bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 18
Acts 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 19 →
1
EMVENI kwezizinto ke, wemka u‐Paulusi e‐Atenesi, weza e‐Korinte;
2
wafumana kona um‐Juda otile ogama lingu‐Akwila, owase‐Pontusi ngokuzalwa, esand’ ukuvela e‐Yitaliya, no‐Pirisila umfazi wake, (ngenxa yokuba bekuyalelwe ngu‐Kilodiyusi ukuba onke ama‐Juda emke e‐Roma,) waya kubo;
3
nangenxa yokuba ubuncibi bake bebunjengobabo, wahlala kubo, wasebenza: ngokuba bebengabenzi bentente ubuncibi babo.
4
Waza wapikisa endlwini yentlanganiso ngesabata zonke, weyisa ama‐Juda nama‐Girike.
5
Naxeshekweni u‐Silasi no‐Timote bebehlile e‐Masedoniya, u‐Paulusi ebenyanzelwa emoyeni wake, enqi̔nisela ama‐Juda ukuba u‐Yesu unguye u‐Kristu.
6
Kodwa eca̔sa wona, egxeka nokugxeka, wavutulula izivato zake, wati kuwo: Igazi lenu malibe pezu kwezenu intloko; ndimsulwa mna; ndoti emveni kwakaloku nje ndiye kubaheyideni.
7
Waza wesuka kona, waya wangena endlwini y omntu otile ogama lingu‐Yusitusi, obebedesha utixo, ondlu ibibandakanyene nendlu yentlanganiso.
8
Wati ke u‐Krisipo, umpati wendlu yentlanganiso, wakolwa kwinkosi kunye nayo yonke indlu yake; nabaninzi bakuwo ama‐Korinte besiva babekolwa, babapitizeshwa.
9
Yaza yati inkosi ku‐Paulusi ngomboniso ebusuku: Ungoyiki, uz’ utete, ungati cwaka:
10
ngokuba ndinawe mna, kwaye kungayi kuwelana nawe namnye ukuze akwenzakalise; ngokuba ndinabantu abaninzi kwesisixeko.
11
Wahlala kona ke umnyaka mnye unenyanga ezintandatu, efundisa pakati kwabo ilizwi likatixo.
12
Kekaloku nxa u‐Galiyone ebengumgwebi pezu kwe‐Akaiya, ati ama‐Juda ngentliziyo nye asukela ngaku‐Paulusi, amsa pambi kwesihlalo sokugweba,
13
esiti: Lo uyahenda abantu ukuba babedeshe utixo ngokungalungelene nomteto.
14
Esaza kuvula umlomo u‐Paulusi, wati u‐Galiyone kuma‐Juda: Ukuba kambe ibiyinto esisenzo esingalungileyo umhlaumbi esesobunginingini obukohlakeleyo, nina ma‐Juda! ngekufanelekile ukuba ndininyamezele;
15
kodwa ukuba ngumbuzo ngawo amazwi, nangamagama, nangomteto wakowenu, wukangeleni ngokwenu; ngokuba ndingafuni ukuba ngumgwebi wezizinto.
16
Waza wawagxota esihlalweni sokugweba.
17
Asuka onke ama‐Girike ambamba u‐Sositene, umpati wendlu yentlanganiso, ambeta ebusweni besihlalo sokugweba: kanti u‐Galiyone ebengakataleli nanye yezizinto.
18
KEKALOKU u‐Paulusi akuba ebesahleli kona imihla yamininzi, wabulisa abazalwana, waselishela e‐Siriya, benaye u‐Pirisila no‐Akwila, egugule intloko yake e‐Kenkriya; ngokuba ebesenzile isibambiso.
19
Waza wafika e‐Efese, wabashiya abo kona. Kodwa yena ngokwake wangena endlwini yentlanganiso, wateta kuma‐Juda.
20
Wati akutandazwa ngawo ukuba alibale ngakumbi kuwo, akavuma;
21
koko wawabulisayo, wati: Ndifanele kunene ukuba ndiwubambe umtendeleko ozayo e‐Yerusaleme; kodwa ndobuya ndize kuni, evuma utixo. Waza wanduluka e‐Efese.
22
Wati akuba ebefikele e‐Kesareya, wenyuka, wabulisa iṙemente, wehla waya e‐Antiyoki.
23
Waza elenzile ixesha elitile kona, wemka, ecanda ilizwe le‐Galati ne‐Firijiya indawo ngendawo, esomeleza bonke abadisipile.
24
KEKALOKU um‐Juda otile ogama lingu‐Apolosi, owase‐Aletsandriya ngokuzalwa, iciko lokuteta, obenamandla eziba̔lweni, wafika e‐Efese.
25
Yena lo wayefundisiwe indlela yenkosi; owabesiti ezondelele emoyeni, wateta wafundisa ngokuku̔tala izinto ezingayo inkosi, esazana nobapitizesho luka‐Johane lodwa.
26
Wati lo kanjalo waqala ukuteta ngokukalipa endlwini yentlanganise: abati bakuba bebemvile u‐Akwila no‐Pirisila, bamtabatela kubo, bamca̔zela indlela katixo ngokukolisekileyo ngakumbi.
27
Naxeshekweni ebefuna ukuhambela e‐Akaiya, abazalwana baba̔la kubadisipile bakona, ba ba yala ukuba mabamamkele ngembuko: owati akufika, wabanceda kakulu abo bakoliweyo ngalo ufefe:
28
ngokuba ebewanyela ama‐Juda ngamandla ekuhleni, ebonakalisa ngeziba̔lo ukuba u‐Yesu unguye u‐Kristu.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28