bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 24
Acts 24
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 25 →
1
KEKALOKU emveni kwemihla emihlanu, kwehla umperisite omkulu u‐Hananiya kunye nabadala nomteteleli otile u‐Tetulusi, abati bona bamangala kwinkosi ngakuye u‐Paulusi.
2
Wati akubizwa, waqala u‐Tetulusi ukumnika ityala, esiti: Ukuba sizuza uxolo olukulu ngawe, nokuba izenzo ezincedayo kakuhle zisenzelwa uhlanga olu ngokwazalelela kwako,
3
ngamaxesha onke, nakuzo zonke indawo, siyakwamkela ngembuko, Felitse odumileyo kakulu! sinokubulela konke.
4
Kodwa ukuze ndingenzi kade ukukutintela, ndiyakubongoza ukuba usive ngokufutshane ngabo ububele bako.
5
Ngokuba sifumene indoda le ing umfo olinginingini, novuselela impitimpiti pakati kwawo onke ama‐Juda akulo lonke ilizwe, nomkokeli omkulu wolwahlukano lwaba‐Nazarete:
6
ote kanjako walinga ukuyinco̔lisa itempile; esati tina sambamba, safuna ukumgweba ngokwowetu umteto.
7
Kodwa u‐Lisiyasi inkosiwaka wa si zuma, wa m susa ezandleni zetu ngamandla amakulu,
8
eyalela abamnika ityala ukuba beze pambi kwako: ongati wena ngokwako uqonde kuye ngoku m buza zonke ezizinto esimnika ityala ngazo.
9
Avuma ke nama‐Juda, esitsho ukuti ezizinto ziba njalo.
10
Waza wati u‐Paulusi ukupendula, nxa inkosi ibikobile kuye ukuba atete: Ndisazi kakulu nje ukuba kuminyaka mininzi ungumgwebi kuhlanga olu, ndiyazipendulela ngokucwayita ngakumbi:
11
ngokuba ungaba nokuqonda ukuba intsuku zam azipezu kwezilishumi linambini, kuseloko ndenyukayo ukuya kubedesha e‐Yerusaleme.
12
Abandifumana ke nakuyo itempile ndipikisana nomntu, umhlaumbi ndisenza imvukelano yesihlwele, nakuzo izindlu zentlanganiso, nasesixekweni:
13
kanjako abangevelise izizatu ngezozinto abandinika ityala ngazo ngoku.
14
Kodwa oku ndiyakuxela kuwe, ukuba ngokwendlela abati bona lulwahlukano, kwa ngokunjalo ndiyamkonza utixo wobawo bam, ndikolwa zizinto zonke eziba̔liweyo emtetweni nakubaprofite;
15
ndinetemba ngakuye utixo, abati naba ngokwabo balivumele, lokuba kuya kubako ukuvuka kwabafileyo, kwa nokwabalungileyo nokwabangalungileyo.
16
Nangako oku ndiyaziqelisa, ukuba ndibe nokuzazela okungenetyala lanto ngakuye utixo na ngakubo abantu ngamaxa onke.
17
Kekaloku emveni kweminyaka emininzi, ndafika ukuba ndizise amalizo kuhlanga lwam, nokuba ndinikele iminikelo:
18
abati pakati kwezizinto bandifumana ndicokisiwe etempileni, kungeko sihlwele, kungeko nesipitipiti, bebengengabo aba, bebengama‐Juda atile ase‐Asiya,
19
afanele ukubako apa pambi kwako, noku ndi nika ityala, ukuba anendawo ngakum.
20
Okanye aba ngokwabo mabatsho, ukuba bafumana ukwenza okungalungileyo kum, nxa bendimi pambi kwentlanganiso yamapakati,
21
ngapandle kwokungalo elilizwi linye, endalibizayo ndimi pakati kwabo: Kungenxa yovuko lwabafileyo endimenywayo nini namhla nje.
22
Waza u‐Felitse akuva oku, ezazi izinto ezingayo indlela leyo ngokukolisa ngakumbi, wabalibazisa, wati: Okuya u‐Lisiyasi inkosiwaka ahlele apa, ndiya kuncamisa ukubuza indawo ezipakati kwenu.
23
Kanjako wayalela inkosikulu ukuba kugcinwe u‐Paulusi, abe nokukululeka kodwa, nokuba ingaleli namnye wabake uku m konza nokuza kuye.
24
Nasemveni kwemihla etile, akufika u‐Felitse kunye no‐Drusila umfazi wake, obengum‐Judakazi, wammemela kuye u‐Paulusi, wamva ngalo ukolo olungakuye u‐Kristu.
25
Naxeshekweni ebeteta ngabo ubulungisa, nobunca̔tu, nokugwetywa okuza kubako, wanokwoyika u‐Felitse, wati ukupendula: Hamba okwakaloku nje; nxa ke ixesha elifanelekileyo ndilizuzileyo, ndokubiza uze kum.
26
Ebetemba kanjako kunye noko, ukuba uya kupiwa imali ngu‐Paulusi, ukuze amkulule: ngako ebemmemela kuye kwa futi ngakumbi, wancokola naye.
27
Kodwa kwakuzaliseka iminyaka yamibini, walandelwa u‐Felitse ebukosini ngu‐Porokiyo Festusi: waza u‐Felitse, efuna ukuzizuzela imibulelo yama‐Juda, wamshiya u‐Paulusi enxityiwe.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28