bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 10
Acts 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 11 →
1
Kwabekuko indoda etile e‐Kesareya egama lalingu‐Koroneli, inkosikulu yasebandleni elibizwa ngokuti lelase‐Yitaliya,
2
ebingobedeshekileyo, ebisoyika utixo kunye nendlu yayo yonke, eyabenzela abantu amalizo amaninzi, yatandaza kutixo futi.
3
Lomntu wabona embonisweni kwa sekuhleni, yanga yayiyure yesitoba yemini, ingelosi katixo ukuba yangena kuye, yati kuye: Koroneli!
4
Waza yena ewabeka amehlo pezu kwayo, esoyika nokwoyika, wati: Yinto nina, Nkosi! Yayisiti kuye: Imitandazo yako nemilizo yako inyukele ibe yinkumbuzo ebusweni bukatixo:
5
nakaloku watume amadoda e‐Jopa, umeme u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi:
6
lo uyahlala ku‐Simone otile umsuki wezikumba, ondlu ingaselwandle: lo wokutyela into ufanele ukuyenza.
7
Kekaloku xeshekweni yemkayo ingelosi ebiteta ku‐Koroneli, wabiza isibini sezicaka zake, nesodati elibedeshekileyo lakuwo abemana enaye:
8
waza wati, akuba ebatyele kwa konke, wabatuma e‐Jopa.
9
Kekaloku ngomnye umhla, nxa bebehamba abo, besondela esixekweni, wenyukela u‐Petrosi pezu kwentungo yendlu ukutandaza, ngeyure yesitandatu.
10
Waza walamba kakulu, wanga angatya; kodwa nxa bebelungisa bona, wawelwa lipupaṙa,
11
wabona izulu livulekile, nempahla etile njengeqiya enkulu isihla ngakuye, ibotshelelwe ngamancam omane, ihliselwa pantsi emhlabeni;
12
ekube kuko pakati kwayo zonke izilo zomhlaba ezinyawo zine, namar̔amncwa, nento ezinambuzelayo, nentaka zezulu.
13
Kwaza kweza ilizwi kuye, lisiti: Suka, Petrosi! xe̔la utye.
14
Kodwa u‐Petrosi wati: Nakanye, Nkosi! ngokuba ndingazanga nditye nanye into engengcwele nenco̔lileyo.
15
Kwabuya kweza ilizwi kuye ngokwesibini, lisiti: Oko akuhlanzileyo utixo, ungakwenzi okungengcwele wena.
16
Oku ke kwenziwa katatu: yaza impahla leyo yabuya yenyuselwa ezulwini.
17
Kekaloku nxa u‐Petrosi ebexakekile pakati kwake, ukuba ungaba yinto nina lomboniso awubonileyo, bona ke, lomadoda abesusiwe ku‐Koroneli, eyifumene ngokubuza indlu ka‐Simone, ema ngapambi kwesango,
18
abiza ke, abuza ukuba u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi uyahlala kona na.
19
Esacingela umboniso lowo u‐Petrosi, wati umoya kuye: Bona ke, amadoda amatatu ayafuna wena:
20
uz’ usuke ngoko, uhle, uye nawo, ungatandabuzi nto; ngokuba ndiwatumile mna.
21
Waza wehla u‐Petrosi waya kulomadoda abesusiwe ku‐Koroneli ukuza kuye, wati: Bona ke, ndinguye enimfunayo; liyinina ituba enilapa ngenxa yalo?
22
Ati ke wona: u‐Koroneli inkosikulu, indoda elungileyo, emoyikayo utixo, enqi̔nelwayo kakuhle lulo lwonke uhlanga lwama‐Juda kanjalo, wayalwa ngutixo ngengelosi engcwele, ukuba akumemele endlwini yake, nokuba eve amazwi kuwe.
23
Wandula wawabizela pakati, wawamkela endlwini. Waza ngomnye umhla u‐Petrosi wemka nawo, nabatile bakubo abazalwana base‐Jopa bampeleka.
24
Nangomhla olandelayo bangena e‐Kesareya. Waye u‐Koroneli ebalinda, ezibizele ndawonye kuye izalamane zake nezihlobo ezitandekileyo.
