bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 19
1 Samuel 19
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 20 →
1
WADA u‐Saule wateta ku‐Jonatane unyana wake, nakuzo zonke izicaka zake, ukuba bamfise u‐Davide. Kodwa u‐Jonatane, unyana ka‐Saule, wakoliswa ngu‐Davide kakulu:
2
waza u‐Jonatane wamxelela u‐Davide, esiti: u‐Saule, ubawo, uyafuna ukukufisa; ngako kaloku zilumkele ke kwakusa, uhlale endaweni efihlakeleyo, uzimele:
3
sendiya kupuma mna, ndime ngasesandleni sobawo endle, apo wena ukona; ndandiya kuteta kubawo ngawe; nento endiyibonayo, ndoyixela kuwe.
4
Waye u‐Jonatane wateta okulungileyo ngaye u‐Davide ku‐Saule uyise, wati kuye: Makangoni ukumkani ngakuso isicaka sake, ngakuye u‐Davide; ngokuba engonanga ngakuwe, nangokuba izenzo zake kuwe zilungile kakulu:
5
ngokuba ebebeka ubomi bake esandleni sake, wambulala um‐Filistiya lowo, wati uyehova wenzela o‐Sirayeli bonke usindiso olukulu: ubulubona wena, wavuya nokuvuya: yinina ngoko ukuba uya kwona ngakulo igazi elingenatyala, ngokumfisa u‐Davide kungeko nto?
6
Waza u‐Saule wapulapula ilizwi lika‐Jonatane; kanjalo wafunga u‐Saule ngokuti: Njengokuba uyehova ehleli, akayi kufiswa!
7
Wasuka u‐Jonatane wambiza u‐Davide; wati u‐Jonatane wamxelela lamazwi onke. Waza u‐Jonatane wamzisa u‐Davide ku‐Saule, owabako ebusweni bake njengapambili.
8
Kwabuya kwabako imfazwe: wandula wapuma u‐Davide walwa nama‐Filistiya, wawabulala ngesibulalo esikulu; ada abaleka ebusweni bake.
9
Kekaloku umoya okohlakeleyo kayehova waba pezu kwo‐Saule, nxa abehleli endlwini yake, enentshuntshe yake esandleni sake; waye u‐Davide wabeta uhadi ngesandla.
10
Waza u‐Saule wafuna ukumbetela u‐Davide ngentshuntshe kwa seludongeni; kodwa wanyebeleza ebusweni buka‐Saule, owabetela intshuntshe eludongeni; wati u‐Davide wabaleka, wasinda ngobobusuku.
11
Wandula u‐Saule watuma izigidimi ukuya endlwini ka‐Davide, zimlinde, zimfise kwakusa: koko u‐Mikali, umfazi wake, wamxelela u‐Davide, esiti: Ukuba akusindisi ubomi bako ngobubusuku, ngomso uya kufiswa.
12
Waza u‐Mikali wamhlisa u‐Davide ngefenstile; wahamba ke, wesaba, wasinda.
13
Wandula u‐Mikali watabata iterafi, wayibeka emandlalweni, wabeka umqamelelo woboya bebokwe ngasentlokweni yayo, wayigubungela ngengubo.
14
Kekaloku akutuma u‐Saule izigidimi, zize zimtabate u‐Davide, wati: Uyafa yena.
15
Wabuya u‐Saule watuma izigidimi ukuba zimbone u‐Davide, esiti: Nimnyusele kum emandlalweni, ndimfise.
16
Kwati kwakungena izigidimi, nantsi ke iterafi emandlalweni, nomqamelelo woboya bebokwe ngasentlokweni yayo.
17
Waza u‐Saule wati ku‐Mikali: Yinina ukuba wenje njalo ukundibukuqa, undulule nje utshaba lwam, lusinde? Wayesiti u‐Mikali ku‐Saule: Yena wati kum: Ndindulule; yinina ukuba ndikufise?
18
Kwa njalo u‐Davide wesaba, wasinda, weza ku‐Samyali e‐Rama, wamxelela konke abekwenzelwe ngu‐Saule. Wahamba yena no‐Samyali, baya bahlala e‐Nayote.
19
Kwaza kwaxelwa ku‐Saule, kusitwa: Nankuya u‐Davide, e‐Nayote ngase‐Rama.
20
Wandula u‐Saule watuma izigidimi ukuya kumtabata u‐Davide: kwati kwakubonwa umhlambi wabaprofite beprofitesha, no‐Samyali emi, emisiwe pezu kwabo, kwabako umoya katixo pezu kwezigidimi zika‐Saule, zaye ziprofitesha nazo.
21
Kwakuxelwa ku‐Saule, watuma ezinye izigidimi, zaye ziprofitesha nazo. Walekela u‐Saule watuma izigidimi ngokwesitatu, zaye ziprofitesha nazo.
22
Wandula waya naye e‐Rama, weza equleni elikulu elise‐Seku, wabuza, wati: Bapina u‐Samyali no‐Davide? Kwatiwa: Nabaya, e‐Nayote ngase‐Rama.
23
Waza waya kona e‐Nayote ngase‐Rama; wati umoya katixo wabako napezu kwake, wahamba, wamana eprofitesha, wada wafika e‐Nayote ngase‐Rama.
24
Wati naye wahluba ingubo zake, waprofitesha naye ebusweni buka‐Samyali, walala pantsi eba zé ngalomini yonke nangobobusuku bonke. Ngako oko kwatiwa: Kanene u‐Saule upakati kwabaprofite naye na?
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31