bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 9
1 Samuel 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 10 →
1
KWABEKUKO indoda yakwa‐Benjamine, egama lalingu‐Kishe, unyana ka‐Abiyeli, unyana ka‐Tserore, unyana ka‐Bekorate, unyana ka‐Afiya, um‐Benjamine, igoṙa elibuṙoti.
2
Yabinonyana ke, ogama lalingu‐Saule, oyintlahla, omhle: kwaye kungeko indoda pakati kwosapo luka‐Sirayeli ebimgqitisile ngobuhle: kwa kuwo amagxalaba ake nangapezulu wadlula bonke abantu ngobude.
3
Kekaloku amaqwaṙashekazi ka‐Kishe, uyise ka‐Saule, ebelahlekile. Waza u‐Kishe wati ku‐Saule unyana wake: Kautabate nawe esinye sezicaka, usuke, uye kufuna amaqwaṙashekazi.
4
Wasuka wacanda entabeni yakwa‐Frayime, wacanda naselizweni le‐Shalisha, kodwa abawafumana; baza bacanda elizweni le‐Shahalime, kodwa ebengeko kona; wacanda nasezweni lakwa‐Benjamine, kodwa abawafumana.
5
Bada bafika ezweni lakwa‐Tsufi; wandula u‐Saule wati kwisicaka sake esibe sinaye: Hamba, sibuye; hleze ubawo awancame amaqwaṙashekazi, axalele tina.
6
Saza sati kuye: Bona ke, kuko indoda katixo kwesisixeko, eyindoda ebekekileyo; konke ikutetayo kuza kuhla ngenyaniso: kaloku masiye kona; kungaba iya kusixelela indlela yetu, esinge sihamba kuyo.
7
Wandula u‐Saule wati kwisicaka sake: Pofu, bona ke, sisiya nje, yinto nina esiya kuyizisa kulondoda? ngokuba isonka sigqibekile ezityeni zetu; aliko nebaso lokuba silizise kwindoda katixo: yinto nina esinayo?
8
Salekela isicaka ukupendula u‐Saule, sati: Bona ke, kuko esandleni sam isiqingata sesine seshekele yesilivere; eso ndiya kusinika kuyo indoda katixo, ukuze isixelele indlela yetu.
9
(Ngapambili kwa‐Sirayeli, umntu akuhamba ukuya kubuza kutixo, watsho ukuti: Hambani, sihambe siye kumboni; ngokuba lowo obizwayo namhla ngokuba ngumprofite, ebebizwa ngapambili ngokuba ngumboni.)
10
Waza u‐Saule wati kwisicaka sake: Ilizwi lako lilungile; hamba, sihambe. Bahamba baya esixekweni apo indoda katixo ibikona.
11
Xeshekweni bebenyuka ngeqina lesixeko, bafumana intombi zipuma ukuka amanzi, bati kuzo: Uko apa na umboni?
12
Zabapendula, zati: Uko; nanku epambi kwenu: nxama kaloku, ngokuba efikile namhla esixekweni; ngokuba kuko namhla umbingo wabantu endaweni epakamileyo:
13
nxa ningene esixekweni, seniya kumfumana, engekanyukeli endaweni epakamileyo ukuya kutya: ngokuba abantu bengayi kutya ade afike yena; ngokuba nguye otamsanqelayo umbingo; emveni kwoko bayatya abamenyiweyo: ngako kaloku nyukani, ngokuba malunga nelixesha niya kumfumana.
14
Baza benyukela esixekweni: bati bakufika pakati kwesixeko, nanku u‐Samyali ebapumele, ukuya kunyukela endaweni epakamileyo.
15
Kekaloku uyehova wabetyilile endlebeni ka‐Samyali, umhla mnye engekafiki u‐Saule, ukuti:
16
Malunga nelixesha langomso ndiya kutuma kuwe indoda yasezweni lakwa‐Benjamine, oya kuyitambisa ibe yinkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli, ukuze isindise abantu bam esandleni sama‐Filistiya: ngokuba ndibonile abantu bam; ngokuba ukukala kwabo kufikile kum.
17
Nxa u‐Samyali wambonayo u‐Saule, wandula uyehova wapendula, wati: Nantsi indoda endite kuwe ngayo: Le iya kupata ubukosi pezu kwabantu bam.
18
Wandula u‐Saule wasondela ku‐Samyali pakati kwesango, wati: Kaundixelele, ipina ke indlu yomboni?
19
Waza u‐Samyali wampendula u‐Saule, wati: Mna ndingumboni; nyuka pambi kwam ukuya endaweni epakamileyo; ngokuba niya kutya nam namhla, ndandiya kukundulula kusasa, ndikuxelele konke okusentliziyweni yako:
20
namaqwaṙashekazi, lawo akulahlekileyo kuse kuyimihla mitatu, ungabekeli wona intliziyo yako, ngokuba selefunyenwe: kanjalo lukubanina lwonke unqwenelo lwo‐Sirayeli? alukuwe na nakuyo yonke indlu yoyihlo?
21
Wapendula u‐Saule wati: Andingum‐Benjamine na, owesincinane sezizwe zo‐Sirayeli? nesizalwane sam asisesincinane na ngapezu kwazo zonke izizalwane zesizwe sika‐Benjamine? kunganina ke ukuba utete kum ilizwi elinjalo?
22
Waza u‐Samyali watabata u‐Saule nesicaka sake, wabangenisa enkambilini, wabanika indawo engapezulu pakati kwabamenyiweyo, abangati bangamadoda amashumi matatu.
23
Wayesiti u‐Samyali kuye umpeki: Nikela isabelwa endandisinika kuwe; endandisiti kuwe ngaso: Sibeke ngakuwe.
24
Waza umpeki wakupa umkono nako okupezu kwawo, wabeka pambi kwo‐Saule. Wayesiti: Nanku okuseleyo: kubeke pambi kwako, utye; ngokuba ngexesha elimisiweyo bekugcinelwa wena, nxa ndibe ndisiti: Ndimemile abantu. Kwa njalo u‐Saule watya no‐Samyali ngalomini.
25
Bada behla endaweni epakamileyo baya esixekweni: waza wateta no‐Saule pezu kwendlu.
26
Bavuka ke kusasa: kwaye kute ngasekupumeni kwesitingo, wandula u‐Samyali wambiza u‐Saule eze pezu kwendlu esiti: Suka, ukuba ndikundulule. Wesuka ke u‐Saule; baza bapuma bobabini, yena no‐Samyali, baya ngapandle.
27
Nxa babehlela esipelweni sesixeko, wati u‐Samyali ku‐Saule: Xelela isicaka sako ukuba sidlule pambi kwetu, (sadlula ke,) kodwa wena yima kaloku, ukuze ndikuvise ilizwi likatixo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31