bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 1
Acts 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 2 →
1
INCWADI yapambili ke, Teyofilusi! ndayenza ngako konke waqalayo u‐Yesu kwa nokukwenza nokukufundisa,
2
kwada kwayimini wabenyuswa ngayo, akuba ebebayalele ngomoya oyingcwele abapostile abebanyulile:
3
abete kanjako wazityila kubo ukuba uhleli, emveni kwokuva kwake intlungu, ngezizatu eziqinileyo ezininzi, ebonakala kubo imihla yamashumi mane, eteta izinto ezingabo ubukumkani bukatixo.
4
Waza ehlanganisene na bo wabayala ukuba mabangemki e‐Yerusaleme, mabalinde isibambiso soyise, — eso, watsho yena, enisivileyo kum:
5
ngokuba u‐Johane okunene wabapitizesha ngamanzi; kodwa nina nobapitizeshwa ngomoya oyingcwele, intsuku ezingeninzi emveni kwezi.
6
Kwa njalo ke bakuba bebebutene, babuza kuye, besiti: Nkosi! ubuya ubumisele o‐Sirayeli ubukumkani ngelixesha kusinina?
7
Waza wati kubo: Asi kokwenu ukwazi amaxesha namatuba ubawo awabekileyo ngelake igunya;
8
koko niya kwamkela amandla, akuba umoya oyingcwele ehlile pezu kwenu; naniya kuba ngamanqi̔na am kwa nakuyo i‐Yerusaleme, nakuyo yonke i‐Judeya ne‐Samariya, nakude kube sekupeleni kwomhlaba.
9
Kekaloku akuba ebetshilo oku, nxa bebekangela bona, wafunqulwa, lati ilifu lamsusa emehlweni abo.
10
Naxeshekweni bebejongela ngasezulwini ekumkeni kwake, bona ke, amadoda amabini ebemi kufupi nabo enezivato ezimhlope;
11
abesitsho kanjalo ukuti: Madoda ase‐Galili! yinina ukuba nimi nikangela ezulwini? lo u‐Yesu obenyuswa kuni wasiwa ezulwini, uya kuza njalo njengokuba nimbonile esiya ezulwini.
12
Bandula babuyela e‐Yerusaleme bebuya entabeni e‐kutiwa yeyeminquma, emgama wehambo yesabata ukuba kufupi kwayo ne‐Yerusaleme.
13
Bati bakuba bengenile, benyukela enkambilini yapezulu apo bebehlala kona; kwa u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, no‐Andreya; u‐Filipi, no‐Tomasi; u‐Batolomeyu, no‐Mateyu; u‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Simone umzeloti, no‐Jude umninawe ka‐Yakobi.
14
Aba bonke bebezingisa ngentliziyo nye ekutandazeni nasekukungeni, kunye nabafazi no‐Mariya unina ka‐Yesu, nakunye nabazalwana bake.
15
Kekaloku kwezintsuku wesuka wema u‐Petrosi pakati kwabadisipile, (ngati inani lamagama abebendawonye lalilikulu linamashumi mabini,) wati:
16
Madoda, bazalwana! bekufanele ukuba esisiba̔lo sizaliseke, eso umoya oyingcwele wasitetayo ngapambili ngomlomo ka‐Davide, ngaye u‐Jude obengumkokeli kubo abambambayo u‐Yesu:
17
ekubeni ebebalwe pakati kwetu, wazuza isabiwo sobukonzi obu.
18
(Lo ke kekaloku watenga intsimi ngomvuzo wenkohlakalo yake; waza ewile ngentloko wacandeka pakati, ati onke amatumbu ake apalaka:
19
kwasuka kwazeka oku kubo bonke abebemi e‐Yerusaleme, lada labizwa igama lentsimi leyo ngokwakowabo ukuteta ngokuti yi‐Akelidama, oko kukuti yintsimi yegazi.)
20
Ngokuba kuba̔liwe encwadini yamaculo ukuti: Maibe indlu yake ici̔takele; makungabiko namnye ohlala kuyo: n okuti: Mabutatyatwe ngomnye ubongama bake.
21
Kufanelekile ngoko, ukuba iti enye yalamadoda apelekene nati lonke ixesha inkosi u‐Yesu yangena yapuma ngalo pakati kwetu,
22
ekuqaleni kwayo kulo ubapitizesho luka‐Johane, kwada kwayimini yabinyuswa ngayo kuti, ibe linqi̔na lokuvuka kwayo kunye nati.
23
Baza bamisa ababini, u‐Josefe obizwa ngo‐Barasaba, owatiywa elinye igama elingu‐Yusitusi, no‐Matiya.
24
Batandaza bati: Wena, Nkosi, ozaziyo intliziyo zabo bonke! bonakalisa abe mnye waba babini, lowo umnyulileyo,
25
ukuba atabate isabiwo sobubukonzi nobupostile, ate u‐Jude wapambuka kubo, ukuba aye endaweni yake.
26
Baza banika amaqashiso abo, lati iqashiso lawa pezu kwake u‐Matiya; waza wabalelelwa nabapostile abalishumi linamnye.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28