiwe ngeyefodi yeqiya.
19
Waye nonina wamenzela ingubo encinane, wayizisa kuye iminyaka ngeminyaka, akunyuka nendoda yake ukuza kubinga umbingo womnyaka ngomnyaka.
20
Waza u‐Heli watamsanqelisa u‐Lekana nomfazi wake, wati: Uyehova makakunike inzalo ngalomfazi esikundleni salombolekwa ebolekwayo uyehova. Basuka baya emzini wake.
21
Wandula uyehova wakumbula u‐Hana, ukuba wakaula, wada wazala onyana abatatu nentombi ezimbini. Wati umntwana, u‐Samyali, wakula ngapambi kwoyehova.
22
Kekaloku u‐Heli ebemdala kakulu; waza weva konke onyana bake ababekwenza kubo bonke o‐Sirayeli; nokokuba balala namankazana abekonza emnyango wentente yentlangano.
23
Wayesiti kubo: Yinina ukuba nenze izinto ezinjalo? ngokuba ndisiva imikwa yenu ekohlakeleyo ngabo bonke ababantu.
24
Hai, bonyana bam! ngokuba zingezizo indaba ezilungileyo endizivayo; niyenza ukuba abantu bakayehova bagqite.
25
Ukuba omnye umntu uyona ngakuye omnye, abagwebi baya kumgweba; kodwa ukuba umntu uyona ngakuye uyehova, ngubanina oya kumtandazela? Abapulapula ilizwi loyise wabo noko; ngokuba uyehova ebetanda ukubafisa.
26
Waye umntwana, u‐Samyali, wamana ekula, wabukwa nanguye uyehova, nangabo abantu.
27
Kwaza kwafika indoda katixo ku‐Heli, yati kuye: Utsho uyehova ukuti: Kanene ndibe ndibonakala ekuhleni kuyo indlu yoyihlo na, nxa babeko e‐Jipete, endlwini ka‐Faro?
28
ndabendimnyula na kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli abe ngumperisite wam, aze anikele pezu kwesibingelo sam, aqumise isiqumiso, ambate iyefodi ebusweni bam? kanjalo bendinika na indlu yoyihlo yonke iminikelo eyenziwa ngomlilo yosapo luka‐Sirayeli?
29
kunganina ukuba nikabe ngakuwo umbingo wam nangakuwo umnikelo wokudla wam, endiwuyaleleyo entlalweni yam; nokuba ubeke onyana bako pezu kwam, nize nizityebise ngezinqabileyo izinto zayo yonke iminikelo yokudla yabantu bam o‐Sirayeli?
30
Ngako oko uti uyehova, utixo wo‐Sirayeli: Bendisitsho ngenyaniso, ukuba indlu yako, nendlu yoyihlo, iya kuhamba ebusweni bam kude kube ngunapakade; kodwa ngoku uyehova uti: Makube le kum oko! ngokuba abo bandibekayo ndiya kubabeka, nabo bandicekisayo baya kudelwa.
31
Bona ke, imihla iyeza, ukuba ndiya kunqumla ingalo yako, nengalo yayo indlu yoyihlo, ukuze kungabiko indoda endala kuyo indlu yako.
32
Wauya kubona imbandezeko yentlalo ka‐Tixo, endaweni yako konke okulungileyo abeya kukwenza ko‐Sirayeli; kwaye kungayi kubako indoda endala kuyo indlu yako napakade.
33
Kodwa indoda, endingayi kukunqamlela yona esibingelweni sam, yoba yeyokugqibela amehlo ako, neyokuxalisa umpefumlo wako; kanjalo konke ukwanda kwendlu yako, baya kufa besengamadoda.
34
Oku kwoba ngumqondiso kuwe, okuya kuza pezu kwonyana bako ababini, u‐Hofeni no‐Finehasi: emhleni mnye baya kufa bobabini.
35
Ndandiya kuzivusela umperisite onyanisekileyo, o ya kwenza njengoko kusentliziyweni yam nasempefumlweni wam: yena ndiya kumakela indlu eqinileyo: waeya kuhamba pambi kwomtanjiswa wam imihla yonke.
36
Kwakuya kuti, osukuba esele kuyo indlu yako, uya kuza aziqubude pambi kwake ngenxa yeqosha lesilivere nesimba lesonka, ati: Kaundibeke komnye wemisebenzi yabaperisite, ukuba ndidle umtamo wesonka.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31