bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 4
Acts 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 5 →
1
Kekaloku nxa bebeteta ebantwini, kwababaqa abaperisite, nenkosi yetempile, nabasadusi,
2
bebindekile ngenxa yokuba bebefundisa abantu, nokuba bebeshumayela ngaye u‐Yesu ukuvuka kwabafileyo.
3
Baza babeka izandla pezu kwabo, babafaka entolongweni kude kube ngomso; ngokuba kube kuse kuhlwile.
4
Kodwa abaninzi bababelivile ilizwi bakolwa; laye lite inani lamadoda langa laba ngamawaka mahlanu.
5
Kwaza kwati ngomso, kwahlanganisana abapati babo, nabadala, nababa̔li, e‐Yerusaleme,
6
no‐Anasi umperisite omkulu, no‐Kayafasi, no‐Johane, no‐Aletsandere, nabo bonke ababesalamana nomperisite omkulu.
7
Baza bakuba bebebamisile pakati, babuza, besiti: Kungawanina amandla, umhlaumbi ngelanina igama, enikwenzile oku nina?
8
Wandula u‐Petrosi, ezalisiwe ngumoya oyingcwele, wati kubo: Bapati babantu nabadala bo‐Sirayeli!
9
ukuba tina namhla nje siyabuzwa pezu kwesenzelelo wasenzelwa umlwelwe, ukuba kunganto nina lo upilisiwe;
10
makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwa‐Sirayeli, okokuba kungegama lika‐Yesu Kristu um‐Nazarete, lowo nina namkuruseshayo, ate utixo wamvusa ekufeni, kungaye lo ukuba lo mntu umi apa ebusweni benu epilile.
11
Nguye lo ilitye elalideliwe nini baki, elaba yintloko yegumbi.
12
Kanjako akuko lusindiso kuwumbi namnye: ngokuba kungeko nagama limbi ngapantsi kwezulu elinikiweyo pakati kwabantu, esifanele ukusindiswa ngalo.
13
Kekaloku bebona ukukalipa kuka‐Petrosi no‐Johane, beqiqile nokuba bangabantu abangabangenalufundo nabamnyama, bati nqa, babanakana ukuba bebenaye u‐Yesu.
14
Kanjalo bebona umntu obepiliswe emi nabo, bebengenanto yokupika.
15
Kodwa bebayalele ukuba bapume entlanganisweni, bacebisana omnye nomnye,
16
besiti: Siya kwenza nto nina kwababantu? ngokuba okunene kubonakala kubo bonke abemiyo e‐Yerusaleme, ukuba ummangaliso owazekileyo wenzekile ngabo; asingekukanyele ke.
17
Noko, ukuze kungavakaliseki kakulu ngakumbi ebantwini, masibasongele kunene, ize bangabi sateta nakomnye umntu ngeligama.
18
Baza bakuba bebabizile, babayalela ukuba mabangake batete nokuba mabangafundisi ngegama lika‐Yesu.
19
Kodwa u‐Petrosi no‐Johane bapendula bati kubo: Yahlulani, ukuba kufanelekile na ebusweni bukatixo ukuva nina ngapezu kwo kuva utixo:
20
ngokuba singebe nako ukuti, izinto esizibonileyo nesizivileyo, singaziteti.
21
Kekaloku bepindile ukubasongela babakulula, bengafumani ndawo yokuba bangabohlwaya ngayo, ngenxa yabantu; kuba bonke bebedumisa utixo pezu kwoko kwenzekileyo.
22
Ngokuba ebegqitisile iminyaka emashumi mane ngobudala, lowamntu okube kwenzekile kuye lommangaliso wokupilisa.
23
Baza bekululwe nje baya kowabo, bashumayela konke abaperisite abakulu nabadala babe bekutshilo kubo.
24
Bati ke bakuva, balipakamisela kutixo ilizwi labo ngentliziyo nye, batsho ukuti: Nkosi! nguwe utixo owenzayo izulu, nomhlaba, nolwandle, nento zonke ezikuzo:
25
owatshoyo ngomlomo ka‐Davide isicaka sako ukuti: Yinina ukuba abaheyideni benza imbutumbutu, nokuba izizwe zacinga izinto ezingendawo?
26
Okumkani bomhlaba bema, nenkosi zabutana ndawonye, ngakuye uyehova, nangakuye u‐Kristu wake.
27
Ngokuba ngenyaniso kwabutana ngakuso isicaka sako esingcwele u‐Yesu, omtambisileyo, kwa no‐Herodi no‐Pontiyusi Pilati, kunye nabaheyideni nezizwe zo‐Sirayeli,
28
ukwenza konke isandla sako necebo lako lamisela ngapambili ukuba kwenziwe.
29
Nokwakaloku nje, Nkosi! kangela izisongelo zabo, unike ezicakeni zako ukuba zitete ilizwi lako zinokukalipa konke,
30
ngokwolulwa kwesandla sako ukupilisa, nokwenziwa kwemiqondiso nemimangaliso ngalo igama lesicaka sako esingcwele u‐Yesu.
31
Yaza indawo ababe behlanganisene kuyo, bakuba betandazile, yashukunyiswa, bati kwa bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele, bateta ilizwi likatixo benokukalipa.
32
KEKALOKU umhlambi wabakoliweyo intliziyo nompefumlo wawo ubumnye: kwaye kungeko namnye obesiti into yabenazo iyeyake, koko zonke izinto zibe zizezabo bonke.
33
Bati abapostile basinika ngamandla amakulu isinqi̔no sabo ngako ukuvuka kwenkosi u‐Yesu; lwaye ufefe olukulu luba pezu kwabo bonke.
34
Ngokuba ke bekungeko mntu obesekusweleni pakati kwabo; ngokuba bonke abebengabafuyi bemihlaba umhlaumbi bezindlu bebetenga ngazo, bawazisa amanani ezinto ezibe zitengiswa,
35
bawabeka ngasezinyaweni zabapostile: kwaza kwabelwa abanye ngabanye, njengoko kusukuba umntu enokuswela ngako.
36
Waza u‐Jose, owatiywa ngabapostile elinye igama elingu‐Banabasi, (okukuti ngokukunyushwa, Unyana wonwabiso,) um‐Levi, owase‐Kiperusi ngokuzalwa,
37
enomhlaba, watenga ngawo, wazisa imali, wayibeka ngasezinyaweni zabapostile.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28