bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 23
Acts 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 24 →
1
Waza u‐Paulusi, ete nama amehlo entlanganisweni, wati: Madoda, bazalwana! mna ukuzipata kwam ndikwenzile pambi kwotixo ngako konke ukuzazela okulungileyo kwada kwayiyo lemini.
2
Waza umperisite omkulu, u‐Hananiya, wabayalela abo babemi kufupi kuye ukuba bambete emlonyeni.
3
Wandula u‐Paulusi wati kuye: Utixo uza kubeta wena, ludonga oluqatyiweyo ngobumhlope! uti wena uhlale na undigweba ngokwomteto, uze ugqita emtetweni uxele ukuba ndibetwe?
4
Baza abo babemi kufupi bati: Umperisite omkulu katixo uyamtuka na?
5
Wayesiti u‐Paulusi: Bendingazi, bazalwana! ukuba ungumperisite omkulu; ngokuba kuba̔liwe ukuti: Umpati wabantu bako akuyi kuteta kakubi ngaye.
6
Kodwa akunakana u‐Paulusi ukuba esinye isahlulo sisesabasadusi, nesinye sesabafarisi, wadanduluka entlanganisweni, esiti: Madoda, bazalwana! mna ndingumfarisi, unyana womfarisi; kungenxa yetemba novuko lwabafileyo endimenywayo.
7
Kwati kwakuba etshilo oku, kwesuka ungxolisano pakati kwabafarisi nabasadusi, waza wahluleka umhlambi.
8
Ngokuba abasadusi besiti akuko luvuko, akuko kwa nengelosi nomoya; kodwa abafarisi bayavuma ezonto zombini.
9
Kwaza kwabako ingxolo enkulu; bati ababa̔li besahlulo sabafarisi besuka, bapika, besiti: Asifumani nto ekohlakeleyo kulomntu; kodwa ukuba kutete umoya kuye, umhlaumbi ingelosi, masingalwi notixo.
10
Kwati kwakubako ungxolisano olukulu, inkosiwaka isoyika ukuba ngabi u‐Paulusi woqwengwa ngabo, yaxela ukuba umkosi uhle umhlasele kwa pakati kwabo, umngenise elalini yamasodati.
11
Kekaloku ngobusuku obulandelayo yema inkosi ngakuye, yati: Yomelela, Paulusi! ngokuba, njengokuba uzinqi̔nisile izinto ezingam e‐Yerusaleme, kwa njalo ufanele ukunqi̔na nase‐Roma.
12
Kwati kwakuba kusile, abatile bakuma‐Juda benza ucebelano, bazibambisa ngesiqalekiso, besiti abayi kutya, abayi kusela kanjalo, bade babulale u‐Paulusi.
13
Babe ke bengapezu kwamashumi mane abo babeyenzile lembambisano;
14
abezayo kubaperisite abakulu nakubadala, bati: Sizibambisile ngesiqalekiso esikulu, ukuba asiyi kuva nto side sibulale u‐Paulusi.
15
Ngako kaloku nina, kunye nentlanganiso yamapakati, bikelani inkosiwaka okokuba imhlisele kuni ngomso, ngokungati niza kuzigongxa ngokukolisa ngakumbi izinto ezingaye; nati ke, engekezi kufupi yena, silungile ukuba simbulale.
16
Kodwa akuva unyana wodade bo‐Paulusi ukulalela kwabo, waya kona wangena elalini yamasodati, washumayeza u‐Paulusi.
17
Waza u‐Paulusi wabiza enye yazo inkosikulu, wati: Yisa indodana le kwinkosiwaka; ngokuba inento etile ukuyishumayela kuyo.
18
Kwa njalo ke yayitabata nayo yayisa kwinkosiwaka, yati: Umbanjwa u‐Paulusi wandibiza, watandaza ukuba lendodana ndiyise kuwe, inento etile ukuyiteta kuwe.
19
Yaza inkosiwaka yayibamba ngesandla, yaya nayo ecaleni ngasese, yabuza ngokuti: Yinto nina onayo ukuyishumayela kum?
20
Yati ke: Ama‐Juda avumelene ukucela kuwe, okokuba u‐Paulusi umhlisele entlanganisweni yamapakati ngomso, ngokungati aza kubuza into ngaye ngokukolisa ngakumbi.
21
Wena ngoko ungateleli kuwo: ngokuba kulalela yena kuwo, amadoda angapezu kwamashumi mane, azibambisileyo ngesiqalekiso ukuba akayi kutya, akayi kusela kanjalo, ade ambulale u‐Paulusi: nakaloku alungile, elinda isitembiso kuwe.
22
Yandula inkosiwaka yayindulula indodana leyo, i yi yalele ngokuti: Ungatyeli mntu ukuba ezizinto uzibikile kum.
23
Yaza yabiza inkosikulu ezitile zambini, yati: Lungisani amasodati abe makulu mabini, ukuze ahambe ukuya e‐Kesareya, nabakweli bamahashe babe mashumi asixe̔nxe, nabapete intshuntshe babe makulu mabini, kweyesitatu iyure yobusuku;
24
nize ni ba bekele amahashe, ukuze bamkwelise u‐Paulusi pezu kwawo, bamzise egcinekile ku‐Felitse inkosi.
25
Yaba̔la incwadi inokukutsho:
26
U‐Kilodiyusi Lisiyasi kuyo inkosi edumileyo kakulu u‐Felitse, ebulisa.
27
Lendoda ibanjiwe ngama‐Juda nje, iza kubulawa ngawo kanjalo, nda wa baqa nomkosi, ndayihlangula, ndiqondile ukuba ingum‐Roma.
28
Ndati ndifuna ukulazi ituba abeyinika ityala ngenxa yalo, ndayihlisela entlanganisweni yamapakati yawo:
29
endayifumana inikwa ityala ngayo imibuzo yomteto wawo, kodwa ingabekelwa ityala lanto efanele ukufa nezinxibo.
30
Kwati kwakuxelwa kum ukuba bekusenziwa ingcebo ngakuyo lendoda ngama‐Juda, ndasuka ndatuma kuwe, ndiyalele nabamnika ityala ukuba batete izinto abanazo ngakuye pambi kwako. Hlala kuhle.
31
Kwa njalo ke amasodati, njengoko kuwamiselweyo, amtabata u‐Paulusi, amsa ngobusuku e‐Antipatrisi.
32
Ati ngomnye umhla, ebashiyele abakweli bamahashe ukuhamba naye, abuyela elalini yamasodati.
33
Bati abo bakufika e‐Kesareya, banikela incwadi kwinkosi, babeka no‐Paulusi pambi kwayo.
34
Yaza inkosi yakuba ileseshile incwadi leyo, yabuza ukuba ungowelipina ilizwana. Yandula yakuqonda ukuba ungowase‐Silisiya,
35
yati: Ndokolisa ukukuva, okuya bafikileyo nabakunika ityala. Yaza yaxela ukuba agcinwe endlwini yobukosi ka‐Herodi.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28