bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 4
1 Samuel 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 5 →
1
Laye ilizwi lika‐Samyali leza kubo bonke o‐Sirayeli. KEKALOKU o‐Sirayeli bapumela ngakuwo ama‐Filistiya kuliwe, baya bati waca ngase‐Ebenezere; kanjalo ama‐Filistiya ati waca e‐Afeki.
2
Asuka ama‐Filistiya azicwangcisa ngakubo o‐Sirayeli: kwati kwakuba ukulwa bekutwabulukile, o‐Sirayeli bebebetwa pambi kwama‐Filistiya: aza abulala ebandleni ezindle ngati angamawaka mane amadoda.
3
Bandula bakufika abantu emnqubeni, bati abadala bakwa‐Sirayeli: Kunganina ukuba uyehova usibetile namhla pambi kwama‐Filistiya? Masizizekele e‐Shilo ityeya yocebano lukayehova, ize pakati kwetu, isisindise esandleni sentshaba zetu.
4
Baza abantu batumela e‐Shilo, basusa kona ityeya yocebano lukayehova wemikosi, ohleli pakati kwekerubime: baye bekona onyana bobabini baka‐Heli, u‐Hofeni no‐Finehasi, ndawonye netyeya yocebano lukatixo.
5
Kwaye kute, yakufika ityeya yocebano lukayehova emnqubeni, bonke o‐Sirayeli bamemeza ngesimemezo esikulu, wada umhlaba wazanyazanyiswa.
6
Xeshekweni ama‐Filistiya evayo intlokoma yesimemezo eso, ati: Iti nina intlokoma yesisimemezo esikulu emnqubeni wama‐Hebere? Ada aqonda ukuba ityeya kayehova ifikile emnqubeni.
7
Aza ama‐Filistiya oyika, ngokuba ebesiti: Utixo ufikile emnqubeni. Ayesiti: Au tina! ngokuba kungezanga kubeko okunjalo ngexesha lapambili:
8
au tina! ngubanina oya kusihlangula esandleni sotixo aba abanamandla? ngabo aba otixo ababeta ama‐Jipete ngazo zonke izibeto entlango.
9
Yomelelani, nenze njengamadoda, ma‐Filistiya! ukuze ningakonzi kuma‐Hebere, njengokuba ekonzile kuni: ngako yenzani njengamadoda, nilwe ke.
10
Asuka ama‐Filistiya alwa; baza o‐Sirayeli babetwa, besaba baya abanye ngabanye ezintenteni zabo: kwabako isibulalo esikulu kunene; bada bawa kubo o‐Sirayeli amawaka angamashumi matatu abahamba ngenyawo.
11
Kanjako ityeya katixo yasuswa; nonyana bobabini baka‐Heli, u‐Hofeni no‐Finehasi, babuba.
12
Yandula yabaleka indoda yakwa‐Benjamine ebandleni, yeza e‐Shilo ngalomini, inengubo zayo ziṙazukile, nomhlaba pezu kwentloko yayo.
13
Kekaloku, yakufika, bona ke, u‐Heli wahlala pezu kwesihlalo ngasecaleni lendlela, elinda nje; ngokuba intliziyo yake ibingcangcazela ngenxa yetyeya katixo. Yati yakufika indoda leyo, ukuza kuxela esixekweni, sand’ ukukala sonke isixeko.
14
Xeshekweni u‐Heli wevayo intlokoma yokukala, wati: Iti nina intlokoma yalempitimpiti? Yaza indoda yangena ngokunxama, yamxelela u‐Heli.
15
Kekaloku u‐Heli wabeminyaka emashumi alitoba anesibozo ubudala bake; kanjalo amehlo ake ebete nqi, ukuba wakohlwa kukubona.
16
Yayisiti indoda ku‐Heli: Ndinguye ovele ebandleni, ndisabile ebandleni namhla. Waza wati: Yinto nina ehlileyo, nyana wam?
17
Wapendula obeshumayela, wati: o‐Sirayeli besabile pambi kwama‐Filistiya; kanjako bekuko nesibulalo esikulu pakati kwabantu; nonyana bako bobabini, u‐Hofeni no‐Finehasi, babubile nabo; netyeya Katixo yona isusiwe.
18
Kwabekute, nxa abekankanya ityeya katixo, wandula wawa esihlalweni ngomva, ngasecaleni lesango, yati intamo yake yapuka, wada wafa; ngokuba ebelixego, wayenzima kanjalo. Wayegweba o‐Sirayeli iminyaka yamashumi mane.
19
Kekaloku umolokazana wake, umfazi ka‐Finehasi, wabemiti, waza kuzala; wati akuva indaba zokuba ityeya katixo isusiwe, nokuba ufile usondoda wake, nendoda yake, wandula watoba, wazala, ngokuba inimba zake bezijikajika pakati kwake.
20
Kute ngexesha lokufa kwake, bateta abafazi abebemi ngakuye, besiti: Ungoyiki, ngokuba uzele unyana. Kodwa ebengapenduli, ebengabekeli intliziyo yake kanjako.
21
Wambiza umntwana ngo‐Yikabode, esiti: Ubungcwalisa bufudusiwe kwa‐Sirayeli; ngenxa yokususwa kwetyeya katixo, nangenxa yosondoda wake nendoda yake.
22
Wayesiti: Ubungcwalisa bufudusiwe kwa‐Sirayeli; ngokuba ityeya katixo isusiwe.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31