bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 25
Acts 25
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 26 →
1
WANDULA u‐Festusi akuba engene elizwaneni lake, wati emveni kwemihla mitatu wenyuka e‐Kesareya waya e‐Yerusaleme.
2
Kwaza kwamangala kuye umperisite omkulu nabakulu bakuma‐Juda ngaku‐Paulusi, bambongoza,
3
becela into yofefe ngakuye, yokokuba ammemele e‐Yerusaleme, besenza isilalelo endleleni ukumbulala.
4
Kuloko wapendula u‐Festusi, ukuba u‐Paulusi usekugcinweni e‐Kesareya, nokuba yena ngokwake uza kumka kamsinya ukuya kona.
5
Mabati ngoko abanamandla pakati kwenu, watsho ke, behlele kona kunye na m, bayinike ityala indoda le, ukuba kuko into esisono kuyo.
6
Kekaloku akuba ebehleli pakati kwabo imihla engepezu kweshumi, wehla waya e‐Kesareya; waza ngomnye umhla, ehleli pantsi esihlalweni sokugweba, waxela ukuba u‐Paulusi aziswe.
7
Wati akufika, ema ama‐Juda abehlile e‐Yerusaleme ngokungqonga, ebeka amatyala amaninzi anzima ngakuye u‐Paulusi, abekohlwa ukuwaqinisa ngezizatu;
8
esiti yena ukuzipendulela: Nangakuwo umteto wama‐Juda, nangakuyo itempile, nangakuye u‐Kesare, andonanga nento.
9
Kodwa u‐Festusi, efuna ukuzizuzela imbuko yama‐Juda, wapendula u‐Paulusi, wati: Uyavuma na ukunyukela e‐Yerusaleme, ukuba ubuzwe kona ngezizinto pambi kwam?
10
Waza wati u‐Paulusi: Ndimi ngasesihlalweni sokugweba sika‐Kesare, apo ndifanele ukubuzwa kona: ama‐Juda andiwenzelanga nto, njengokuba usazi nawe kunene.
11
Ngokuba mna ukuba ndiyenza ngokungalungileyo, nokuba ndenze into efanele ukufa, andizilanduleli ukuba ndingafi; kodwa ukuba akuko nanye yezozinto aba bandinika ityala ngazo, akuko mntu ongandinikelayo kubo. Ndiyamangala ku‐Kesare.
12
Wandula u‐Festusi, akuba ebetetene namapakati ake, wapendula, esiti: Umangele ku‐Kesare na? uya kuya kwa ku‐Kesare.
13
Kekaloku kwakuba kudlulile imihla etile, ukumkani u‐Agiripa no‐Berenike bafika e‐Kesareya ukuza kubulisa u‐Festusi.
14
Naxeshekweni bebelibele kona imihla yamininzi, u‐Festusi wambalisela ukumkani indawo zika‐Paulusi, esiti: Kuko indoda etile eshiyiwe ngu‐Felitse ingumbanjwa;
15
abati abaperisite abakulu nabadala bama‐Juda, nxa ndandise‐Yerusaleme, bamangala ngayo, becela umgwebo ngakuyo:
16
endati kubo ukupendula: Asi lisiko kuma‐Roma ukunikela umntu ekububeni, engekati lowo unikwa ityala abe nokubonana nabo bamnikayo ityala, aze azuze ituba lokuzitetelela ngento abekelwa ityala ngayo.
17
Ngako bakuba bebebutele apa, ndingenzanga kulibala ke, ndati ng omhla olandelayo ndahlala esihlalweni sokugweba, ndaxela ukuba iziswe indoda leyo:
18
abati abaniki betyala bakuma, abavelisa ngakuye nalinye ityala ngezozinto endibe ndizizindlela mna;
19
kodwa bebenemibuzo etile ngakuye ngalo ubedesho lwakowabo, nangaye otile u‐Yesu obefile, abesitsho u‐Paulusi ukuti uhleli.
20
Ndati kekaloku mna nditandabuzela umbuzo ngako oku, ndabuza kuye ukuba ebenga angaya e‐Yerusaleme na, abuzwe kona ngezindawo.
21
Kodwa akumangala u‐Paulusi ukuba agcinelwe ukugweba kuka‐Auguste, ndaxela ukuba agcinwe ndide ndimtume ku‐Kesare.
22
Waza u‐Agiripa wati ku‐Festusi: Bendinganga nam ndingamva umntu lowo ngokwam. Wati yena: Ngomso uya kumva.
23
Kwandula kwati ngomnye umhla, nxa afikileyo u‐Agiripa no‐Berenike ngenkazimlo enkulu, nanxa bangenileyo endlwini yokupulapulela, kunye nenkosiwaka namadoda amakulu asesixekweni, kwaziswa u‐Paulusi ngokuxela kuka‐Festusi.
24
Waza wati u‐Festusi: Kumkani Agiripa, nani nonke madoda akoyo nati! niyabona lo mntu, ote wonke umhlambi wama‐Juda wanditandaza ngaye, nase‐Yerusaleme nalapa, edanduluka ukuti ange engabi esadla ubomi.
25
Kodwa ndakuqiqa mna ukuba akenzanga nto efanele ukufa, naye yena ngokwake kanjalo emangele ku‐Kesare nje, ndagweba ukuba ndiya kumtuma:
26
endingenandawo eqinileyo ukuyiba̔la ngaye enkosini yam. Ngako ndimvelisele pambi kwenu, nangokukodwa pambi kwako, Kumkani Agiripa! ukuze nditi, nxa kwenziwe ukubuza oku, ndibe nento ukuyiba̔la.
27
Ngokuba kum kunga kuyinto engafanelekileyo, ukuba kutunywe umbanjwa, kungaziswa namatyala amiswayo ngakuye.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28