bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 9
Acts 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 10 →
1
KEKALOKU u‐Saulusi esapefumla ukusongela nokubulala ngakubo abadisipile benkosi, waya kumperisite omkulu,
2
wacela kuye incwadi zokuya e‐Damakusi, ziba̔l elwa intlanganiso zakona, ukuze ati, ukuba uyafumana abatile abebengabendlela leyo, kwa namadoda namankazana, abazise benxityiwe e‐Yerusaleme.
3
Kekaloku ekuhambeni kwake, kwaye kute nxa ebesoudela e‐Damakusi, kwandula ukuti benge ngakuye ngokwalama inkanyiso ivela ezulwini.
4
Waza ewile ngasemhlabeni weva ilizwi lisiti kuye: Saulusi, Saulusi! unditshutshisela nina?
5
Wayesiti: Ungubanina, Nkosi? Yayisiti inkosi: Mna ndingu‐Yesu, lowo umtshutshisayo: kunzima kuwe ukukaba ngasezihlabeni.
6
Waza engcangcazela enokuti nqa wati: Nkosi! ufuna ukuba ndenze nto nina? Yaza inkosi yati kuye: Suka, ungene esixekweni; wauya kutyelwa oko ufanele ukukwenza.
7
Kekaloku amadoda abehamba naye ebemi engenakuteta, esiva okunene ilizwi, engaboni mntu kodwa.
8
Waza wesuka u‐Saulusi emhlabeni; kwati kwakuvulwa amehlo ake, akabona mntu; aza emtundeza ngesandla amngenisa e‐Damakusi.
9
Wayentsuku ntatu engenakubona; akadla ke, akasela kanjako.
10
Kwabekuko umdisipile otile e‐Damakusi ogama lalingu‐Hananiya; yaza yati kuye inkosi embonisweni: Hananiya! Wati yena: Nanku mna, Nkosi!
11
Yati inkosi kuye: Suka, uye esitarateni esibizwa ngokuti Sesite‐ntse, ubuzele endlwini ka‐Jude umntu ogama lingu‐Saulusi, um‐Tarese; ngokuba, bona ke, etandaza;
12
oyibonileyo embonisweni indoda egama lingu‐Hananiya ukuba yangena yabeka isandla pezu kwake, ukuze abuye abone.
13
Waza wati u‐Hananiya ukupendula: Nkosi! ndivile kwabaninzi ngayo indoda le, ukuba zingakanana izinto zobubi izenzileyo kubo abangcwele bako e‐Yerusaleme;
14
nalapa inalo igunya livela kubaperisite abakulu, lokuba inxibe bonke ababiza egameni lako.
15
Kodwa inkosi yati kuye: Hamba; ngokuba lo eyimpahla enyuliweyo kum, yokupata igama lam pambi kwabaheyideni, nokumkani, nosapo luka‐Sirayeli;
16
ngokuba ndiya kumbonisa ukuba zizinto ezingakanana afanele ukuziva ngenxa yegama lam.
17
Wemka ke u‐Hananiya, waya wangena endlwini leyo; waza wabeka izandla pezu kwake, wati: Mzalwana Saulusi! inkosi inditumile, kwa u‐Yesu owabonakala kuwe endleleni ubusiza ngayo, ukuze ubuye ubone, nokuba uzaliswe ngumoya oyingcwele.
18
Kwandula kwa oko kwawa emehlweni ake zanga zinkwetu, waselekwamkela ukubona ke, wesuka wabapitizeshwa:
19
waza akuba etabatile ukutya womelezwa. Kekaloku u‐Saulusi wayeko nabadisipile abebese‐Damakusi intsuku ezitile.
20
Waza waseleshumayela u‐Kristu ezindlwini zentlanganiso, ukuba lo unguye unyana katixo.
21
Koko bamangaliswayo bonke ababesiva, bati: Lo asi nguye na owaci̔ta abo babebiza kweligama e‐Yerusaleme, nobezele oku kwa lapa, ukuba abazise benxityiwe pambi kwabaperisite abakulu?