25
Kwaza kwati kwakungena u‐Petrosi, u‐Koroneli wamkaulela, wawa pantsi ngasezinyaweni zake, wabedesha.
26
Kodwa u‐Petrosi wampakamisa, esiti: Suka ume; ndikwa ngumntu nam.
27
Wati encokola naye wangena, wafumana abaninzi bebutene ndawonye.
28
Waza wati kubo: Niyazi kakulu nina okokuba kuyinto engafanelekileyo kumntu ongum‐Juda ukukolana nokudlelana nowesinye isizwe: kanti utixo undibonisile ukuba ndingabizi namnye umntu ngokungengcwele nangokunco̔lileyo.
29
Ndeza ngoko ndakumenywa, ndingapikanga ke: ndiyabuza ngako, ukuba yindawo nina nandimemela yona?
30
Waza u‐Koroneli wati: Sekuntsuku zine ndibe ndizila ukutya kwada kwayileyure; nangeyure yesitoba benditandaza endlwini yam; yaza, bona ke, indoda yema ebusweni bam inesivato esikazimlayo,
31
yati: Koroneli! umtandazo wako uviwe, namalizo ako akunjulwe ebusweni bukatixo:
32
tuma ngoko e‐Jopa, umeme u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi; lo uyahlala endlwini ka‐Simone umsuki wezikumba ngaselwandle, oya kuti akufika atete kuwe.
33
Ndasendisiti ke kwa oko ndatuma kuwe; nawe ulungisile ukuba ufikile. Kaloku ngoko silapa tina sonke ebusweni bukatixo, ukuva zonke izinto uziyalelweyo ngutixo.
34
Waza u‐Petrosi wavula umlomo, wati: Ngokwenyaniso ndiyaqiqa okokuba utixo akanguye oketa abantu;
35
koko oti kuzo zonke intlanga amoyike, enze ubulungisa, ukolekile kuye.
36
Elozwi walitumayo elusatsheni luka‐Sirayeli, eshumayela uxolo ngo‐Yesu Kristu, (lo u yinkosi yabo bonke,)
37
niyalazi: e lendawo eyenzekayo kuyo yonke i‐Judeya, iqalwe e‐Galili, emveni kwalo ubapitizesho olwashunyayelwayo ngu‐Johane:
38
elingaye u‐Yesu wase‐Nazarete, okokuba utixo wamtambisa ngomoya oyingcwele nangamandla; owacanda ilizwe esenza okulungileyo, epilisa bonke ababebandezelwa ngu‐Satane; ngokuba utixo ebenaye.
39
Nati ke singamanqi̔na ento zonke wazenzayo nasezweni lama‐Juda nase‐Yerusaleme; ate wona ambulala emxo̔mile emtini.
40
Yena lo utixo wamvusa ngowesitatu umhla, wambonakalisa ekuhleni:
41
bekungekubo bonke abantu, bekukuwo amanqi̔na abebalulwe pambili ngutixo, kuti tina, esatyayo sasela ndawonye naye emveni kwokuvuka kwake ekufeni.
42
Owasiyalezela ukuba sishumayele ebantwini, nokuba sinqi̔nise okokuba unguye obemisiwe ngutixo abe ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo.
43
Yena lo bonke abaprofite bayamnqi̔nela, ukuba bonke abakolwayo kuye baya kwamkela ukuxolelwa kwezono ngalo igama lake.
44
Esateta u‐Petrosi amazwi la, umoya oyingcwele wawela bonke ababesiva ilizwi.
45
Baza bamangaliswa abo bakulo ulwaluko abakoliweyo, bonke abebezile no‐Petrosi, ukuba isipiwo somoya oyingcwele sigalelwe napezu kwabaheyideni.
46
Ngokuba bebebeva beteta nge zinye inteto, bezukisa utixo.
47
Wandula wapendula u‐Petrosi, wati: Kuko ongala amanzi na, ukuze aba bangabapitizeshwa, abamamkeleyo umoya oyingcwele njengokuba simamkele nati?
48
Waza wayalela ukuba babapitizeshwe egameni lenkosi. Bandula bamtandaza ukuba makalibale kona imihla etile.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28