bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 16
Acts 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 17 →
1
Waza wafika e‐Derebe nase‐Lisitira: kekaloku bona ke, umdisipile otile ebekona, ogama lingu‐Timote, unyana womfazi otile obengum‐Judakazi okoliweyo, nowoyise obengum‐Girike;
2
obenqi̔nelwa kakuhle ngabazalwana abebese‐Lisitira nase‐Koniyume.
3
Yena lo u‐Paulusi watanda ukuba apume aye naye; waza wamtabata wamalusa, ngenxa yama‐Juda abekuzo ezondawo; ngokuba onke ebemazi uyise ukuba ungum‐Girike.
4
Bati ke nxa bebezicanda izixeko, babanikela imiteto ebekugwetyiwe ngayo ngabapostile nabadala abebese‐Yerusaleme, ukuba bayibambe.
5
Kwa nje ke iṙemente zibe ziqiniswa elukolweni, zamana zisanda inani lazo imihla ngemihla.
6
Kekaloku bakuba bebecandile i‐Firijiya nelizwe le‐Galati, besalelwa ngumoya oyingcwele ukuteta ilizwi e‐Asiya,
7
bati bakufika e‐Misiya, balinga ukuya e‐Bitiniya; kanti umoya akabavumela.
8
Baza bedlula e‐Misiya behla beza e‐Tirowa.
9
Kwaza kwabonakala umboniso ku‐Paulusi ebusuku: Kwaye kumi indoda etile yase‐Masedoniya, imbongoza, isiti nokuti: Wela uze e‐Masedoniya, usisize.
10
Xeshekweni ke abebonile umboniso lowo, sati kwa oko safuna ukumka siye e‐Masedoniya, siqonda ngawo ukuba inkosi isibizele ukushumayela ivangeli kubo.
11
Ngako sindulukile nje e‐Tirowa, sati ngqo ukuselishela e‐Samotirase, na ngomhla olandelayo e‐Neyapolise.
12
Saza sisuka kona saya e‐Filipi, esisixeko esikulu sesosahlulo sase‐Masedoniya, siyikoloni. Saye sibe sihlala kwesisixeko imihla etile:
13
sati ke ngomhla wesabata sapuma saya pandle kwesixeko ngasemlanjeni, apo bekulisiko ukuba kutandazwe kona; saza sahlala pantsi, sateta kuwo amankazana abebutene ndawonye.
14
Kwaye kusiva inkazana etile egama lingu‐Lidiya, umtengisikazi w ezivato ezibomvu wasesixekweni se‐Tiyatira, ebibedesha utixo; entliziyo yayivulayo inkosi, ukuba inyamekele izinto ezibe zitetwa ngu‐Paulusi.
15
Yati yona yakuba ibapitizeshiwe, nendlu yayo, yasibongoza, isiti: Ukuba nigwebile ukuti ndinyanisekile kwinkosi, ngenani endlwini yam, nihlale kona. Yaza yasiqu̔ba.
16
Kwaye kute, nxa sibe sisiya endaweni yokutandaza, isicakazana esitile sinomoya wokulaula sasikaulela, esasisenzela inkosi zaso inzuzo enkulu ngokulaula.
17
Sona salandela u‐Paulusi nati, sadanduluka, sisiti: Ababantu bazizicaka zikatixo opezu konke, ezisishumayezayo indlela yosindiso.
18
Oku ke sasikwenza imihla yamininzi. Kodwa u‐Paulusi, ebindekile nje, wajika wati kumoya lowo: Ndiyakuyalela egameni lika‐Yesu Kristu ukuba upume kuso. Waza wapuma kwa ngeloxeshana.
19
Kekaloku inkosi zaso zakubona ukuba itemba lenzuzo yazo limkile, zabamba u‐Paulusi no‐Silasi, zabar̔olela endaweni yentengo pambi kwabapati.
20
Zaza zibangenisile emagoseni zati: Ababantu bayakataza isixeko setu kakulu, bengama‐Juda nje;
21
abati bashumayele amasiko ekungavunyelwa tina ukuba siwamkele nokuba siwenze, singama‐Roma nje.
22
Saza isihlwele sabasukela kunye; ati amagosa ebahlutile ingubo ngokuṙazula, axela ukuba mababetwe ngentonga.
23
Baza bakuba bebenzele imivimbo emininzi ba ba posela entolongweni, bayalela umlindi wentolongo ukuba abagcine ngokuqinisekileyo:
24
owati esamkele isiyalelo esinjalo, wabaposela entolongweni yapakati, waqinisa inyawo zabo emtini.
25
Kekaloku pakati kwobusuku u‐Paulusi no‐Silasi bebetandaza, bavuma amaculo kutixo: baye ke ababanjwa bebapulapula.
26
Kwaza kwabako ngokwalama isingcangcazelo somhlaba esikulu, yada yazanyazanyiswa imisekelo yentolongo: zasuka zavuleka ingcango kwa oko zonke, nezinxibo zabo bonke zatukululeka.
27
Wati umlindi wentolongo evukile ebutongweni bake, ebona ukuba ingcango zentolongo zivulekile, war̔ola isiṙele, waza kuzibulala, eba ababanjwa besabile.
28
Kodwa u‐Paulusi wamemeza ngelizwi elikulu, esiti: Ungazenzakalisi; ngokuba silapa kwa sonke.
29
Waza wabiza isibane, watsibela pakati, waba engcangcazela, wawa pantsi pambi kwo‐Paulusi no‐Silasi,
30
wabakokela ngapandle, wati: Zinkosi! ndifanele ukwenza nto nina ukuze ndisindiswe?
31
Bati ke bona: Kolwa kuyo inkosi u‐Yesu Kristu, wauya kusindiswa wena nendlu yako.
32
Baza bateta kuye ilizwi lenkosi, nakubo bonke abebesendlwini yake.
33
Waza wabatabata naye ngelona ixeshana lobusuku, wahlanza imivimbo yabo, wabapitizeshwa yena nabo bonke abake kwa oko.
34
Wati kanjalo akuba ebanyusele endlwini yake, wababekela ukutya, wagcoba ukuba ekoliwe kutixo, kunye nayo yonke indlu yake.
35
Kekaloku kwakuba kusile, amagosa lawo atuma imisila, esiti: Bakulule abantu abo.
36
Waza umlindi wentolongo wamtyela u‐Paulusi lamazwi, wati: Amagosa atumile ukuti manikululwe; ngako kaloku pumani, nihambe ngoxolo.
37
Kodwa u‐Paulusi wati kuyo: Asityabula ekuhleni singagwetywanga, singabantu abangama‐Roma, asiposela entolongweni: kekaloku ngoku ayasiku̔pa ngasese na? hai kambe; makeze wona ngokwawo asikapele ngapandle.
38
Yati imisila yaxela lamazwi kumagosa: aza oyika akuva ukuba bangama‐Roma,
39
eza ababongoza, abakapela ngapandle, abatandaza ukuba mabemke esixekweni.
40
Bapuma ke entolongweni, baza bangena endlwini ka‐Lidiya: baza bakuba bebebonile abazalwana, babonwabisa, bemka.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28