bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 14
Acts 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 15 →
1
KWAYE kute e‐Koniyume, bangena kunye endlwini yentlanganiso yama‐Juda, benje njalo ukuteta, ukuba kwakolwa umhlambi omkulu nowama‐Juda nowama‐Girike.
2
Kodwa ama‐Juda abengakolwa avuselela abaheyideni, acapukisa imipefumlo yabo ngakubo abazalwana.
3
Kwa njalo ke bahlala kona ixesha elikulu, beteta ngokukalipa enkosini, ebinqi̔nela ilizwi lofefe lwayo, yanika ukuba imiqondiso nemimangaliso yenziwe ngezandla zabo.
4
Kodwa umhlambi wesixeko wahluleka: baye ke inxenye bengecala lama‐Juda, nenxenye ngecala labapostile.
5
Naxeshekweni kwesuka imvukelo yabaheyideni nama‐Juda kunye, ndawonye nabagwebi babo, ukubapata kakubi nokubagibisela ngamatye,
6
bati bakutelekelela, besabela e‐Lisitira nase‐Derebe, izixeko zase‐Likayoniya, nasezweni langakona;
7
baye belapo beshumayela ivangeli.
8
Kekaloku indoda etile e‐Lisitira ebingenamandla ezinyaweni zayo yabihleli, ebisisiqwala kwa sesizalweni sonina, ebingazanga ihambe:
9
yona le yabisiva u‐Paulusi eteta; owabeka amehlo pezu kwayo, waza akubona ukuba inokolo lwokupiliswa,
10
wati ngelizwi elikulu: Suka ume ngenyawo zako upakamile. Yaza yatsiba yahamba.
11
Zati izihlwele zakubona oko abekwenzile u‐Paulusi, zapakamisa ilizwi lazo, zisiti ngokwama‐Likayoniya: Otixo bahlikele kuti befana nabantu.
12
Zaye zibiza ke u‐Banabasi ngo‐Jupitere; no‐Paulusi ngo‐Merekuri, ngokokuba yena ebenguye umteti omkulu.
13
Waza umperisite wo‐Jupitere, obepambi kwesixeko sazo, wazisa inkabi nezitsaba zentyatyambo emasangweni, wafuna ukwenza idini kunye nabantu.
14
Kodwa abapostile, u‐Banabasi no‐Paulusi, bakuva oko, baṙazula izivato zabo, babalekela pakati kwesihlwele, bedanduluka,
15
besiti nokuti: Madoda! yinina ukuba nenze ezizinto? nati singabantu abamilo ifana neyenu, sishumayela kuni ukuba maniguquke kwezizinto ezingendawo niguqukele kuye utixo ohleliyo, owenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nento zonke ezikuzo:
16
owati emaxesheni agqitileyo wayeka intlanga zonke zihambe ngezazo indlela.
17
Kanti ke noko akazishiya engenakunqi̔nelwa, esenza okulungileyo, esinika imvula ivela ezulwini namaxesha acu̔mileyo, ezalisa intliziyo zetu ngokutya nangovuyo.
18
Bati nangokutsho cebetshu bakohlwa ukuyekisa izihlwele, ukuba zingabenzeli idini.
19
Kwaza kwafika ama‐Juda evela e‐Antiyoki nase‐Koniyume, azihenda izihlwele, amgibisela u‐Paulusi ngamatye, amr̔ola ngapandle kwesixeko, esiba ufile.
20
Kodwa nxa abadisipile babemngqongile, wesuka, wangena esixekweni. Waza ngomnye umhla wapuma no‐Banabasi waya e‐Derebe.
21
Bati bakuba beshumayele ivangeli kwesosixeko, bebenzile abadisipile abaninzi kanjalo, babuyela e‐Lisitira, nase‐Koniyume, nase‐Antiyoki:
22
besomeleza imipefumlo yabadisipile, bebayala ukuba bahlale elukolweni, — nokuba kungazo imbandezelo ezininzi esifanele ukungena ebukumkanini bukatixo.
23
Kekaloku bebabalulele abadala iṙemente ngeṙemente, betandazile kunye nokuzila ukutya, bababekela enkosini abebekoliwe kuyo.
24
Bati bakuba bebecandile i‐Pisidiya, beza e‐Pamfiliya:
25
baza betetile ilizwi e‐Perega, behlela e‐Ataliya:
26
baza besuka kona baselishela e‐Antiyoki, apo abebenikelwe elufefeni lukatixo kona ngenxa yomsebenzi ababewufezile.
27
Bati bakufika, behlanganisile iṙemente, baxela konke abekwenzile ngabo utixo, nokokuba ebevulele abaheyideni ucango lwokolo.
28
Baza bahlala kona ixesha elingencinane ndawonye nabadisipile.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28