bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Acts 22
Acts 22
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 23 →
1
Madoda, bazalwana nobawo! yivani ukuzitetelela kwam endikuteta kuni ngoku.
2
(Babesitike bakuva ukuba uyateta kubo ngokuteta kwama‐Hebere, bati tu ngakumbi; waza wati:)
3
Mna ke ndiyindoda engum‐Juda, ndizalelwe e‐Tarese yase‐Silisiya, kodwa ndondlelwe kwisixeko esi ngasezinyaweni zika‐Gamaliyeli, ndifundiswe ngesiko elizalisekileyo lomteto wobawo betu, ndizondelela utixo, njengokuba nina nonke ninjalo namhla:
4
endite lendlela ndayitshutshisa kwada kwasekufeni, ndinxiba ndinikela ezintolongweni namadoda namankazana;
5
njengokuba nomperisite omkulu endinqi̔nela, nayo yonke intlanganiso yabadala; endandisamkela kubo nencwadi ziba̔l elwe abazalwana, ndahambela e‐Damakusi, ukuya kuzisa nabo abebekona benxityiwe e‐Yerusaleme, ukuze babetwe.
6
Kwaye kute, nxa ndibe ndihamba, ndisondela e‐Damakusi ngasemini enkulu, kwati benge ngokwalama inkanyiso enkulu ivela ezulwini indingqonga.
7
Ndaza ndawa ngasemhlabeni, ndeva ilizwi lisiti kum: Saulusi, Saulusi! uyanditshutshisela nina?
8
Ndati ke mna ukupendula: Ungubanina, Nkosi? Yaza yati kum: Mna ndingu‐Yesu um‐Nazarete, lowo umtshutshisayo.
9
Kekaloku abo babenam bayibona okunene inkanyiso, boyika ke; kodwa ilizwi lalowo ubeteta kum abaliva.
10
Ndaza ndati: Ndiya kwenza nto nina, Nkosi? Yayisiti inkosi kum: Suka, uye e‐Damakusi; wauya kutyelwa apo ngazo zonke ezonto umiselwe ukuzenza.
11
Naxeshekweni bendingenakubona ngenxa yobungcwalisa benkanyiso leyo, ndati nditundezwa ngesandla ngabo ababeko nam, ndeza e‐Damakusi.
12
Waza u‐Hananiya otile, indoda ebedeshekileyo ngokwomteto, inqi̔nelwa kakuhle ngawo onke ama‐Juda abehlala kona,
13
weza kum, wema kufupi, wati kum: Mzalwana Saulusi! yamkela ukubona kwako. Ndaza ndati kwa ngeloxeshana ndakangela ngakuye.
14
Waza wati yena: Utixo wobawo betu wamisela wena pambili ukuyazi intando yake, nokumbona olungileyo, nokuliva ilizwi livela emlonyeni wake:
15
ngokuba uya kuba linqi̔na lake kubo bonke abantu, ngezozinto uzibonileyo nozivileyo.
16
Nakaloku ulibala nganina? suka, ubapitizeshwe, uhlanzwe ezonweni zako, ubiza egameni lenkosi.
17
Kwaza kwati, ndakuba ndibuye ndeza e‐Yerusaleme, nanxa benditandaza etempileni, ndandikulo ipupaṙa,
18
ndabona yona isiti kum: Nxama, upume kamsinya e‐Yerusaleme; ngokuba bengayi kwamkela ukunqi̔na kwako ngam.
19
Ndati ke mna: Nkosi! bayazi bona kakulu ukuba ndibe ndibafaka entolongweni, ndabatyabula kuzo zonke izindlu zentlanganiso, abo babekolwa kuwe:
20
naxeshekweni belipalazwa igazi lika‐Stefane inqi̔na lako, ndibe ndimi kona kwa nam, ndatakazela ukubulawa kwake, ndazigcina ingubo zabo ababembulala.
21
Yaza yati kum: Hamba; ngokuba ndiya kukutuma kude, ukuya kubaheyideni.
22
Kekaloku bebempulapula kwada kwalelilizwi; baza bapakamisa ilizwi labo, besiti: Msuse emhlabeni onjalo! ngokuba kungafanelekile ukuba adle ubomi.
23
Nxa ke bebedanduluka, belahla ingubo zabo, beposa utuli ngasesibakabakeni,
24
yaxela inkosiwaka ukuba angeniswe elalini yamasodati, yati makaṙoṙonywe ngokubetwa, ukuze iqonde ituba ababememeza kangaka ngakuye ngenxa yalo.
25
Kodwa bakumolulela pambili ngentambo, wati u‐Paulusi kwi nkosikulu ebimi kona: Umntu ongum‐Roma, ongagwetywanga kanjalo, nivunyelwa ukumbeta kusinina?
26
Yati inkosikulu yakuva oko, yaya yashumayela kwinkosiwaka, isiti: Lumka into uza kuyenza; ngokuba umntu lo engum‐Roma.
27
Yasuka yeza inkosiwaka yati kuye: Ndixelele, ungum‐Roma kusinina? Wati yena: Ewe.
28
Yaza yati inkosiwaka ukupendula: Mna ubuzwe obu ndabuzuza ngenani elikulu lemali. Wati u‐Paulusi: Kodwa mna ndizelwe ndikwa nabo.
29
Kwandula kwa oko kwesuka kuye abo babeza kumṙoṙonya. Kanjako inkosiwaka nayo yoyika, yakuqonda ukuba ungum‐Roma, nangokuba ibimnxibile.
30
Yati ngomnye umhla, ifuna ukuyazi inyaniso yendawo, ukuba uyanikwa ityala ngama‐Juda nganina, yamkulula izinxibo, yaxela ukuba mabeze abaperisite abakulu nayo yonke intlanganiso yamapakati yawo; yaza imhlisile u‐Paulusi yammisa pakati kwabo.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28