bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 7
Acts 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 8 →
1
Waza wati umperisite omkulu: Kanene ezizinto zinjalo kusinina?
2
Waza wati yena: Madoda, bazalwana nobawo! pulapulani. Utixo wobungcwalisa wabonakala kubawo wetu u‐Abrahame, nxa abese‐Mesopotami, engekahlalanga e‐Karane,
3
wati kuye: Puma elizweni lakowenu, nasezalamaneni zako, uze elizweni endisukuba ndikubonisa lona.
4
Wandula wapuma elizweni lama‐Kaledine, wahlala e‐Karane. Waza wamsusa kona, emveni kwokufa kwoyise, wamfudusela kwelilizwe enihlala kulo nina ngoku.
5
Akamnika lifa ke kulo, enga mnikanga nendawo yokunyatelwa kwonyawo: kanti noko wambekela ngedinga lokuba wolinika kuye libe yimfuyo, nakwinzalo yake emva kwake, nxa abengenamntwana.
6
Waza wateta ngokunje utixo, ukuti: Inzalo yake yopambukela ezweni labasemzini, abaya kuyikonzisa bayipate kakubi iminyaka emakulu mane.
7
Nesosizwe isukuba ikonza kuso, watsho utixo, ndiya kusigweba; yaiya kuti emveni kwoko ipume, ikonze mna kulendawo.
8
Kanjako wamnika ucebano lwolwaluko: kwa njalo ke wazala u‐Yisake, wamalusa ngomhla wesibozo; waza u‐Yisake wazala u‐Yakobi, no‐Yakobi wazala oyise abakulu boshumi linababini.
9
Baza oyise abakulu bezondele u‐Josefe bamtengisela e‐Jipete: kanti utixo ebenaye,
10
wamhlangula kuzo zonke imbandezelo zake, wamnika ufefe nobulumko ebusweni buka‐Faro ukumkani we‐Jipete, owammisa umpati pezu kwe‐Jipete, na pezu kwayo yonke indlu yake.
11
Kekaloku kweza indlala pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete nele‐Kanane, nobunzima obukulu; baye bengafumani kutya obawo betu.
12
Kodwa akuva u‐Yakobi ukuba iko inqolowa e‐Jipete, watuma obawo betu okwokuqala.
13
Nangokwesibini u‐Josefe wazazisa kubakuluwe bake, bati abalamane baka‐Josefe bazeka ku‐Faro.
14
Waza watuma u‐Josefe wambiza uyise u‐Yakobi eze kuye, nazo zonke izalamane zake, ingamashumi asixe̔nxe anamihlanu imipefumlo yonke.
15
Waza u‐Yakobi wehlela e‐Jipete, wabuba yena, nobawo betu,
16
basuselwa e‐Shekeme, babekwa encw̔abeni abelitengile u‐Abrahame ngenani lemali elusatsheni luka‐Hamore uyise ka‐Shekeme.
17
Kodwa njengokuba libe lisondela ixesha ledinga abelifungile utixo ku‐Abrahame, kwa njalo bakula abantu, bandiswa e‐Jipete,
18
kude kwavuka ukumkani wumbi, obengenakumazi u‐Josefe.
19
Yena lo wenza ngobuqinga kwisizwe sakowetu, wabapata kakubi obawo betu, kuze kulahlwe intsana zabo, ukuba zingagcinwa zihleli.
20
Kwelona xesha wazalwa u‐Mosesi, waye emhle kakulu; owondliwa endlwini kayise inyanga zantatu.
21
Kekaloku akuba ebelahliwe yena, yamcola intombi ka‐Faro, yamondla abe ngunyana kuyo.
22
Waza u‐Mosesi wafundiswa kubo bonke ubulumko bama‐Jipete; wayenamandla ekuteteni nasekwenzeni kanjako.
23
Xeshekweni ke bekumzalisekelwa ixesha leminyaka imashumi mane, kwangena entliziyweni yake ukutyelela kubo abazalwana bake usapo luka‐Sirayeli.
24
Waza akubona omnye obesoniwa, wa m siza, wampindezelela obebandezelwa, wambeta um‐Jipete.
25
Wayesiba abazalwana bake baya kuqonda ukuba utixo wobanika usindiso ngesandla sake: kodwa bona abaqonda.
26
Kanjalo ngomhla olandelayo wazibonakalisa kubo besilwa, wazama ukubalamla, esiti: Madoda! ningabazalwana nina: kuyinina ukuba nonane?
27
Kodwa lowo ubesona ummelwane wake wamtya̔la, esiti: Ngubanina owamisa wena inkosi nomgwebi pezu kwetu?
28
ufuna ukubulala mna, njengokuba wambulalayo izolo um‐Jipete?
29
Waza wesaba u‐Mosesi ngesiteto esi, waba ngowasemzini elizweni le‐Midiyane, apo wazalela kona onyana bababini.
30
Kwaza kwati kwakuzaliseka iminyaka imashumi mane, kwabonakala kuye entlango yasentabeni ye‐Sinai ingelosi yenkosi elangatyeni lomlilo etyolweni.