22
Kodwa u‐Saulusi womelezeka ngakumbi, wawati piti ama‐Juda abehlala e‐Damakusi, eqinisa ngezizatu ukuba lo unguye u‐Kristu.
23
Kwati kwakuzaliseka imihla yamininzi, acebisana ama‐Juda ukuba ambulale:
24
kodwa ingcebo yawo yazeka ku‐Saulusi. Aza alalela amasango nasemini nasebusuku, ukuze ambulale.
25
Kodwa abadisipile bamtabata ebusuku, ba m hlisela pantsi ngodonga, be m hlisile engobozini.
26
Kekaloku akuba u‐Saulusi ebefikile e‐Yerusaleme, wabelinga ukukolana nabadisipile: kanti bonke bebemoyika, bengakolwa ukuba ungumdisipile.
27
Kodwa u‐Banabasi wamtabata naye, wamzisa kubapostile, wababalisela okokuba ebebonile inkosi endleleni, nokuba yateta kuye; nokokuba ebetetile ngokukalipa egameni lika‐Yesu e‐Damakusi.
28
Waye eko nabo e‐Yerusaleme engena epuma nokupuma,
29
eteta ngokukalipa egameni lenkosi u‐Yesu: kanjalo wateta wabuzisana naba‐Girike; koko bona bebelinga ukumbulala.
30
Kodwa abazalwana, bakwazi oku, bamkapela e‐Kesareya, bamsusa ukuya e‐Tarese.
31
Zandula zati ke iṙemente kuyo yonke i‐Judeya, ne‐Galili, ne‐Samariya, zanoxolo, zakiwa; zaza zihamba ekwoyikeni inkosi, naselwonwabisweni lwo?-? moya oyingcwele, zandiswa.
32
KWAYE kute, akuba u‐Petrosi ebecanda kuzo zonke indawo wehlela nakubo abangcwele abebehlala e‐Luda.
33
Kekaloku wafumana apo umntu otile ogama lingu‐Eneya, obelele eluku̔kweni iminyaka yasibozo, obenesifo sokushwabanisa.
34
Waza u‐Petrosi wati kuye: Eneya! u‐Yesu ongu‐Kristu uyakupilisa; suka, uzandlalele. Waselesuka kwa oko.
35
Baza bambona bonke abebehlala e‐Luda nase‐Sharone, abati baguqukela kwinkosi.
36
Kekaloku bekuko e‐Jopa umdisipilekazi otile ogama lingu‐Tabita, o‐kutiwa ngokukunyushwa ngu‐Dokasi: yena lo ebezele yimisebenzi elungileyo nemilizo abeyenza.
37
Kwaye kute kwezontsuku ke, wabesifa, wabuba: bati bakuba bemhlambile, bambeka enkambilini yapezulu.
38
Kekaloku i‐Luda ikufupi nje ne‐Jopa, bati abadisipile bakuva ukuba u‐Petrosi ukona, batuma amadoda amabini kuye, be m bongoza ukuba makanganqeni ukuza kwa kubo.
39
Wesuka ke u‐Petrosi waya nawo. Oyena akuba efikile bamnyusela kulonkambili yapezulu: baza bema ngakuye bonke abahlolokazi belila, bebonakalisa izivato nengubo abezenza u‐Dokasi, nxa ebesenabo.
40
Kodwa u‐Petrosi wabaku̔pela pandle bonke, waguqa ngamadolo, watandaza; waza wajikela ngasemzimbeni, wati: Tabita! suka. Wawavula ke amehlo ake: wati akubona u‐Petrosi, wesuka wahlala.
41
Waza wamnikela isandla, wamsukisa; wati akuba ebabizile abangcwele nabahlolokazi, wammisa ebusweni babo ehleli.
42
Kwati ke oku kwazeka kuyo yonke i‐Jopa; baza abaninzi bakolwa enkosini.
43
Kwaye kute kekaloku wahlala imihla yamininzi e‐Jopa ku‐Simone otile umsuki wezikumba.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28