bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Samuel 26
1 Samuel 26
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 27 →
1
KEKALOKU aba‐Zifi beza ku‐Saule e‐Gibeha, besiti: u‐Davide akazimeli na endulini ye‐Hakila, ngapambi kwobala?
2
Waselesuka u‐Saule, wehla waya entlango yase‐Zifi, enaye amadoda anyuliweyo akwa‐Sirayeli angamawaka matatu, ukumfuna u‐Davide entlango yase‐Zifi.
3
Waza u‐Saule wati waca endulini ye‐Hakila, engapambi kwobala, ngasendleleni: kodwa u‐Davide wahlala entlango, wabona ukuba u‐Saule uze emva kwake ngasentlango.
4
Ngako u‐Davide watuma intlola, wazi ukuba u‐Saule selezile ngenyaniso.
5
Wesuka ke u‐Davide, weza kulondawo apo u‐Saule abete waca kona: waza u‐Davide wabona indawo apo u‐Saule ebelele kona, no‐Abenere unyana ka‐Nere, inkosi yomkosi wake: kekaloku u‐Saule ebelele pakati kwodonga lwenqwelo, bati abantu bati waca ngokumngqonga.
6
Wandula wateta u‐Davide, wati ku‐Ahimeleki um‐Hete, naku‐Abishai unyana ka‐Tseruya, umninawe ka‐Jowabi, esiti: Ngubanina oya kuhla nam ukuya ku‐Saule emnqubeni? Waza u‐Abishai wati: Mna ndiya kuhla nawe.
7
Kwa njalo u‐Davide no‐Abishai beza ebantwini ebusuku; kekaloku nanku u‐Saule elele ubutongo pakati kwodonga lwenqwelo, nentshuntshe yake igxunyekiwe emhlabeni ngasentlokweni yake; kodwa u‐Abenere nabantu bebelele ngokumngqonga.
8
Wandula u‐Abishai wati ku‐Davide: Utixo uluyekelele namhla utshaba lwako esandleni sako; ngako kaloku, makendimbetele ngentshuntshe emhlabeni kube kanye, ndandingayi kumpindela.
9
Waza u‐Davide wati ku‐Abishai: Ungamtshabalalisi: ngokuba ngubanina ongolulayo isandla sake ngakuye umtanjiswa kayehova, aze angabi natyala?
10
Wabuya wati u‐Davide: Njengokuba uyehova ehleli, nguyehova oya kumbeta; umhlaumbi umhla wake uya kuza ukuba afe, umhlaumbi uya kuhlela ekulweni, andule abube:
11
ubunzima mabube kum buvela kuyehova, ukuba ndiyasolula isandla sam ngakuye umtanjiswa kayehova! Kodwa ngoku kaususe intshuntshe engasentlokweni yake, negubu lamanzi, sihambe ke.
12
Waye u‐Davide wasusa intshuntshe negubu lamanzi endaweni yentloko ka‐Saule; baza bemka ke: kwaye kungeko namnye obebona, nobesazi, nobevuka; ngokuba bona bonke bebelele butongo, ngokuba ubutongo obukulu bukayehova bebuwile pezu kwabo.
13
Wandula u‐Davide wawela waya pesheya, wema pezu kwococoyi lwentaba, ekude; umgama omkulu upakati kwabo.
14
Waza u‐Davide wabiza kubo abantu, nakuye u‐Abenere unyana ka‐Nere, esiti: Akupenduli na, Abenere? Wasuka wapendula u‐Abenere, wati: Ungubanina wena obizayo kukumkani?
15
Wayesiti u‐Davide ku‐Abenere: Akuyindoda na? ngubanina nofana nawe kwa‐Sirayeli? yinina ke ukuba akuyilindanga inkosi yako ukumkani? ngokuba bekungena omnye wabantu ukuza kutshabalalisa ukumkani inkosi yako.
16
Ayilungile lento uyenzileyo. Ehleli nje uyehova, nifanelwe kukufa, ngokokuba ningayilindanga inkosi yenu, umtanjiswa kayehova. Nakaloku, kangela ipina intshuntshe yokumkani, negubu lamanzi elibe lingasentlokweni yake.
17
Waza u‐Saule walazi ilizwi lika‐Davide, wati: Eli lilizwi lako na, nyana wam Davide? Wayesiti u‐Davide: Lilizwi lam, nkosi yam, kumkani!
18
Wati kanjalo: Kunganina ukuba inkosi yam yenje nje ukuputuma isicaka sayo? ngokuba iyinto nina endiyenzileyo? yiyipina inkohlakalo esesandleni sam?
19
Ngako kaloku maiti inkosi yam ukumkani ike ive amazwi esicaka sayo. Ukuba nguyehova okuvusileyo ngakum, makasezele irumba lomnikelo wokudla: kodwa ukuba ngabo onyana babantu, mabaqalekiswe bona pambi kwoyehova; ngokuba bendigxotile namhla ukuba ndingazibandakanyeli kwilifa likayehova, besiti: Hamba, ukonze otixo bambi.
20
Ngako kaloku, malingawi igazi lam ngasemhlabeni pambi kwobuso bukayehova: ngokuba ukumkani wo‐Sirayeli epumile ukufuna intakumba inye, njengokuba kuzingelwa isikwatsha ezintabeni.
21
Wandula wati u‐Saule: Ndonile; buya, nyana wam Davide! ngokuba ndingasayi kukupata kakubi, ngenxa yokuba umpefumlo wam ubunqabile emehlweni ako namhla nje: bona ke, ndenzile ngobudenge, ndiposisile ngokuninzi kakulu.
22
Waza u‐Davide wapendula wati: Nantsi intshuntshe yokumkani: makake omnye wabafana awele, ayitabate.
23
Wanga uyehova angabuyisela kubo bonke ngabanye ubulungisa babo nenyaniso yabo: ngokuba uyehova ebekunikele namhla esandleni sam, kodwa bendingavumi ukwolula isandla sam ngakuye umtanjiswa kayehova.
24
Kanjako bona ke, njengokuba umpefumlo wako ubusenziwa mkulu namhla nje emehlweni am, kwa njalo mawenziwe mkulu umpefumlo wam emehlweni kayehova, ade andisindise kubo bonke ubunzima.
25
Wandula u‐Saule wati ku‐Davide: Mautanyusanqelwe wena, nyana wam Davide! uya kukwenza kakulu ke, uya kumana ukweyisa kanjalo. Waza u‐Davide wahamba ngendlela yake, no‐Saule wabuyela endaweni yake.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31