31
Wati u‐Mosesi akubona, wasitela nqa isibonakalo eso; naxeshekweni ebesondela ukuza kubonela, kweza ilizwi lenkosi kuye, lisiti:
32
Mna ndi ngutixo woyihlo bako, utixo ka‐Abrahame, notixo ka‐Yisake, notixo ka‐Yakobi. Waza u‐Mosesi wangcangcazela, wabengenakukalipa kwokubonela.
33
Yaza yati inkosi kuye: Tula izihlangu zenyawo zako; ngokuba indawo umiyo kuyo ingumhlaba ongcwele.
34
Ndikolisile ukubona ukupatwa kakubi kwabantu bam abase‐Jipete, nokugula kwabo ndikuvile; ndihle ke ukuba ndibahlangule: yiza ke kaloku, ndokutuma e‐Jipete.
35
Yena lo u‐Mosesi abamkanyelayo, besiti: Ngubanina owamisa wena inkosi nomgwebi? yena lo utixo wamtuma abe yinkosi nomkululi ngesandla sengelosi eyabibonakala kuye etyolweni.
36
Nguye lo owabaku̔payo, eyenzile imimangaliso nemiqondiso elizweni le‐Jipete, naselwandle olubomvu, nasentlango iminyaka imashumi mane.
37
Nguye lo oyena Mosesi owati elusatsheni luka‐Sirayeli: Uyehova, utixo wenu, wonivusela umprofite, kubazalwana benu, njengam: yena niya kumva.
38
Nguye lo owabeko entlanganisweni entlango kunye nengelosi ebiteta kuye entabeni ye‐Sinai, na kunye nobawo betu: owamkela amazwi abubomi ukuba awanike kuti:
39
ababengavumi obawo betu ukumpulapula, koko bamtya̔layo, bati intliziyo zabo babuyela e‐Jipete,
40
esiti ku‐Arone: Senzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lo, owasiku̔payo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhlelwe yinto nina.
41
Baza badala itole kwezontsuku, banikela idini kwisitixo eso, bagcoba kuyo imisebenzi yezandla zabo.
42
Wajika ke utixo, wabayekelela ukuba bawukonze umkosi wezulu; njengokuba kuba̔liwe encwadini yabaprofite, ukuti: Imibingo neminikelo niyinikele na kum, iminyaka yamashumi mane, entlango, ndlu ka‐Sirayeli?
43
kanti nayifunqula intentana ka‐Moleke, nenkwenkwezi yotixo wenu u‐Remfane, imifanekiso enayenzayo ukuba niyibedeshe: ndandiya kunifudusela ele kwe‐Babilone.
44
Obawo betu bebenayo intente yesinqi̔no entlango, njengokuba bekumiselwe ngulowo ubeteta ku‐Mosesi ukuba ayenze ngomfanekiselo abewubonile:
45
abati kanjalo bayingenisa obawo betu kunye no‐Yoshuwa, beyamkele nje ngokulandelana, ekubambeni kwabo ilizwe labaheyideni, ababegxotwa ngutixo ebusweni bobawo betu, kwada kwayimihla ka‐Davide;
46
owafumana ufefe pambi kwotixo, wazicelela ukuba afumanele utixo ka‐Yakobi itabanakele.
47
Kodwa u‐Solomone wamakela indlu.
48
Noko yena opezu konke akahlali ezitempileni ezenziweyo ngezandla; njengokuba esitsho umprofite ukuti:
49
Izulu liyiterone yam, nomhlaba usisitulo senyawo zam; yindlu enina niya kundakela yona? utsho uyehova; umhlaumbi yeyipina indawo yokupumla kwam?
50
isandla sam asazenza ezizinto zonke na?
51
Nina bantamo zilukuni, nabantliziyo nendlebe zingalukanga! niyamelana nomoya oyingcwele ngamaxesha onke; njengokuba bebesenje njalo oyihlo benu, niyenje njalo nani.
52
Nguwupina wabaprofite ongatshutshiswanga ngoyihlo benu? ewe bafisa abo bakushumayela pambili ukuza kwolungileyo; enisand’ ukumngcatsha nokumbulala:
53
nina ke eniwamkeleyo umteto ngezimiselo zengelosi, kanti aniwubambanga.
54
Kekaloku besiva ezizinto, bebecunukile kakulu ezintliziyweni zabo, bamqaqazelela ngamazinyo.
55
Kodwa yena, ezele ngumoya oyingcwele, wabeka amehlo ngasezulwini, wabona ubungcwalisa bukatixo, no‐Yesu emi ngasekunene kwotixo,
56
wati: Bona ke, ndiyabona izulu livulekile, nonyana wesintu emi ngasekunene kwotixo.
57
Baza badanduluka ngelizwi elikulu, baziti vingci indlebe zabo, bati bukuqu ngentliziyo nye pezu kwake,
58
ba m kupela pandle kwesixeko, ba m gibisela ngamatye: ati amanqi̔na abeka pantsi ingubo zawo ngasezinyaweni zendodana ebibizwa ngo‐Saulusi.
59
Baza bamgibisela u‐Stefane ngamatye, ebiza kuyo i‐Nkosi, esiti nokuti: Nkosi Yesu! yamkela umoya wam.
60
Waza waguqa ngamadolo, wadanduluka ngelizwi elikulu, esiti: Nkosi! ungamisi kubo esisono. Wati akuba etshilo walala ubutongo.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28