bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 28
Acts 28
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
1
Bati bakuba besindile, bandula baqonda ukuba isiqiti sibizwa nge‐Melita.
2
Baza abemi bakona basenzela ububele obungenziwa futi: ngokuba bepembile umlilo, basamkela sonke, ngenxa yemvula ekoyo, nangenxa yengqele.
3
Kekaloku nxa u‐Paulusi ebebutile inyanda yentsasa, nanxa ebe yi bekile pezu kwomlilo, kwapuma inyoka ngokufudumala, yaziqinisa esandleni sake.
4
Baza abemi bakona bakubona isilo eso silengalenga esandleni sake, bati omnye kwomnye: Okunene ungumbulali umntu lo, ote, nakuba esindile elwandle, impindezelo ayimvumelanga ukuba adle ubomi.
5
Wati kekaloku yena esivutululele emlilweni isilo eso, akeva senzakalo.
6
Koko bona bebekangela ukuba uya kuti adumbe, umhlaumbi awe pantsi ngesiqupe efile: kodwa bakuba bebekangela kade, bengaboni nto embi imhlela, bajika intliziyo, bati ungutixo.
7
Kwa kwezondawo zangakona ibiko imihlaba yoyintloko yesiqiti, ogama lalingu‐Pubiliyo; owasamkelayo, wasihlalisa kuye imihla yamitatu ngobuhlobo.
8
Kwaye kute, uyise ka‐Pubiliyo ebelele ibanjwa licesine nesixaxazo segazi; owati u‐Paulusi wangena kuye, watandaza, wabeka izandla pezu kwake, wampilisa.
9
Kekaloku kwakuba kwenziwe oku, babesiza nabanye abebenezifo esiqitini, bapiliswa:
10
abasibekayo ngembeko ezininzi kanjalo, bati ekundulukeni kwetu ba si twesa ngezinto ezisilungeleyo.
11
Sada emveni kwenyanga zantatu sanduluka ngenqanawa yase‐Aletsandriya, ebenze ubusika esiqitini, inopa̔u olungu‐Kasitore no‐Polutse.
12
Saza safikela emhlabeni e‐Sirakuse, salibala kona imihla yamitatu.
13
Sisuka apo sazekelela seza kufika e‐Regiyo; wati emveni kwosuku lunye wavuka umoya wasesuyide, saza ngowesibini umhla safika e‐Puteyoli;
14
apo safumana kona abazalwana, sabongozwa ukuba silibale kubo imihla ibe sixe̔nxe: saya njalo ke ukuya e‐Roma.
15
Baza abazalwana bakuva okwetu bapuma kona, beza kusikaulela kwada kwase‐Apiyoforume, nase‐Tavene‐ntatu; owati u‐Paulusi akubabona, wabulela kutixo, wazuza ukwomelela.
16
Kekaloku okuya sasifikile e‐Roma, yati inkosikulu yanikela ababanjwa kwinkosi yomkosi wakwomkulu: kodwa kwavunyelwa u‐Paulusi ukuba ahlale yedwa, kunye nesodati elimgcinayo.
17
KWAYE kute emveni kwemihla mitatu, u‐Paulusi wababizela ndawonye kuye abakulu bakuma‐Juda. Nxa ke bebebutene, wabesiti kubo: Madoda, bazalwana! nakuba ndingenzanga nto eca̔sene nabantu namasiko obawo betu, ndanikelwa ndingumbanjwa e‐Yerusaleme ezandleni zama‐Roma.
18
Abesiti wona akuba endibuzile, afuna uku ndi kulula, ngenxa yokuba bekungeko tyala elibang’ ukufa kum.
19
Kodwa akupika ama‐Juda, ndanyanzelwa ukumangala ku‐Kesare; kungekukuba ndibe ndinento ukunika uhlanga lwam ityala ngayo.
20
Ngenxa yelituba ngoko ndinibizele kum, lokuba ndi ni bone, nokuba nditete na ni: ngokuba kungenxa yetemba lo‐Sirayeli endifakiwe lomxokelelwane.
21
Baza bona bati kuye: Asamkelanga ncwadi ngawe tina ivela e‐Judeya, akuko mntu wakubazalwana kanjako ote akufika apa washumayela umhlaumbi wateta into ngawe ekohlakeleyo.
22
Kodwa siba kufanelekile ukuba sive kuwe oko ukukumbulayo: ngokuba ngalo ulwahlukano olu kusaziwa siti ukuba luyapikwa kuzo zonke indawo.
23
Kekaloku bemmisele umhla otile nje, kweza kuye endaweni yake yokuhlala abaninzi; owabebaca̔zela ubukumkani bukatixo, wa bu nqi̔nela, wabacenga ngento ezingaye u‐Yesu kanjalo, nakuwo umteto ka‐Mosesi nakubo abaprofite, kwa sekuseni kwada kwahlwa.
24
Baza abanye beyiswa zizinto ezibe zitetwa, kodwa abanye abakolwa.
25
Bati ke bakuba bengavumelene omnye nomnye, banduluka, nxa u‐Paulusi ebetshilo eli lizwi linye lokuti: Ulungisile ukuteta umoya oyingcwele ngo‐Yisaya umprofite kubo obawo betu,
26
esiti: Hamba uye kwababantu, uti: Ngokuva niya kuva, ningezi niqonde; nibona nje niya kubona, ningezi niqiqe:
27
ngokuba intliziyo yababantu idikiwe, nendlebe bazenze nzima ukuva kwazo, namehlo abo bawacimile; hleze babone ngamehlo, beve ngendlebe, baqonde ngentliziyo, baguquke, ndibapilise.
28
Makwazeke ngoko kuni, ukuba usindiso lukatixo lutunyiwe kubaheyideni, abaya kuva bona.
29
Kute akuba ebetshilo oku, emka ama‐Juda, enopikisano olukulu pakati kwawo.
30
Wati kekaloku u‐Paulusi wahlala iminyaka mibini ipela kweyake indlu eqashiweyo, wabamkela ngembuko bonke ababengena kuye,
31
eshumayela ubukumkani bukatixo, efundisa izinto ezingayo inkosi u‐Yesu Kristu, ngokukalipa konke, engenakwalelwa.
← Chapter 27
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28