bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 26
Acts 26
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 27 →
1
Waza u‐Agiripa wati ku‐Paulusi: Uvunyelwa ukuba uzitetele. Wandula u‐Paulusi wolula isandla, wazipendulela, esiti:
2
Ndiba ndinetamsanqa, kumkani Agiripa! ukuba ndiya kuzipendulela pambi kwako namhla, ngenxa yezinto zonke endinikwa ityala ngazo ngama‐Juda:
3
ngokukodwa, kuba usazana nawo onke amasiko namabuzo apakati kwama‐Juda: ngako ndiyakukunga ukuba undive ngokunyamezela.
4
Kekaloku ukuhlala kwam kutabata ebutsheni bam, okwabako kwa sekuqaleni pakati kwohlanga lwam e‐Yerusaleme, ayakwazi onke ama‐Juda;
5
abenokundazi ngapambili kanye, ukuba ebevuma ukunqi̔na, okokuba ngokwohlobo lwembedesho yetu oluzalisekileyo kuzo zonke ndahlala ndingumfarisi.
6
Nakaloku ndimi ndibuzwa pezu kwetemba lesibambiso esenzelwa obawo ngutixo;
7
eziti izizwe zetu ezilishumi linazibini, zikonza uTixo ngokunyameka emini nasebusuku, zitembele ukusizuza: enditi ngenxa yelotemba, kumkani Agiripa! ndinikwe ityala ngama‐Juda.
8
Yinina? kutwa na nini ukuti yinto ekungekolwe yiyo, ukuba utixo uyavusa abafileyo?
9
Kwa njalo ke mna ngokwam ndaba ndinge ndisenza izinto ezininzi ezica̔sene negama lika‐Yesu wase‐Nazarete:
10
endite oko kanjako ndakwenza e‐Yerusaleme; ewe abaninzi bakubo abangcwele ndabavalela ezintolongweni, ndilamkele igunya kubaperisite abakulu; naxeshekweni bebebulawa, ndanika ilizwi lam ngakubo.
11
Nakuzo zonke izindlu zentlanganiso, ndibabeta futi nje, ndibe ndi ba nyanzela ukugxeka; kanjalo ndibababamela kakulukazi ke, ndibe ndi ba tshutshisa kwada kwakuzo nezixeko ezingapandle.
12
Endandite pakati kwezizinto, nxa bendihambela e‐Damakusi ndinegunya nomyalezo kubo abaperisite abakulu,
13
emini enkulu, kumkani! ndabona endleleni inkanyiso ivela ezulwini, ngapezu kwokukazimla kwelanga, ikanya ngakum nangakubo abebehamba nam ngokungqonga.
14
Kekaloku sakuba siwile pantsi sonke emhlabeni, ndeva ilizwi liteta kum lisiti nokuti ngokuteta kwama‐Hebere: Saulusi, Saulusi! uyanditshutshisela nina? kunzima kuwe ukukaba ngasezihlabeni.
15
Ndaza ndati mna: Ungubanina, Nkosi? Yayisiti yona: Mna ndingu‐Yesu, lowo umtshutshisayo.
16
Kodwa suka, ume ngenyawo zako: ngokuba ndibonakalele oku kuwe, ukuba ndikumisele ube ngumkonzi nenqi̔na, nangezozinto uzibonileyo, nangezo endiya kubonakala kuwe kuzo;
17
ndikuhlangula ebantwini nasebaheyidenini, endikutuma kubo kaloku;
18
ukuba uvule amehlo abo, ukuze baguquke ebumnyameni bangene ekukanyeni, nasemandleni ka‐Satane beze kutixo, ukuze bamkele ukuxolelwa kwezono, nelifa pakati kwabenziwe ngcwele, ngalo ukolo olungakum.
19
Kukona, kumkani Agiripa! ndandingenakungeva esosibonakaliso sasezulwini;
20
koko ndandishumayela kubo abase‐Damakusi kuqala, nase‐Yerusaleme, napakati kwalo lonke ilizwe le‐Judeya, nakubaheyideni, ukuba bagqoboke, baguqukele kutixo, besenza imisebenzi eyelelana nogqoboko.
21
Abesiti ama‐Juda ngenxa yezizinto, endibambile etempileni, alinga uku ndi bulala.
22
Ngako ndizuzile usizo kutixo nje, ndisemi kwada kwayimini le, ndinqi̔na nakuye omncinane nakuye omkulu, ndingateti nanye into ngapandle kwezo ababete nabaprofite no‐Mosesi ziya kubako;
23
ukuba u‐Kristu ufanele ukuva intlungu, ukuba woba ngowokuqala kwabavuka kubafileyo, ashumayele ukanyiso kubo abantu nakubo abaheyideni.
24
Kekaloku nxa abezipendulela njalo, wati u‐Festusi ngelizwi elikulu: Uyageza, Paulusi! ufundo oluninzi luyakugezisa.
25
Kodwa yena wati: Andigezi, Festusi odumileyo kakulu! koko ndiwapimisela amazwi enyaniso nawentelekelelo:
26
ngokuba ukumkani esazi kakulu ngazo ezizinto, enditeta kuye kanjalo ngokukalipa: ngokuba ndinokukolwa kukuba akafihlelwa nanye yezizinto; ngokuba oku kungenziwanga egumbini.
27
Uyakolwa ngabaprofite na, kumkani Agiripa? Ndiyazi ukuba uyakolwa ngabo.
28
Waza u‐Agiripa wati ku‐Paulusi: Upantsi kundicenga ukuba ndibe ngum‐Kristu.
29
Wati u‐Paulusi: Ngendinqwena kutixo, ukuba, nangokupantsi nangokukanye, kungabi nguwe wedwa, kube ngabo bonke abandivayo namhla, babe benjalo njengokuba ndinjalo nam, kupela izinxibo ezi zingabiko.
30
Kwati kwakuba ekutshilo oku, wesuka ukumkani, nenkosi, no‐Berenike, nababehleli nabo.
31
Baza bakuba beye ecaleni, bateta omnye kwomnye, besiti: Lomntu akenzi nto efanele ukufa nezinxibo.
32
Waza u‐Agiripa wati ku‐Festusi: Lomntu ange ekululwe, ukuba ebengamangalanga ku‐Kesare.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28