bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 11
1 Samuel 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 12 →
1
WANDULA wenyuka u‐Nahashe um‐Hamoni, waṙaula i‐Yabeshe‐gileyadi: aza onke amadoda ase‐Yabeshe ati ku‐Nahashe: Yenza ucebano nati, sasiya kukukonza.
2
Wayesiti kuwo u‐Nahashe um‐Hamoni: Ngako oku ndiya kulwenza ucebano nani, ukuba ndiwancotule onke amehlo enu okunene, nokuba ndikubeke oko kube lihlazo pezu kwo‐Sirayeli bonke.
3
Baza abadala base‐Yabeshe bati kuye: Siyeke imihla ibe sixe̔nxe, ukuze situme izigidimi kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli: ukuba ke akuko osisindisayo, sesiya kupumela kuwe.
4
Zandula izigidimi zeza e‐Gibeha ka‐Saule, zateta lamazwi ezindlebeni zabantu; bati bonke abantu bapakamisa ilizwi labo, balila.
5
Kekaloku bona ke, u‐Saule weza emva kwenkabi, evela ezindle; wayesiti u‐Saule: Abantu bananina ukuba balile? Baza bambalisela amazwi amadoda ase‐Yabeshe.
6
Wandula umoya katixo wamqubula u‐Saule, akuva lamazwi, yati ingqumbo yake yavuta kunene.
7
Watabata isibini senkabi, wazihlahla, wazituma kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli ngezandla zezigidimi, kusitwa: Osukuba engapumi emva kwo‐Saule nasemva kwo‐Samyali, kuya kwenziwa njalo kuzo inkabi zake. Lwaza ’ulwoyiko lukatixo lwawa pezu kwabantu, bada bapuma njengomntu mnye.
8
Kekaloku akubabala e‐Bezeke, usapo luka‐Sirayeli belungamawaka angamakulu matatu, namadoda akwa‐Juda ebengamawaka angamashumi matatu.
9
Baza bati kuzo izigidimi ezezayo: Niya kutsho kuwo amadoda ase‐Yabeshe‐gileyadi ukuti: Ngomso, nxa ilanga libalelayo, niya kuba nosindiso. Zasuka izigidimi zeza zawaxelela amadoda ase‐Yabeshe; avuya ke.
10
Aza amadoda ase‐Yabeshe ati: Ngomso siya kupumela kuni, naniya kwenza kuti ngako konke okulungileyo emehlweni enu.
11
Kwaye kute ngomnye umhla, ukuba u‐Saule wamisa abantu babe ngamaqela matatu; basuka beza pakati kwomnquba ngevaṙasho lokusa, babulala aba‐Hamoni kwada kwasekufudumaleni kwemini: kwaza kwati, abo baseleyo bacitwa, bada abasala pakati kwabo ababini endaweni nye.
12
Baza abantu bati ku‐Samyali: Ngubanina obesiti: u‐Saule uya kupata ubukumkani pezu kwetu na? kupani amadoda lawo, siwafise.
13
Wayesiti u‐Saule: Akayi kufiswa mntu namhla nje; ngokuba namhla uyehova elwenzile usindiso kwa‐Sirayeli.
14
Wandula u‐Samyali wati ebantwini: Hambani, sihambe siye e‐Gilegale, sitwasise kona ubukumkani.
15
Baza bonke abantu baya e‐Gilegale, bamenza u‐Saule ukumkani kona pambi kwoyehova e‐Gilegale; babingelela nakona imibingo yoxolo pambi kwoyehova: waye u‐Saule wavuya kona, nawo onke amadoda akwa‐Sirayeli, kakulu.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31